YouVersion Logo
Search Icon

U‐Yisaya 11

11
1KOKO kuya kupuma ihlumelo esipunzini sika‐Jese, negatya liya kuhluma ezingcanjeni zake. 2Umoya kayehova wopumla pezu kwake, umoya wobulumko nengqondo, umoya wobucebo namandla, umoya wokumazi nokumoyika uyehova. 3Waeya kuqiqa msinya okwokwoyikwa kukayehova; akayi kugweba ngokubona kwamehlo, akayi kwaba ngokuva kwendlebe kanjako: 4koko eya kugwebela amahlwempu ngobulungisa, abele abalulamileyo bomhlaba ngolungelelaniso; uya kubeta umhlaba ngoswazi lwomlomo wake, nangomoya womlomo wake wobubisa okohlakeleyo. 5Ubulungisa boba ngumbinqo wesinqe sake, nenyaniso yoba ngumbinqo wezintso zake. 6Yandule incu̔ka ihlale nemvana, nengwe ilale pantsi nebokwana; itole nengonyamana nenkatyana etyetyisiweyo zoba ndawonye; nomntwana omncinane wozikokela. 7Imazi entsha neberekazi zodlelana; inkonyana zazo zoti butu ndawonye; nengonyama iya kutya inca njengenkomo. 8Usana luya kudlala emnxunyeni weṙamba, nomntwana olunyulweyo wobeka isandla sake pezu kwentunja yebasiliske. 9Akuyi kupatwa kakubi, akuyi kubujiswa kanjako, kuyo yonke intaba yam eyingcwele; ngokuba umhlaba uya kuzala kukwaziwa kukayehova, njengokuba amanzi egubungela ulwandle. 10Kwakuya kuti ngomhla lowo, ingcambo ka‐Jese, eya kuma ibe yibanile yezizwe, kwa kuyo yona abaheyideni baya kufuna; nendawo yokupumla kwayo yoba ’bungcwalisa.
11Kwakuya kuti ngomhla lowo, inkosi iya kupinda ngokwesibini ukwolula isandla sayo, ize ikulule isisalela sabantu bayo, abo abaya kusala, e‐Asiriya, nase‐Jipete, nase‐Patrose, nase‐Kushe, nase‐Helami, nase‐Shinare, nase‐Hamati, naseziqitini zolwandle. 12Yaiya kupakamisela abaheyideni ibanile, ibahlanganise abagxotiweyo bakwa‐Sirayeli, nabacitakeleyo bakwa‐Juda ibabute, ezipelweni zozine zomhlaba. 13Wandule umona wo‐Frayime ukumka, nababutshaba bakwa‐Juda ukunqanyulwa; o‐Frayime abayi kuba namona ko‐Juda, no‐Juda abayi kuba nabutshaba ko‐Frayime. 14Koko beya kugaleleka emagxalabeni ama‐Filistiya ngasentshonalanga; kwa kunye baya kupanga amadoda asempumalanga; isandla sabo baya kusibeka pezu kwe‐Edome ne‐Mowabi; nosapo luka‐Hamoni lwobapulapula. 15Waye uyehova eya kulahlela ekutshabalaleni icweba lolwandle lwase‐Jipete, avivinye isandla sake ngasemlanjeni, ngamandla omoya wake, awubete ube zimbaxa ezisixe̔nxe, abenze bawele ngezihlangu. 16Wauya kubako umendo kwisisalela sabantu bake, abo abaya kusala, uvela e‐Asiriya, njengokuba wabuko ko‐Sirayeli, emhleni babenyuka ezweni le‐Jipete.

Currently Selected:

U‐Yisaya 11: XHO1902A

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

Video for U‐Yisaya 11