Imizekeliso 9
9
1Ubulumko buyakile indlu yabo, ubazile intsika zabo zosixe̔nxe: 2buxe̔lile isixe̔lo sabo; bupitikezile iveyine yabo; bulungisile itafile yabo kanjalo; 3butumile izicakazana zabo; buyabiza pezu kwezipakamileyo indawo zesixeko, busiti: 4Osidenge, makapambukele apa; oswele ingqondo, buti kuye: 5Yizani, nitye kokwam ukudla, nisele kuyo iveyine endiyipitikezileyo. 6Shiyani ubudenge, nipile; nize nihambe endleleni yokuqonda.
7Oyalayo umgxeki, uyazizuzela udelo; nomohlwaya okohlakeleyo, kusisidyobo kuye. 8Ungohlwayi umgxeki, hleze akutiye; yohlwaya olilumko, waeya kukutanda. 9Nika kolumkileyo, wolumka ngakumbi; yazisa olungileyo, wokwandisa ukufunda. 10Kukuqala kwobulumko ukwoyika uyehova; nokwaziwa kwoyingcwele kuyingqondo. 11Ngokuba ngam imihla yako iya kwandiswa; ewe, iminyaka yobomi iya kwongezwa kuwe. 12Ukuba ulumkile, uzilumkele kwa wena; nokuba uyagxeka, nguwe wedwa oya kukutwala.
13Umfazi olihilihili unengxolo; usisidenge, engazi nanto. 14Uhlala pantsi ngaselucangweni lwendlu yake, pezu kwesihlalo ezindaweni ezipakamileyo zesixeko; 15ukuba abize abadlulayo endleleni, abati ngqo ngendlela zabo, esiti: 16Osidenge, makapambukele apa; noswele ingqondo, uti kuye: 17Amanzi abi̔weyo ayolile, nesonka sendawo zangasese simnandi. 18Kanti akazi ukuba abafileyo bakona, nokuba abamenywa bake basezindaweni ezinzulu zehadesi.
Currently Selected:
Imizekeliso 9: XHO1902A
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.