YouVersion Logo
Search Icon

U‐Yisaya 13

13
1UMGWEBO nge‐Babilone, owawubonayo u‐Yisaya, unyana ka‐Amotse.
2Misani ibanile pezu kwentaba ende; pakamisani ilizwi kubo; shukushukumisani isandla; ukuba bangene emasangweni abadumileyo. 3Sendiyalezele abahlulwa bam; ndiwabizile namaṙoti am ngenxa yengqumbo yam, abavuyeleli bam abaner̔atshi.
4Isandi sesihlwele ezintabeni, njengesabantu abaninzi; isandi sembutumbutu yezikumkani, sezizwe ezihlanganisiweyo; uyehova wemikosi uyabala umkosi wokulwa. 5Bavela ezweni elikude, esipelweni sezulu, uyehova nabenzi bomsindo wake, ukuza kucita ilizwe lonke.
6Lilani ke, ngokuba umhla kayehova ukufupi: njengengcitakaliso evela konamandla onke uya kuza. 7Ngenxa yoku izandla zonke ziya kupolelwa, nazo zonke intliziyo zabantu zonyibilika; 8baya kwetuswa; inimba nentlungu ziya kubabamba; njengomfazi ozalayo baya kututumba; baya kukangelana ngokuti nqa; ubuso babo boba bubuso bamalangatye.
9Bona ke, umhla kayehova uyeza! unobukali, unokuṙala, unengqumbo eshushu, ukwenza ilizwe ingcitakalo, naboni balo ukubatshabalalisa kwa kulo. 10Ngokuba inkwenkwezi zezulu, nezikwenkwezi ezikulu zalo, aziyi kukazimlisa ukukanya kwazo; ilanga loba mnyama ekupumeni kwalo, nenyanga ayiyi kukanyisa ukukanya kwayo. 11Ndandiya kwohlwayela inkohlakalo pezu kwelizwe, nokwona kwabo pezu kwabangalungileyo; uqanqalazo lwabazidlayo ndolupelisa, ner̔atshi lwabazidlwengu ndolitobela pantsi. 12Amadoda ndiya kuwenza enqabile pezu kwegolide ecokisiweyo, nabantu pezu kwegolide yase‐Ofire. 13Ngenxa yoku ndiya kuzamazamisa izulu, nomhlaba uya kungcangcazeliswa endaweni yawo; ekuṙaleni kukayehova wemikosi, nasemhleni wengqumbo yake eshushu. 14Boba njengebadi elisukelwayo, nanjengegusha ezingenamntu ozibutayo; abanye ngabanye bobeka ngasebantwini bakowabo, nabanye ngabanye bosabela kwelakowabo ilizwe. 15Osukuba efunyanwa uya kuhlatywa, nosukuba ebaleka wowa ngesiṙele. 16Intsatshana zabo ziya kutyunyuzwa pambi kwamehlo abo; izindlu zabo ziya kupangwa, nabafazi babo bodlwengulwa. 17Bona ke, ndiya kuwavusa ngakubo ama‐Medi, ati isilivere angayikumbuleli, negolide angayinyamekeli. 18Izipeta zawo ziya kutyumza amadodana; nesixakato sesizalo akayi kuba nanceba ngakuso; iliso lawo aliyi kuba nalusizi pezu kwabantwana.
19Kanjalo i‐Babilone, ubuhle bezikumkani, inkazimlo yobungcwalisa bama‐Kaledine, yoba njengasekucitweni kwe‐Sodome ne‐Gomora ngutixo. 20Ayisayi kumiwa napakade, akuyi kuhlalwa kuyo kwisizukulwana ngesizukulwana; um‐Arabi akayi kumisa intente kona, nabalusi abayi kubutumisa kona. 21Koko amaṙamncwa asentlango aya kubutuma kona, ziti izindlu zabo zizaliswe ngezihuluhulu; inciniba ziya kuhlala kona, nembuzi ezilixonti ziya kuqakata kona. 22Impungutye ziya kulila ezindlwini zabo ezinkulu, nencu̔ka ezingxandeni zobuyolo: ixesha layo likufupi ukuza, nemihla yayo ayiyi kwolulwa.

Currently Selected:

U‐Yisaya 13: XHO1902A

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

Video for U‐Yisaya 13