YouVersion Logo
Search Icon

Amaculo 44

44
ICULO XLIV.
Elokuqondisa, liba̔lelwe umhlabeli omkulu, konyana baka‐Kora.
1SIVILE ngendlebe zetu, Tixo! obawo betu basixelele, isenzo owasenzayo ngemihla yabo, ngamaxesha akudala. 2Wagxota abaheyideni ngesandla sako, wabatyala obawo; wazicita intlanga, watwabulula bona. 3Ngokuba bengazuzanga ilizwe ngelabo iṙele, neyabo ingalo ayibasindisanga; besisisandla sako sokunene, nengalo yako, nokukanya kwobuso bako, ngokuba ububakolela.
4Unguwe ukumkani wam, Tixo! xela zibeko intsindiswa zo‐Yakobi. 5Ngawe siya kusunduzela pantsi intshaba zetu; ngegama lako siya kunyatela pantsi abo basukela ngakuti. 6Ngokuba ndingayi kutemba isipeta sam, neṙele lam aliyi kundisindisa. 7Nguwe osisindisileyo ezintshabeni zetu; nguwe obadanisileyo abo basitiyayo. 8Simdumisile utixo imini yonke; sasiya kubulela egameni lako kude kube ngunapakade. Sela.
9Ulahlile noko, wasidanisa; akuhambi nemikosi yetu. 10Uyasibuyisa ngomva elutshabeni; abo basitiyayo bayasipanga. 11Usinikele sibe njengegusha sokutyiwa; wasiti sa pakati kwabaheyideni. 12Uyatengisa ngabantu bako kungeko ndyebo; kanti akwandisi indyebo yako ngexabiso labo. 13Uyasenza sibe sisigxekwa kubamelwane betu, sibe sisihlekwa nesigculelwa kwabo basingqongayo. 14Uyasenza sibe lilizwi lokuzekelisa pakati kwabaheyideni, nesihlunguzelo sentloko pakati kwentlanga. 15Ihlazo lam lipambi kwam imini yonke; ukudana kwobuso bam kundigubungele; 16ngenxa yelizwi lomtuki nomgxeki; ngenxa yotshaba nopindezelayo.
17Konke oku kufikile pezu kwetu; kanti asikulibalanga, asixokanga elucebanweni lwako kanjako. 18Intliziyo yetu ayihlehlanga ngomva; nezihambo zetu azishenxanga endleleni yako; 19nakuba usapule kakulu endaweni yenamba, wasigubungela ngesitunzi sokufa. 20Ukuba silibele igama lotixo wetu, nokuba solule izandla zetu kutixo wasemzini; 21utixo akayi kukupanda na oku? ngokuba ezazi yena izifihlakalo zentliziyo. 22Ngokuba ngenxa yako sibulawa imini yonke, sibalwa ngokungati sizigusha zokuxe̔lwa.
23Vuka. Nkosi! ulala nganina? vuka, ungasilahli kube ngunapakade. 24Yinina ukuba ufihle ubuso bako, ulibale ubunzima betu nokubandezelwa kwetu? 25Ngokuba umpefumlo wetu utotyelwe elutulini; isisu setu site nama emhlabeni. 26Pakama ube luncedo lwetu, usikulule ngenxa yobubele bako.

Currently Selected:

Amaculo 44: XHO1902A

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in