Ivangeli ka‐Maraki 6
6
1Kekaloku wapuma apo, weza emzini wakowabo; bamlandela ke abadisipile bake. 2Kwati kwakufika isabata, waqala ukufundisa endlwini yentlanganiso: baza abaninzi bakuva bamangaliswa, besiti: Uzuze pina lo ezizinto? kanjalo bubulumko obunina anikwe bona, ukuba nezizenzo zamandla ezingaka zenziwa ngezandla zake? 3lo asi nguye na oyincibi yemiti, unyana ka‐Mariya, umzalwana ka‐Yakobi, no‐Jose, no‐Jude, no‐Simone? abako na nodade bake apa kuti? Baza baxakaniswa ngaye. 4Kuloko wabesiti kubo u‐Yesu: Umprofite akangongenakubekwa, kupela ungonjalo emzini wakowabo, nasezalamaneni zake, nasendlwini yake. 5Waza wakohlwa ukwenza izenzo zamandla kona apo; kwapela wabeka izandla pezu kwento encinane yabafayo, wabapilisa. 6Wakutela nqa ke ukungakolwa kwabo.
WATI kekaloku wajikajikela imizi epahlayo, efundisa.
7Waza wababiza abalishumi linababini, waqala ukubatuma ngababini ngababini, wabanika igunya pezu kwomoya abanco̔lileyo, 8wabayalela, ukuba bangapati nto ibe yeyendlela, kupela ibe yintonga yodwa; bangapati inxowa, nesonka, nemali embinqweni; 9koko mabafakwe izihlangu; ize bangambati ingubo ezimbini. 10Wayesiti kubo: Apo nisukuba ningena kona endlwini, hlalani apo nide nimke kona. 11Nabasukuba benganamkeli nina, bengaweva namazwi enu, niti nakupuma kona, nivutulule utuli olupantsi kwenyawo zenu, kube sisinqi̔no kubo. Ngokwenene nditi kuni: Kwonyamezelekela i‐Sodome ne‐Gomora ngomhla womgwebo, ngapezu kwesosixeko. 12Baza bemka, bashumayela ukuba mabaguquke abantu. 13Bati kanjalo baku̔pa idemoni ezininzi, babatambisa ngeoli abaninzi ababesifa, babapilisa.
14Waza ukumkani u‐Herodi weva ngaye, (ngokuba igama lake libe lazekile,) wati: u‐Johane umbapitizeshi uvukile ekufeni; kungako oku ezizenzo zamandla zisebenzeka kuye. 15Bati abanye: Ngu‐Elija; bati nabanye: Ngumprofite, umhlaumbi ngonjengomnye wabaprofite. 16Kodwa akuva u‐Herodi, wati: Lo unguye u‐Johane, endandimnqumla intloko; uvukile yena ekufeni.
17Ngokuba ebete u‐Herodi ngokwake watuma wambamba u‐Johane, wamnxiba entolongweni, ngenxa ka‐Herodiya, umfazi ka‐Filipi umninawe wake, ukuba ebemzekile. 18Ngokuba u‐Johane ebesiti ku‐Herodi: Akufanelekile kuwe ukuba ube nomfazi womninawe wako. 19Waza u‐Herodiya wanenzondo ngakuye, wafuna ukumbulala; kanti ebekohliwe: 20ngokuba u‐Herodi ebemoyika u‐Johane, emazi ukuba uyindoda elungileyo nengcwele, wamgcina ke; wati akumva, wenza izinto ezininzi, wamva ngokuvuya. 21Kwaza kwati kwakufika imini efanelekileyo, xeshekweni u‐Herodi ngomhla wokuzalwa kwake wabenzela isidlo imiduna yake, nenkosiwaka, nabakulu base‐Galili; 22yakuti kanjalo yangena intombi ka‐Herodiya lowo, yaduda, yamkolisa u‐Herodi nabo babehleli ekutyeni ndawonye naye, wati ukumkani kuyo intombazana leyo: Cela kum into usukuba utanda ukuyicela, ndandiya kuyinika kuwe. 23Waza wayifungela ngokuti: Into usukuba uyicela kum, ndokunika yona, kude kube sisiqingata sobukumkani bam. 24Yapuma ke yati kunina: Ndocela nto nina? Wayesiti: Intloko ka‐Johane umbapitizeshi. 25Yaza yaselingena ngobunxamo kukumkani, yacela, isiti: Nditanda ukuba undinike kwa ngoku pezu kwesikotile intloko ka‐Johane umbaptizeshi. 26Waba lusizi kakulu ke ukumkani lowo; kodwa, ngenxa yesifungo sake nabo babehleli ekutyeni ndawonye naye, akatanda ukuyibandeza. 27Waza ukumkani waseletuma umvaṙashi, wayalela ukuba kuziswe intloko yake. Wapuma ke waya wamnqumla intloko entolongweni apo, 28wayizisa intloko yake pezu kwesikotile, wayinika kwintombazana leyo; yaza intombazana yayinika kunina. 29Bati bakuva abadisipile bake, beza basusa isidumbu sake, basibeka encw̔abeni.
