Ivangeli ka‐Mateyu 21
21
1KEKALOKU xeshekweni babesondele e‐Yerusaleme, bese befikile e‐Betefage ngasentabeni yeminquma, wandula u‐Yesu watuma abadisipile ababini, 2esiti kubo: Hambani niye emzini omalungana nani; nose nifumana ke iqwaṙashe libotshelelwe, netole ndawonye nalo; wakululeni niwazise kum. 3Nokuba umntu uyateta into kuni, niya kutsho ukuti: Inkosi iyawafuna; wosel’ ewatuma ke.
4(Kekaloku oku konke kwenzekile, ukuze kuzaliseke oko kwatetwayo ngumprofite, esiti: 5Yitshoni kwintombi yase‐Ziyone: Bona ke, ukumkani wako uyeza kuwe; elulamile, ekwele eqwaṙasheni, kwa seqwaṙashaneni elilitole leqwaṙashekazi.)
6Bahamba ke abadisipile, benza kwa njengokuba bebeyalelwe ngu‐Yesu, 7bazisa iqwaṙashe netole, babeka ingubo zabo pezu kwawo, bamhlalisa pezu kwazo. 8Bati abaninzi kakulu besihlwele bandlala ingubo zabo endleleni; bebesiti abanye bagaula amasebe emitini, bawandlala endleleni. 9Zaza izihlwele ezibe zihamba pambili, nezo zibe zilandela, zadanduluka, zisiti: Hosana kuye unyana ka‐Davide! Makatanyusanqeliswe ozayo egameni likayehova! Hosana enyangweni yapezulu!
10Kekaloku akungena e‐Yerusaleme, sapitizeliswa sonke isixeko, sisiti: Ungubanina lo? 11Zaye izihlwele zisiti: Lo ungu‐Yesu umprofite, owase‐Nazarete yase‐Galili.
12Waza u‐Yesu wangena etempileni katixo, wabagxota bonke ababetengela nababetenga etempileni, wazipenula itafile zabananeli bemali, nezihlalo zababetengisa ngamahobe, 13wati kubo: Kuba̔liwe ngokuti: Indlu yam iya kubizwa ngokuti yindlu yokutandaza; kanti nina niyenzile umqolomba wamabada.
14Kwaye kusiza kuye imfama neziqwala etempileni apo: wazipilisa ke.
15Kekaloku abaperisite abakulu nababa̔li bakubona imimangaliso wayenzayo, nabantwana bedanduluka etempileni, besiti nokuti: Hosana kuye unyana ka‐Davide! baqumba kunene, 16bati kuye: Uyeva na into abayitetayo aba? Wayesiti u‐Yesu kubo: Ewe; anizanga nileseshe na ukuti: Ngomlomo wentsana nabanyayo umisile udumiso? 17Waza wabashiya, wapuma esixekweni waya e‐Betaniya, walalisa kona.
18Kekaloku kwakusa, xa abebuyela esixekweni, walamba. 19Wati akubona umkiwane otile ngasendleleni, weza ngakuwo; kuloko engafumananga nto kuwo, kupela amagqabi odwa: waza wati kuwo: Makungabi savela isiqa̔mo kuwe kude kube ngunapakade. Wahla wabuna kamsinya umkiwane lowo. 20Baza abadisipile, bakubona oko, bati nqa, besiti: Hai umkiwane ukubuna kamsinya kangakanana! 21Koko wapendula u‐Yesu wati kubo: Ngokwenene nditi kuni: Ukuba ninalo ukolo, ningatandabuzi, aniyi kuyenza lento yomkiwane yodwa, koko nokuba niti kulentaba: Yiba ususwa, uposelwe elwandle; kuya kwenzeka. 22Nento zonke enisukuba nizicela ekutandazeni, nikolwa, niya kuzamkela.
