Isityilo sika‐Johane 5
5
1NDAZA ndayibona kwesokunene isandla salowo uhleli pezu kwayo iterone incwadi, iba̔liwe pakati nangapandle, incanyatiselwe ngezincamatiselo zisixe̔nxe. 2Kanjako ndayibona ingelosi eyomeleleyo ishumayela ngelizwi elikulu, isiti: Ngubanina ofanele ukuvula incwadi le, nokukumla izincamatiselo zayo? 3Kwaza akwabiko namnye, nasezulwini, nasemhlabeni, napantsi kwomhlaba, obenamandla okuvula incwadi leyo, kwa nokuyikangela. 4Kekaloku mna ndibe ndilila kakulu, kuba bekungafunyanwanga namnye ofanele ukuvula nokulesesha incwadi leyo, nokuyikangela kanjalo. 5Waza omnye wabadala abo wati kum: Ungalili; bona ke, ingonyama eyeyakuso isizwe sika‐Juda, ingcambo ka‐Davide, yoyisile ukuyivula incwadi, nokukumla izincamatiselo zayo zosixe̔nxe.
6Ndaza ndabona, kekaloku bona ke, pakati kwayo iterone nezidalwa ezipilileyo zozine, napakati kwabadala abo, bekuko imvana imi njengokungati ibingiwe, inempondo ezisixe̔nxe namehlo asixe̔nxe, angabo omoya bosixe̔nxe bakatixo abatunyelweyo emhlabeni wonke. 7Yeza yayitabata incwadi kwesokunene isandla salowo uhleli pezu kwayo iterone.
8Kekaloku okuya yayitabatayo incwadi, izidalwa ezipilileyo zozine nabadala bomashumi mabini anabane bawa pambi kwayo imvana, bepete abanye ngabanye igitare, nefiyali zegolide zizele ziziqu̔miso, eziyiyo imitandazo yabangcwele. 9Baye bevuma iculo elitsha, besiti: Ufanele ukuyitabata incwadi, nokunqika izincamatiselo zayo; ngokuba wabingwayo, wasitengela utixo ngegazi lako, kuzo zonke izizwe, nenteto, nabantu, nentlanga, 10wasenza okumkani nabaperisite kutixo wetu; sasiya kupata ngobukumkani emhlabeni. 11Ndaza ndabona, ndaliva ilizwi lengelosi ezininzi zingqonga iterone nezidalwa ezipilileyo nabadala; lalibe inani lazo lingamashumimawaka amashumimawaka, namawaka amawaka; 12zisiti ngelizwi elikulu: Ifanele imvana ebingiweyo ukwamkela amandla, nobutyebi, nobulumko, nobomelelo, nembeko, nodumo, nombongo. 13Nazo zonke izidalwa ezisezulwini, nasemhlabeni, napantsi kwomhlaba, nezo zipezu kwolwandle, nento zonke ezikuzo, ndaziva zisiti: Kulowo uhleli pezu kwayo iterone, nakuyo imvana, makubeko umbongo, nembeko, nodumo, namandla, kude kube ngunapakade kanapakade. 14Zaye izidalwa ezipilileyo zozine zibe zisiti: Amene. Bati kekaloku abadala bomashumi mabini anabane bawa pantsi, babedesha lowo upilileyo kude kube ngunapakade kanapakade.
Currently Selected:
Isityilo sika‐Johane 5: XHO1902A
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.