U‐Yisaya 7
7
1KWAYE kute emihleni ka‐Ahazi, unyana ka‐Yotame, unyana ka‐Huziya, ukumkani wo‐Juda, wenyuka u‐Retsine ukumkani we‐Siriya, no‐Pekahi unyana ka‐Remaliya ukumkani wo‐Sirayeli, ukuya e‐Yerusaleme, kuze kuliwe ngakuyo; kodwa wakohlwa kukuyoyisa. 2Kwaza kwaxelwa kwindlu ka‐Davide, kusitwa: ama‐Siriya atelelene no‐Frayime. Yaza intliziyo yake yazamazama, nentliziyo yabantu bake, njengokuba imiti yehlati izamazama pambi kwomoya.
3Wandula wati uyehova ku‐Yisaya: Puma ke uye kukaulela u‐Ahazi, wena, no‐Share‐yashube unyana wako, ngasesipelweni somjelo wecibi lasentla, ngasemendweni wentsimi yomsuki; 4uze uti kuye: Lumka, wonwabe ke; ungoyiki, nentliziyo yako maingabi butataka, ngenxa yalemisila mibini yezikuni eziqu̔mayo, ngenxa yobushushu bengqumbo ka‐Retsine nama‐Siriya, nonyana ka‐Remaliya. 5Ngokokuba ama‐Siriya, o‐Frayime, nonyana ka‐Remaliya, becebile ububi ngakuwe, besiti: 6Masinyukele ngakuyo i‐Juda, siyituse; masiyoyise kanye ibe yeyetu, simise ukumkani pakati kwayo, unyana ka‐Tabele: 7itsho inkosi uyehova ukuti:
Akusayi kuma; akusayi kubako nokubako. 8Ngokuba intloko ye‐Siriya iya kuba yi‐Damakusi, nentloko ye‐Damakusi yoba ngu‐Retsine; kanjako kungekabiko iminyaka engamashumi matandatu anamihlanu o‐Frayime baya kucitwa, bangabi sesiso isizwe. 9Kanjalo intloko yakwa‐Frayime yoba yi‐Samariya, nentloko ye‐Samariya yoba ngunyana ka‐Remaliya. Ukuba aniyi kukolwa, ngenyaniso aniyi kuqiniswa.
10Ubuye wateta uyehova ku‐Ahazi, esiti: 11Zicelele umqondiso kuyehova, utixo wako; wucele enzulwini, umhlaumbi enyangweni pezulu. 12Kodwa u‐Ahazi wati: Andiyi kucela; andiyi kumlinga uyehova kanjalo. 13Waza wati u‐Yisaya: Yivani ke, ndlu ka‐Davide! kuyinto encinane kuni na ukudinisa abantu, ukuba niya kudinisa utixo wam naye nje? 14Ngako oko inkosi yona iya kuninika umqondiso: bona ke, intombi iya kumita, izale unyana, imbize ngegama elingu‐Yimanuweli. 15Amasi nobusi uya kubudla, akukwazi ukulahla okukohlakeleyo nokuqasha okulungileyo. 16Koko kuya kuti, engekakwazi umntwana lowo ukulahla okukohlakeleyo nokuqasha okulungileyo, ilizwe unesitukutezi ngalo liya kushiywa ngokumkani balo bobabini.
17 Uyehova uya kuzisa pezu kwako, napezu kwabantu bako, napezu kwendlu kayihlo, imihla, engezanga ibeko enjalo, kwa kuseloko o‐Frayime bahlukana no‐Juda; — ukumkani we‐Asiriya. 18Kwakuya kuti ngomhla lowo, uyehova wolozela impukane esekupeleni kwemilambo yase‐Jipete, nenyosi eselizweni le‐Asiriya. 19Zaziya kuza ke, zipumle zonke ezintilini ezitshabaleleyo, nasemifanteni yamawa, napezu kwayo yonke imiminga, napezu kwawo onke amadlelo. 20Ngomhla lowo inkosi iya kuguya ngesitshetshe esiqeshiweyo, ngabapesheya kwomlambo, ngokumkani we‐Asiriya, intloko, nenwele zenyawo; siya kupala nodevu nalo.
21Kwakuya kuti ngomhla lowo, umntu uya kufuya itokazi linye negusha zimbini; 22kuze kuti ke, ngenxa yobuninzi bobisi eziya kubunika, wodla amasi; ewe, amasi nobusi baya kubudla bonke abaseleyo pakati kwelizwe. 23Kwakuya kuti ngomhla lowo, zonke indawo, apo beliko kona iwaka lemiti yeveyine, ngenani lewaka lamaqosha esilivere, zoba zezembobo nezemitolo. 24Ngentolo nangesipeta kuya kungenwa kona; ngokuba umhlaba wonke woba zimbobo nemitolo. 25Kodwa zonke intaba, ezihlakulekayo ngekuba, akuyi kuya kona ngokwoyika imbobo nemitolo; zoba yindawo yokutunyelwa kwenkomo, neyokunyatela kwegusha.
Currently Selected:
U‐Yisaya 7: XHO1902A
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.