Ivangeli ka‐Maraki 2
2
1WATI kekaloku, nxa sekuntsuku, wabuya wangena e‐Kapenayume; kwaye kuvakala ke ukuba usendlwini. 2Kwaza kwasekuhlanganisana abaninzi, zada azabi senakubamkela nendawo zangaselucangweni: wayeliteta kubo ilizwi ke.
3Kekaloku beza kuye bezisa umntu onesifo sokushwabanisa, etwelwe sisine samadoda. 4Baza bati, bekohliwe kusondela kuye ngenxa yesihlwele, banqika isifulelo apo ebekona, bati bakuba bebegqobozile, bahlisa uku̔ko wabelele kulo onesifo sokushwabanisa. 5Wabona ke u‐Yesu ukolo lwabo, wati konesifo sokushwabanisa: Nyanandini! uxolelwe izono zako. 6Kwaye kuko ababa̔li abatile behleli kona, becamanga ezintliziyweni zabo, ngokuti: 7Yinina ukuba lo enje njalo ukuziteta ingxeko? ngubanina ongazixolelayo izono, kupela mnye e ngutixo? 8Waselenakana u‐Yesu emoyeni wake, ukuba bacamanga njalo pakati kwabo, wati kubo: Nizicamangela nina ezizinto ezintliziyweni zenu? 9okona kulula kukupina; ukuti konesifo sokushwabanisa: Uxolelwe izono zako; ukuti: Suka, upate uku̔ko lwako, uhambe; kusinina? 10kodwa ukuze nazi ukuba unyana wesintu onegunya emhlabeni ukuxolela izono, (wati konesifo sokushwabanisa:) 11nditi kuwe: Suka, upate uku̔ko lwako, uye endlwini yako. 12Waselesuka ke, walupata uku̔ko, wapuma ebusweni babo bonke; bada bamangaliswa bonke, bamdumisa utixo, besiti: Asizanga sibone okunje.
13WAZA wapuma wabuya waya ngaselwandle; sati sonke isihlwele seza kuye, wabafundisa ke.
14Waza edlula nje wabona u‐Levi, unyana ka‐Alefeyu, ehleli endaweni yokwamkela iminikelo, wati kuye: Ndilandele. Wesuka ke, wamlandela. 15Kwaza kwati, akuhlala pantsi endlwini yake, kwahlala nento eninzi yababuti beminikelo naboni ekutyeni ndawonye no‐Yesu nabadisipile bake: ngokuba bebebaninzi, bamlandela ke. 16Baza ababa̔li nabafarisi, bakumbona esitya kunye nababuti beminikelo naboni, bati kubadisipile bake: Yinina ukuba atye asele kunye nababuti beminikelo naboni? 17Waza u‐Yesu evile nje wati kubo: Abomeleleyo abasweli gqir̔a; ngabafayo abalisweleyo. Andeza ukubiza abalungileyo, koko ndize ukubiza aboni baguquke.
18Kekaloku abadisipile baka‐Johane nababafarisi bebezila ukutya: baza beza bati kuye: Kunganina ukuba abadisipile baka‐Johane nabafarisi bazila ukutya, kanti abako abadisipile abakuzili? 19Waza wati u‐Yesu kubo: Usapo lwenkambili yomtshakazi lungazila ukutya na, oko umyeni analo? lonke ixesha lusenaye umyeni enalo, alungezile kutya. 20Kodwa iya kuza imihla okuya umyeni aya kususwa kulo, lwaluya kwandula luzile ukutya kuleyomihla ke. 21Akuko mntu utungela isiziba sencawa engatutyulwanga engutyeni endala; okanye, into entsha efakiweyo iyaṙazula kwendala, siti isiṙoba senzwe sibi ngakumbi. 22Kanjalo akuko mntu uta̔ iveyine entsha ezintsubeni ezindala; okanye, iveyine entsha iyazigqoboza intsuba, ize ipalale iveyine, zitshabalale nentsuba; koko iveyine entsha ifanel’ ukuti̔wa ezintsubeni ezikwa zintsha.
23KWAYE kute ukuba ebecanda emasimini ngemini yesabata: baza abadisipile bake baqala ukuhamba bezika izikwebu. 24Baye abafarisi besiti kuye: Kangela, yinina ukuba bakwenze ngemini yesabata okungafanelekileyo? 25Waza yena wati kubo: Anizanga nileseshe na into wayenzayo u‐Davide, okuya wayenokuswela, walamba yena nabo babenaye; 26okokuba wangena endlwini katixo, emihleni ka‐Abiyatare umperisite omkulu, watya izonka zokubonakala, ekufanelekile ukuba zityiwe ngabaperisite kupela, wanika nabo abebendawonye naye? 27Wabesiti kubo kanjalo: Isabata yenziwa ngenxa yabantu, akwenziwa abantu ngenxa yesabata. 28Ngako oko unyana wesintu uyinkosi yesabata nayo.
Currently Selected:
Ivangeli ka‐Maraki 2: XHO1902A
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.