Amaculo 143
143
ICULO CXLIII.
Iculo lika‐Davide.
1YIVA umtandazo wam, Yehova! beka indlebe ekutaṙuziseni kwam: ndipendule ngenyaniseko yako nangobulungisa bako. 2Uze ungangeni ekugwebeni kwisicaka sako; ngokuba kungalungile ebusweni bako namnye ohleliyo. 3Ngokuba utshaba lutshutshisile umpefumlo wam; luncinezele ubomi bam ngasemhlabeni; lundihlalisile ezindaweni ezimnyama, njengabakade befile. 4Ngako umoya wam ucubukile pakati kwam; intliziyo yam imatile pakati kwam. 5Ndiyakumbula imihla yakudala; ndiyacinga yonke imisebenzi yako; ndiyacamanga umsebenzi wezandla zako. 6Izandla zam ndiyazolulela kuwe; umpefumlo wam unjengelizwe elomileyo ukunxanelwa wena. Sela.
7Ndipendule kamsinyane, Yehova! umoya wam uyapela: zungandifihleli ubuso bako, hleze ndifane nabahlele esihogweni. 8Ndivise ububele bako kwa kusasa; ngokuba nditembele kuwe: ndazise indlela endiya kuhamba ngayo; ngokuba ndipakamisele kuwe umpefumlo wam. 9Ndikulule ezintshabeni zam, Yehova! ndiyazimela kuwe. 10Ndifundise ukwenza ngentando yako; ngokuba ungutixo wam: umoya wako ulungile; ndikokele ezweni elilungeleleneyo. 11Ngenxa yegama lako, Yehova! ndipilise: ngenxa yobulungisa bako ku̔pa umpefumlo wam ekubandezelweni. 12Nangobubele bako banqamle intshaba zam, utshabalalise bonke abo babandezela umpefumlo wam: ngokuba ndisisicaka sako.
Currently Selected:
Amaculo 143: XHO1902A
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.