Amaculo 111
111
ICULO CXI.
1DUMISANI uyehova! — Ndiya kubulela kuyehova ngentliziyo yonke, esihlelweni sabalungileyo, nasentlanganisweni. 2Imisebenzi kayehova mikulu, ifuniselwa ngabo bonke abayinyamekelayo. 3Isenzo sake sinokuduma nobungcwalisa: buti ubulungisa bake bume ngonapakade. 4Wenze imimangaliso yake ibe yinkumbuzo: uyehova unofefe, unenceba. 5Ubamkelisile ukudla abo bamoyikayo: ucebano lwake wolukumbula kude kube ngunapakade. 6Ubonakalisile amandla emisebenzi yake ebantwini bake, ngokubapa ilifa labaheyideni. 7Imisebenzi yezandla zake iyinyaniso nogwebo; zinyanisekile zonke ingxelo zake. 8Zihlala ziqinisekile kude kube ngunapakade: yenziwe ngenyaniso nangobulungisa. 9Watuma inkululwa ebantwini bake: umisele ucebano lwake lube ngunapakade: igama lake liyingcwele, linokwoyikeka. 10Ukwoyika uyehova kusisiqalo sobulumko: banengqondo elungileyo bonke abazenzayo ingxelo zake: udumo lwake lumi ngonapakade.
Currently Selected:
Amaculo 111: XHO1902A
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.