Amaculo 69
69
ICULO LXIX.
Elika‐Davide, liba̔lelwe umhlabeli omkulu owenza ngeshoshanime.
1NDISINDISE, Tixo! ngokuba amanzi engene empefumlweni. 2Nditshonile eludakeni olunzulu, kungeko ndawo yokuma: ndingene ezinzulwini zamanzi, apo umsinga undikukulisayo. 3Ndidiniwe kukubiza kwam; umqala wam utshile; amehlo am ayapela, nxa ndilinda utixo wam. 4Bagqitisile inwele zentloko yam ngokuba baninzi abanditiyayo kungeko tuba; bayinto enkulu abanga banganditshabalalisa, abazintshaba zam kungeko ndawo: oko ndingakupanganga ndiya kwandula ndikubuyise.
5 Tixo! uyazi wena ngobugeza bam; nezilandu zam azikufihlelwanga. 6Abo bakangela kuwe, Nkosi, Yehova wemikosi! mabangadaniswa ngam: abo bakufunayo, Tixo wo‐Sirayeli! mabangaviswa ihlazo ngam. 7Ngokuba ngenxa yako nditwele isituko; ihlazo ligubungele ubuso bam. 8Sendingowasemzini kubazalwana bam, nongaziwayo kubantwana bakama̔. 9Ngokuba ubukwele bendlu yako bundidlile; izituko zabakutukileyo ziwile pezu kwam. 10Ndaye ndilila ndagqiba umpefumlo wam ekuzileni; kanti oko kwaba yinto yokutukwa kwam. 11Kanjalo ndenza ingubo yam ngentlakantlaka; ndaza ndaba yinto yokuzekeliswa kubo. 12Abo bahleli esangweni bayateta ngakum; ndiba yingoma yabasela utyalwa.
13Kodwa mna, ukutandaza kwam kukuwe, Yehova! ngexesha elikolekileyo: Tixo! ngobuninzi bobubele bako ndipendule, ngenyaniso yosindiso lwako. 14Ndihlangule eludakeni, mandingatshoni: mandihlangulwe kwabanditiyayo, nasezinzulwini zamanzi. 15Umsinga wamanzi maungandikukulisi, inzulu maingandiginyi, umnxuma maungavingci umlomo wawo pezu kwam. 16Ndive, Yehova! ngokuba ububele bako bulungile; beka kum ngabo ubuninzi benceba zako. 17Zungafihleli isicaka sako ubuso bako; ngokuba ndisekubandezelweni; ndipendule kamsinya. 18Sondela empefumlweni wam, uwukulule; ngenxa yentshaba zam ndisindise.
19Wena wazile ukutukwa kwam, nokudana kwam, nokuhlaziswa kwam: abo bayimpi kum bonke bapambi kwako. 20Ukutukwa kuqekezile intliziyo yam; ndiyafa kakulu: ndakangela ukuku̔zwa, kanti bekungeko; nabatutuzeli, kanti andibafumananga. 21Bandinika inyongo ibe kukudla kwam; nasekunxanweni kwam bandiseza iyasine.
22Isitebe sabo masibe sisibata ebusweni babo; ewe, masibe ngumgibe kubo besekwonwabeni. 23Amehlo abo makenziwe mnyama, baze bangaboni; nezinqe zabo uzenze zingcangcazele futi. 24Galela ingqumbo yako pezu kwabo, buti ubushushu bomsindo wako bubabambe. 25Maibe indlu yabo icitakele; makungabiko namnye ohlala ezintenteni zabo. 26Ngokuba betshutshisa lowo umbetileyo wena, beteta ngobuhlungu benxweleṙa zako. 27Beka inkohlakalo pezu kwenkohlakalo yabo; mabangangeni ebulungiseni bako. 28Mabacinywe encwadini yabahleliyo; mabangaba̔lwa ndawonye nabalungileyo.
29Kodwa mna ndibuhlwempu, ndilusizi: usindiso lwako, Tixo! malundibeke enyangweni. 30Ndiya kudumisa igama likatixo ngeculo, ndimenze mkulu ngombulelo. 31Oku kuya kukolisa uyehova pezu kwenkabi, napezu kwenkunzana enempondo eyahluka impupu. 32Abalulamileyo bobona bavuye; yaiya kupila intliziyo yenu, nina nimfunayo utixo! 33Ngokuba uyehova esiva amahlwempu, engadeli nababanjwa bake.
34Mazimdumise izulu nomhlaba, ilwandle nento zonke ezishukumayo kuzo. 35Ngokuba utixo eya kusindisa i‐Ziyone, ake izixeko zakwa‐Juda; ize bahlale kona, bayifuye. 36Inzalo yezicaka zake nayo iya kudla ilifa layo; nabo batanda igama lake bohlala kuyo.
Currently Selected:
Amaculo 69: XHO1902A
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.