23Kekaloku akungena etempileni, kweza kuye, xa afundisayo, abaperisite abakulu nabadala babantu, besiti: Uzenza ezizinto ngegunya lanina? kanjalo ngubanina owanika eligunya kuwe? 24Koko wapendula u‐Yesu wati kubo: Nam ndobuza kuni indawo ibe nye, endiya kuti, nxa nindixelele yona, ndandul’ ukunixelela nam kungelanina igunya endizenza ezizinto: 25Ubapitizesho luka‐Johane beluvela pina? ezulwini, ebantwini, kusinina? Baza babuzana bodwa, besiti: Ukuba siti: Ezulwini; woti kuti: Kunganina pofu ukuba anikolwanga nguye? 26Kodwa ukuba siti: Ebantwini; siyoyika isihlwele; ngokuba bonke bebala u‐Johane ukuba ngumprofite. 27Baza bapendula ku‐Yesu bati: Asazi. Wati kubo naye: Nam andixeleli nina kungelanina igunya endizenza ezizinto.
28Kodwa niti nina ke? Umntu otile wabenonyana ababini; weza kowokuqala, wati: Nyana! yiya usebenze namhla esitiyeni sam. 29Koko wapendula wati: Andivumi: kodwa kamva waguquka, waya. 30Weza nakowesibini, watsho ngokunjalo. Waza wapendula wati: Nanku ndisiya, nkosi! kanti akaya. 31Nguwupina kwabo babini owenza intando kayise? Bati kuye: Ngowokuqala. Wati kubo u‐Yesu: Ngokwenene nditi kuni: Ababuti beminikelo nabapinyiswa bayanipangela ukungena ebukumkanini bukatixo. 32Ngokuba u‐Johane weza kuni endleleni yobulungisa, kanti anakolwa nguye: kodwa ababuti beminikelo nabapinyiswa bakolwa nguye: nati ke nina nakubona oko, anaguquka kamva, nize nikolwe nguye.
33Omnye umzekeliso wuveni. Bekuko umninindlu otile, owatyala isitiya, wasibiyela ngotango, wembela kuso isincinezelo seveyine, waka inqaba, wasiqeshisela kubalimi, waza wahambela kwelinye ilizwe. 34Kwati kwakuba kufupi ixesha leziqa̔mo, watuma izicaka zake kubalimi, ukuya kwamkela iziqa̔mo zake. 35Baza abalimi batabata izicaka zake, bati ke esinye basityabula, nesinye basibulala, nesinye basigibisela ngamatye. 36Wabuya watuma ezinye izicaka, zizininzi kwezokuqala: benza nakuzo ngokunjalo. 37Wada wati kamva watuma kubo unyana wake, esiti: Baya kumhlonela unyana wam. 38Kodwa abalimi, bakubona unyana, batsho pakati kwabo ukuti: Lo uyindlalifa; yizani, masimbulale, size sibambe ilifa lake. 39Baza bamtabata, bamku̔pela ngapandle kwesitiya, bambulala. 40Ngako xeshekweni afikileyo umninisitiya, uya kwenza nto nina kubalimi abo? 41Bati kuye: Abobantu bakohlakeleyo wobatshabalalisa kakubi; nesitiya eso wosiqeshisela kwabanye abalimi, abaya kumamkelisa iziqa̔mo ngamaxesha azo. 42Wati kubo u‐Yesu: Anizanga nileseshe eziba̔lweni na ukuti: Ilitye babelilahlile abaki, elona laba yintloko yegumbi; bekukukwenza kukayehova oku, kungummangaliso ke emehlweni etu? 43Ngako oko nditi kuni: Ubukumkani bukatixo buya kususwa kuni, bupiwe uhlanga oluvelisa iziqa̔mo zabo. 44Nowayo pezu kwelilitye, uya kutyunyuzwa; kodwa lowo liwa pezu kwake, liya kumti viti.
45Baza abaperisite abakulu nabafarisi, bakuba bevile imizekeliso yake, banakana ukuba uteta ngabo. 46Bati bakufuna ukumbamba, bazoyika izihlwele, ngokokuba zibe zimbala ukuba ngumprofite.
Currently Selected:
Ivangeli ka‐Mateyu 21: XHO1902A
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.