YouVersion Logo
Search Icon

Isityilo sika‐Johane 15

15
1NDAZA ndabona omnye umqondiso ezulwini, omkulu, ongummangaliso; ingelosi zisixe̔nxe, zinazo izibeto zisixe̔nxe zokugqibela; ngokuba kuzo zona umsindo katixo ufeziwe.
2Ndaza ndabona lwanga lulwandle oluyiglasiṙa lupitikeziwe nomlilo; nabo babezuzile ulwoyiso pezu kwer̔amnco, napezu kwomfanekiso walo, napezu kwopa̔u lwalo, pezu kwenani legama lalo, bemi ngakulo ulwandle oluyiglasiṙa, bepete igitare zikatixo. 3Bati bavume iculo lika‐Mosesi isicaka sikatixo, neculo layo imvana, besiti: Mikulu yimimangaliso imisebenzi yako, Nkosi Tixo Somandla! zilungile, ziyinyaniso indlela zako, Kumkani wentlanga! 4Ngubanina ongayi kwoyika wena, Nkosi! adumise igama lako? ngokuba enguwe wedwa oyingcwele: ngokuba zonke intlanga ziya kuza, zibedeshe pambi kwako; ngokuba izigwebo zako zibonakalisiwe.
5Nasemveni kwoku ndabona, kekaloku bona ke, yavulwa itempile yetabanakele yesinqi̔no ezulwini. 6Zaza zapuma ezongelosi zisixe̔nxe zinazo izibeto zosixe̔nxe etempileni apo, zivete izivato zeqiya ezimhlope ezikazimlayo, zibinqiwe ngasezifubeni ngemibinqo yegolide. 7Sati kekaloku esinye kuzo izidalwa ezipilileyo zozine sanikela ezongelosi zisixe̔nxe ifiyali zegolide ezisixe̔nxe, zizele ngumsindo katixo, opilile kude kube ngunapakade kanapakade. 8Yaza itempile yazaliswa ngomsi uvela ebungcwaliseni bukatixo, nasemandleni ake; kwaye kungabiko namnye ongangenayo etempileni, kude kwafezwa ezozibeto zisixe̔nxe zengelosi ezo zisixe̔nxe.

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

Video for Isityilo sika‐Johane 15