30Baza bahlanganisana abapostile ku‐Yesu, bamshumayeza zonke izinto, nezo babezenzile, nezo babezifundisile. 31Waza wati kubo: Yizani nina nedwa ngasese endaweni elubala, nize nipumle kube ngumzuzwana: ngokuba bebebaninzi ababesiza nababehamba, bada ababi nalo ixesha elifaneleyo nokuba batye. 32Basuka bemkela endaweni elubala ngenqanawa ngasese. 33Zati izihlwele zababona behamba, bamazi ke abaninzi, babalekela kona ngenyawo bevela kuzo zonke izixeko, babapangela, beza kunye kuye. 34Waza u‐Yesu epumile nje wabona abantu abaninzi, wabetwa lusizi pezu kwabo, ukuba bebenjengegusha ezingenamalusi, waqala ukubafundisa into ezininzi.
35Kekaloku sekudlule ixesha elikulu nje, beza kuye abadisipile bake, bati: Lendawo ilubala; ixesha seliza kumka kanjalo: 36bandulule, baze bemke baye emapandleni apahlayo nasemizini, bazitengele izonka; ngokuba bengenanto yokutya. 37Kodwa wapendula wati kubo: Bapeni nina ukuba batye. Baza bati kuye: Simke siye kutenga izonka ngedenari zibe makulu mabini na, sibape ukuba batye? 38Wayesiti kubo: Zingapina izonka eninazo? hambani, nikangele. Bati ke bakuzazi: Zihlanu, nentlanzi ezimbini. 39Waza wabayalela ukuba babahlalise pantsi bonke ngamaqela ngamaqela etyanini obuluhlaza. 40Bahlala pantsi ke ngezintlu ngezintlu, ngezekulu nangezamashumi mahlanu. 41Waza watabata izonka zozihlanu nentlanzi zombini, wakangela ngasezulwini, wabulela; waza waziqezula izonka, wanikela kubadisipile bake, ukuze bazibeke pambi kwabo; nentlanzi zombini wazabela kubo bonke. 42Batya ke bonke, bahluta: 43kanjalo kwasuswa izitya zamaqezu zazilishumi linazibini zizele, kwa nawentlanzi. 44Kekaloku abo babezityile izonka ezo bebengamadoda anga amawaka mahlanu.
45Waza kwa oko wabanyanzela abadisipile bake bangene enqanaweni, bandulele ukuya ecaleni elingapesheya ngase‐Betesayida, nxa abandulula abantu yena. 46Wati akuba ebandulule, wemkela entabeni ukuya kutandaza. 47Kwati ke kwakuba kuhlwile, inqanawa ibipakati kwolwandle, esemhlabeni yena eyedwa. 48Waza wababona bezibulala ngokuqu̔ba ngemipini; ngokuba umoya ububavelela pambili. Kekaloku ngelesine ivaṙasho lobusuku weza kubo, ehamba pezu kwolwandle, wanga wafuna ukubadlula. 49Bati bakumbona ehamba pezu kwolwandle, baba ngumshologu, bakala ke: 50ngokuba bonke bebembona, baxaliswa. Waselesuka wateta nabo, wati kubo: Yomelelani; ndim, musani ukwoyika. 51Waza wenyukela kubo wangena enqanaweni, wadamba ke umoya: baye bemangaliswa kakulu ke pakati kwabo pezu kwembaliso, bati nqa. 52Ngokuba bebengacingelanga okwezonka; intliziyo yabo ibilukuni nje.
53Kekaloku nxa sebewelile, bafika ezweni le‐Genesarete, basondela elunxwemeni apo. 54Bati bakupuma enqanaweni, basebemazi ke, 55bapalapala kulo lonke elozwe langakona, baqala ukubatwalatwala pezu kwenku̔ko abo banezifo, ukuya apo bebesiva ukuba ukona. 56Nalapo asukuba ebengena kona, emizini, umhlaumbi ezixekweni, umhlaumbi emapandleni, babebeka abafayo ezindaweni zentengo, bambongoza ukuba makebacu̔kumise umqukumbelo wengubo yake wodwa; baza bonke ababemcu̔kumisa bapiliswa.
Currently Selected:
Ivangeli ka‐Maraki 6: XHO1902A
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: