Ivangeli ka‐Maraki 7
7
1KWAZA kwahlanganisana kuye abafarisi, nabatile bakubaba̔li, bevela e‐Yerusaleme; 2abati bakubona inxenye yabadisipile bake besitya izonka ngezandla ezinco̔lileyo, oko kukuti ngezingahlanjwanga, bagungqa. 3Ngokuba abafarisi, nawo onke ama‐Juda, bengatyi nxa bangahlambanga izandla ezifunjatiweyo, bebamba isinikelo sabadala. 4Kanjalo bakuvela endaweni yentengo, abatyi nxa bangahlambanga. Ziko nezinye izinto ezininzi abazamkeleyo ukuba bazibambe, intlambo zendebe, nebekile, nemipanda yexina, nezihlalo. 5Bandula abafarisi nababa̔li babuza kuye, besiti: Kunganina ukuba abadisipile bako bangahambi ngokwesinikelo sabadala, koko batye isonka ngezandla ezingahlanjwanga? 6Kodwa wapendula wati kubo: Ulungisile u‐Yisaya ukuprofitesha ngani bahanahanisi, njengokuba kuba̔liwe ngokuti: Ababantu bayandidumisa ngenteto yabo, kanti intliziyo yabo iyakwelela kude kum: 7kodwa bafumana bendibedesha, befundisa ngezifundiso eziziziyalelo zabantu. 8Ngokuba, niwuyekile nje umyalelo katixo, nisibamba isinikelo sabantu, intlambo zebekile nendebe; nezinye izinto ezinjengezinjalo ezininzi niyazenza. 9Wabesiti kubo kanjalo: Nikolisile ukuwulahla umyalelo katixo, ukuze nisigcine isinikelwa senu. 10Ngokuba u‐Mosesi etshilo ukuti: Beka uyihlo nonyoko; nokuti: Otukayo uyise, umhlaumbi unina, makafe ngokufa. 11Kanti nina niti: Xeshekweni atshoyo umntu kuyise, umhlaumbi kunina, ukuti: Yikorebane, (oku kukuti: Ngumnikelo,) into esukuba iyiyo ubungaba ngayo uncedwa ndim; 12anisamvumeli ke ukuba enzele uyise umhlaumbi unina into: 13nilitshitshisa nje ilizwi likatixo ngesinikelo senu enisinikeleyo: nezinto ezinjengezinjalo ezininzi niyazenza.
14Waza wabiza sonke isihlwele, wati kubo: Ndipulapuleni nonke, niqonde ke: 15Akuko nto ngapandle kwomntu engati yakungena kuye imnco̔lise; koko ezonto zipuma kuye, zizo ezi ezinco̔lisayo umntu. 16Ukuba kuko onendlebe zokuva, makeve.
17Kwati kekaloku okuya abengene endlwini evela esihlweleni, bambuza abadisipile bake ngawo umzekeliso lowo. 18Waza wati kubo: Ningabo abangenakuqonda kangaka nani na? Aniqondi na ukuba konke okungapandle kwakungena emntwini akungemnco̔lise? 19ngokuba kungangeni entliziyweni yake, koko kungena esiswini, kuze kupumele endaweni yasese, okuhlanza konke ukutya. 20Wayesiti: Oko kupumayo emntwini, kuko oko okunco̔lisayo umntu. 21Ngokuba pakati kuyo intliziyo yabantu kupuma izicamango ezikohlakeleyo, iziṙexezo, imibulo, izibulalo, 22izibo̔, ububawa, ubumenemene, inkohliso, ubutshinitshini, iliso elikohlakeleyo, ugxeko, ir̔atshi, ubugeza: 23zonke ezizinto ezikohlakeleyo ziyapuma pakati, zimnco̔lise umntu.
24Waza wesuka apo, waya emideni yase‐Tire ne‐Tsidone; wati akuba engene endlwini, wafuna ukuba kungaziwa mntu; kanti ebengefihlakele. 25Ngokuba umfazi, ontombazana ibinomoya onco̔lileyo, evile ngaye nje, weza wawa pantsi ngasezinyaweni zake; 26(waye kekaloku engum‐Girikekazi umfazi lowo, engowase‐Siro‐fenisi ngesizwe:) wamtandaza ukuba idemoni ayiku̔pe entombini yake. 27Koko u‐Yesu wati kuye: Makuhlutiswe abantwana kuqala; ngokuba kungafanelekile ukuba kutatyatwe isonka sabantwana, siposwe ezinjeni. 28Wapendula ke wati kuye: Ewe, Nkosi! ngokuba nezinja zisitya ngapantsi kwetafile kwimvutuluka zentsapo. 29Waza wati kuye: Hamba ngenxa yelilizwi; idemoni ipumile kwintombi yako. 30Wemka ke waya endlwini yake, wafumana idemoni ipumile, nentombi ilele eluku̔kweni.
31Wati kekaloku wabuya wapuma emideni yase‐Tire ne‐Tsidone, weza ngaselwandle lwase‐Galili, ehamba pakati kwemida yase‐Dekapolisi. 32Baza bazisa kuye isitulu esitintitayo, bambongoza ukuba abeke isandla pezu kwaso. 33Waza wasipambukisa esihlweleni ngasese, wafaka iminwe yake ezindlebeni zaso, wati etshicile wacu̔kumisa ulwimi lwaso, 34waza wakangela ngasezulwini, wagula, wati kuso: Efata! oko kukuti: Vuleka! 35Zasezivulwa ke indlebe zaso, wati umbambo wolwimi lwaso wakululeka, salungisa ukuteta. 36Waza wabayala ukuba mabangaxeleli mntu: kodwa njengoko wabayalayo, bashumayela kwa ngako ngakumbi kakulu. 37Kanjalo babemangaliswa pezu kwembaliso, besiti: Uzenzile zonke izinto ngokulungileyo; nezitulu uyazenza ukuba zive, nezidenge ukuba zitete.
Currently Selected:
Ivangeli ka‐Maraki 7: XHO1902A
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: