Ivangeli ka‐Maraki 12
12
1Waza waqala ukuteta kubo ngemizekeliso, esiti: Umntu otile watyala isitiya, wasibiyela ngotango, wembela ifatye yeveyine, waka inqaba, wasiqeshisela kubalimi, waza wahambela kwelinye ilizwe. 2Wati ngexesha elifanelekileyo watuma kubalimi isicaka, ukuze samkele kubalimi kwiziqa̔mo zesitiya. 3Kodwa basitabata basityabula, basindulula singenanto. 4Waza wabuya watuma kubo esinye isicaka; neso basigibisela ngamatye basenzela inxeba entloko, basindulula sipetwe ngento ehlazekileyo. 5Wabuya watuma nesinye; neso basibulala: kwa nezinye ezininzi, inxenye bezityabula, inxenye bezibulala. 6Ngako esenonyana emnye, umtandwa wake, wamtuma naye kubo ngokugqibela, esiti: Baya kumhlonela unyana wam. 7Kodwa abalimi abo batsho pakati kwabo ukuti: Lo uyindlalifa; yizani, masimbulale, lize ilifa libe leletu. 8Baza bamtabata bambulala, bamku̔pela ngapandle kwesitiya. 9Uya kwenza nto nina ngoko umninisitiya? uya kuza atshabalalise abobalimi, anike isitiya kwabanye. 10Anileseshanga na esisiba̔lo sokuti: Ilitye babelilahlile abaki, elona laba yintloko yegumbi; 11bekukukwenza kukayehova oku, kungummangaliso ke emehlweni etu?
12Baye befuna ukumbamba, kanti basoyika isihlwele; ngokuba bebenakene ukuba lomzekeliso wawuteta ngakubo; baza bamshiya bemka.
13BAZA batuma kuye abatile bakubafarisi nakubaherodi, ukuze bambambise ngokuteta. 14Beza ke bona bati kuye: Mfundisi! siyazi ukuba uyinene, ungakatali ngumntu; ngokuba ungabuki ubuso babantu, koko ufundisa indlela katixo ngokwenyaniso: kufanelekile ukunika umnikelo ku‐Kesare, akufanelekile, kusinina? 15sinike, singaniki, kusinina? Kodwa yena ebazi ubuhanahaniso babo, wati kubo: Yinina ukuba nindilinge? ndiziseleni idenari, ukuze ndiyibone. 16Bayizisa ke. Waza wati kubo: Ngokabanina lomfanekiso nesiba̔lwa? Bati ke kuye: Ngoka‐Kesare. 17Waza wapendula u‐Yesu wati kubo: Nikelani izinto zika‐Kesare kuye u‐Kesare, nezinto zikatixo kuye utixo. Bati nqa ke pezu kwake.
18Kwaza kweza abasadusi kuye, abati akuko luvuko, bambuza, besiti: 19Mfundisi! u‐Mosesi wasiba̔lela ukuti: Xeshekweni kufayo umkuluwe womntu, aze ashiye umfazi emva kwake, angashiyi abantwana, makati umninawe wake azeke umfazi wake, amvusele umkuluwe wake inzalo. 20Bekuko abazalwana abasixe̔nxe: waza owokuqala wazeka umfazi, wati ebuba nje akashiya nzalo. 21Waza owesibini wamzeka, wafa, wati naye akashiya nzalo. Wenje njalo nowesitatu. 22Bamzeka ke abasixe̔nxe, bengashiyanga nzalo. Emveni kwabo bonke wafa nomfazi. 23Ngako eluvukweni, xeshekweni babuya bavuke, woba ngumfazi wawupina kubo? ngokuba abasixe̔nxe bebenaye engumfazi. 24Waza wapendula u‐Yesu wati kubo: Aniposisi ngako oku na, ningazi nje iziba̔lo, kwa namandla katixo? 25ngokuba, xeshekweni babuya bavuke, bengazeki, bengendiswa kanjako, koko benjengengelosi ezisezulwini. 26Kodwa ngabo abafileyo, ukuba bayavuka, anileseshanga na encwadini ka‐Mosesi, endaweni yetyolo, okokuba utixo wateta kuye, esiti: Mna ndi ngutixo ka‐Abrahame, notixo ka‐Yisake, notixo ka‐Yakobi? 27aka ngutixo wabafileyo, u ngutixo wabahleliyo: nina ngoko niyaposisa kakulu.
