Amaculo 140
140
ICULO CXL.
Iculo lika‐Davide, liba̔lelwe umhlabeli omkulu.
1NDIKULULE, Yehova! kumntu ongalungileyo; ndilondoloze kwindoda yobudlwengu; 2abaqingayo ububi entliziyweni: imihla yonke bayabutelana befuna imfazwe. 3Babazile ilwimi zabo njengenyoka; ubuhlungu beṙamba busemilonyeni yabo. Sela. 4Ndigcine, Yehova! ezandleni zokohlakeleyo; ndilondoloze kwindoda yobudlwengu; abaqingileyo ukusunduzela pantsi amanyatela am. 5Abaner̔atshi bandifihlele isibata, nentambo; bandlale utambo ngasecaleni lendlela; bandibekele imigibe. Sela.
6Ndati kuyehova: Ungutixo wam wena. Pulapula. Yehova! ilizwi lezikungo zam. 7Yehova oyinkosi, mandla osindiswa lwam! wagubungela intloko yam ngemini yokulwa. 8Yehova! zungavumeli inkanuko zokohlakeleyo; zungahambisi iqinga lake; hleze bazipakamise. Sela.
9Abayintloko yabandingqongayo ububi beyabo imilomo bobagubungela. 10Amalahle esitsha aya kuhliswa pezu kwabo: baya kuposwa emlilweni; emibitini, bangabi sabuya bavuke. 11Intlebi ayiyi kuqiniselwa emhlabeni: isidlwengu sozingelwa yingozi ide iseyelisele.
12Ndiyazi ukuba uyehova uya kulungisa ityala lehlwempu, nebango labasweleyo. 13Ngenyaniso abalungileyo baya kubulela egameni lako; abayinene bohlala ebusweni bako.
Currently Selected:
Amaculo 140: XHO1902A
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.