Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Roma 10
10
1BAZALWANA! ukukanuka kwentliziyo yam nokukunga kwam kutixo ngenxa yo‐Sirayeli, kokwokuba basindiswe. 2Ngokuba ndibanqi̔nela ukuba banokuzondelela utixo, koko kungengokuqonda. 3Ngokuba ubulungisa bukatixo bengabazi nje, nobabo ubulungisa befuna ukubumisa, abalulamelanga kubo ubulungisa bukatixo. 4Ngokuba u‐Kristu esisipelo somteto bube bubulungisa kubo bonke abakolwayo.
5Ngokuba u‐Mosesi ebalisa ubulungisa obungawo umteto, esiti: Umntu ozenze zona uya kupila ngazo. 6Kodwa ubulungisa obungokolo buyateta ngokuti: Ungatsho entliziyweni yako ukuti: Ngubanina oya kunyukela ezulwini? (oko kukuti, ukuhla no‐Kristu:) 7umhlaumbi: Ngubanina oya kuhlela ehadesi? (oko kukuti, ukunyuka no‐Kristu kwabafileyo.) 8Koko buti nina? Ilizwi likufupi kuwe, emlonyeni wako, nasentliziyweni yako: oko kukuti, ilizwi lokolo esilishumayelayo; 9lokokuba, xeshekweni uti uxele ngomlomo wako inkosi u‐Yesu, ukolwe entliziyweni yako ukuba utixo wamvusa kwabafileyo, uya kusindiswa. 10Ngokuba ngentliziyo kukolwa kube bubulungisa, nangomlomo kuxelwa kube lusindiswa. 11Ngokuba isiba̔lo sisiti: Osukuba ekolwa kuye akayi kudaniswa. 12Ngokuba kungeko ukwahluka pakati kwom‐Juda nom‐Girike; ngokuba ikwa nye inkosi yabo bonke, ibutyebi ngakubo bonke ababizayo kuyo: 13ngokuba bonke abasukuba bebiza egameni likayehova beya kusindiswa.
14Pofu boti nina ukubiza kulowo bangakolwanga kuye? boti nina nokukolwa kulowo abangamvanga? boti nina nokuva bengenamshumayeli? 15Kanjako boti nina ukushumayela, xeshekweni bangatunywayo? njengokuba kuba̔liwe ukuti: Hai ukuba ntle kwazo inyawo zabo abashumayelayo indaba ezimnandi zoxolo, abashumayelayo indaba ezimnandi zezinto ezilungileyo! 16Kuloko bebengapulapuli bonke kwindaba ezimnandi ezo. Ngokuba u‐Yisaya esiti: Yehova! ngubanina okoliweyo yintshumayelo yetu? 17Kukona ukolo luvela ngokuva, nokuva ngalo ilizwi likatixo. 18Koko ndisiti: Abeva na? