YouVersion Logo
Search Icon

U‐Yisaya 54

54
1CULA, ludlolokazi, wena ungazalanga! gqabukela ekuculeni, udanduluke ngovuyo, wena obungenanimba! ngokuba abantwana balowo obeyedwa bebaninzi ngapezu kwabo abantwana bomfazi otshatileyo, utsho uyehova. 2Yenza banzi indawo yentente yako, nezikuselo zentlalo zako mabazitwabulule; ungaxaki; yolula intambo zako, nezibonda zako uziqinise. 3Ngokuba uya kutyoboza ngasekunene nangasekohlo; inzalo yako yolidla ilifa labaheyideni, izenze izixeko ezitshabaleleyo zimiwe. 4Ungoyiki, ngokuba ungayi kudaniswa! ungamatiswa kanjako, ngokuba ungayi kuviswa ihlazo: ngokuba udano lwobutsha bako uya kululibala, nehlazo lobuhlolokazi bako akusayi kuba salikumbula. 5Ngokuba umenzi wako eyindoda yako; nguyehova wemikosi igama lake: nomkululi wako ungoyingcwele ka‐Sirayeli; uya kubizwa ngokuti ngutixo wawo wonke umhlaba.
6Ngokuba njengomfazi oshiyiweyo, omoya ubuhlungu, uyehova ekubizile, nanjengomfazi wobutsha, nxa ubulahliwe, utsho utixo wako. 7Ngexanyana elincinane ndikushiyile; kodwa ngezibele ezikulu ndokubuta. 8Ngenkukulo yomsindo ndabufihlela ixanyana ubuso bam kuwe; kodwa ngobubele obungunapakade ndoba netaṙu ngakuwe, utsho umkululi wako, uyehova. 9Ngokuba oku kunjengamanzi ka‐Nowa kum: njengokuba bendifunga ukuba amanzi ka‐Nowa akayi kubuya agqitele pezu kwomhlaba, kwa njalo ndifungile ukuba andiyi kuba namsindo ngakuwe, nokuba andiyi kukutetisa. 10Ngokuba intaba ziya kumka, nenduli ziya kushukunyiswa; kanti ububele bam abuyi kumka kuwe, nocebano lwoxolo lwam aluyi kushukunyiswa, utsho uyehova okupatayo ngetaṙu.
11Wena ubandezelwayo, oxaliswayo, ongatutuzelwayo! bona ke, ndiya kulalisa amatye ako ngeqabo, ndikusekele ngesafire. 12Ndandiya kwenza ifenstile zako ngerubi, namasango ako ngamatye abengezelayo, nayo yonke imida yako ngamatye anqabileyo. 13Kanjalo bonke abantwana bako bofundiswa nguyehova; lwoba lukulu ke uxolo lwabantwana bako. 14Uya kumiswa ebulungiseni; woba kude embandezelweni, ngokuba ungayi kwoyika; nasesitusweni, ngokuba singayi kusondela kuwe. 15Ukuba baka babutelane, akuveli kum; osukuba ebutela ngakuwe wotelela kuwe. 16Bona ke, ndiyenzile incibi evutelayo amalahle emlilweni, eyiku̔payo impahla yomsebenzi wayo; ndenzile nomtshabalalisi ukucitakalisa. 17Akuko nanye impahla edaliwe ngakuwe eya kutamsanqeleka; nazo zonke ilwimi ezivuka ngakuwe ekugwebeni uya kuzigweba. Oku kulilifa lezicaka zikayehova; nobulungisa bazo buvela kum, utsho uyehova.

Currently Selected:

U‐Yisaya 54: XHO1902A

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

Video for U‐Yisaya 54