28Waza omnye wakubaba̔li, obebavile bebuzisana, esazi ukuba ulungisile ukubapendula, weza wambuza, esiti: Nguwupina owokuqala umyalelo kuyo yonke? 29Wati u‐Yesu ukumpendula: Owokuqala kuyo yonke imiyalelo ungowokuti: Pulapula, Sirayeli! uyehova, utixo wetu, u nguyehova emnye: 30wauya kumtanda uyehova, utixo wako, ngayo yonke intliziyo yako, nangawo wonke umpefumlo wako, nangayo yonke ingqondo yako, nangawo onke amandla ako. Nguwo lo owokuqala umyalelo. 31Nowesibini ufana nawo, lo wokuti: Uya kutanda ummelwane wako njengokuzitanda kwako. Akuko myalelo wumbi umkulu kulé. 32Waza umba̔li lowo wati kuye: Ulungisile, Mfundisi! ukutsho ngokwenyaniso; ngokuba utixo emnye, kungeko wumbi ngapandle kwake; 33nokutanda yena ngayo yonke intliziyo, nangayo yonke ingqondo, nangawo wonke umpefumlo, nangawo onke amandla, nokutanda ummelwane njengoko umntu azitanda ngako, kuyinto enkulu kuwo onke amadini okutshiswa nemibingo. 34Waza u‐Yesu, akubona ukuba upendule ngobutelekelelo, wati kuye: Akukude kubo ubukumkani bukatixo. Kwaza akwabi sabiko mntu onokukalipa kwokumbuza nto.
35Waza wapendula u‐Yesu efundisa etempileni, wati: Bati nina ababa̔li ukuti u‐Kristu ungunyana ka‐Davide? 36Ngokuba u‐Davide ngokwake ebesitsho ngomoya oyingcwele ukuti: Wati uyehova kwinkosi yam: Hlala ngasekunene kum, ndide ndenze intshaba zako zibe sisitulo senyawo zako. 37U‐Davide ngoko ngokwake uti u yinkosi: aze ati nina ke ukuba ngunyana wake? Sati isininzi esikulu sesihlwele samva ngokuvuya.
38Waza wati kubo ekufundiseni kwake: Lumkani ababa̔li, abatanda ukuhamba ngengubo ezinde, nezibuliso ezindaweni zentengo, 39nezihlalo zapambili ezindlwini zentlanganiso, nendawo zobukulu ezidlweni; 40abadlayo izindlu zabahlolokazi, besenza nemitandazo emide ngokuzenzisa: aba baya kwamkela ukugwetywa okukulu ngakumbi.
41Kekaloku u‐Yesu ehleli pantsi malungana nendawo yendyebo, wabekangela ukuba bati nina abantu ukufaka imali endaweni yendyebo: baye abaninzi abazityebi bebefaka into enkulu. 42Wada weza umhlolokazi otile olihlwempu, wafaka imalanyana zambini, ezisesesine isahlulo sedobulitye. 43Waza wabiza abadisipile bake wati kubo: Ngokwenene nditi kuni: Lomhlolokazi olihlwempu ubagqitisile ngokufaka bonke abafakileyo endaweni yendyebo: 44ngokuba bona bonke bebefaka kubo ubuninzi babo; kodwa lo kuko ukuswela kwake ebefaka konke oko abenako, kwa konke apila ngako.
Currently Selected:
Ivangeli ka‐Maraki 12: XHO1902A
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.