Amaculo 84
84
ICULO LXXXIV.
Liba̔lelwe umhlabeli omkulu owenza ngegitite: iculo lonyana baka‐Kora.
1HAI ukutandeka kwetabanakele zako, Yehova wemikosi! 2Umpefumlo wam uyalangazelela, ewe, uyapelela nokupelela amakusi kayehova; intliziyo yam nenyama yam zimana zililela kutixo ohleliyo. 3Kwa ihobohobo lifumene indlu, nenkonjane izifumanele indawo, apo ibeka kona amatole ayo, — izibingelo zako, Yehova wemikosi, Kumkani wam notixo wam! 4Hai itamsanqa labo bahleli endlwini yako! bomana bekudumisa. Sela. 5Hai itamsanqa lomntu omandla akuwe; nelabo indlela zisezintliziyweni zabo! 6Bedlula emhlanjeni we‐Baka nje bayawenza umtombo; imvula iyazalisa namacibi. 7Bayahamba kwamandla ngamandla, bade babonakale abanye ngabanye pambi kwotixo e‐Ziyone.
8 Yehova, Tixo wemikosi! pulapula umtandazo wam; nika indlebe, Tixo ka‐Yakobi! Sela. 9Bona, Tixo, kaka letu! ukangele ubuso bomtanjiswa wako. 10Ngokuba imini nye emakusini ako igqitisa iwaka ngokulunga: nditanda ukulinda emnyango endlwini katixo wam, pezu kwokokuba ndihlale pakati ezintenteni zenkohlakalo. 11Ngokuba uyehova utixo elilanga nekaka; uyehova uya kupa ufefe nobungcwalisa; akayi kubavimba nto ilungileyo abo bahamba ngokulungisayo. 12Yehova wemikosi! hai itamsanqa lomntu otembela kuwe.
Currently Selected:
Amaculo 84: XHO1902A
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.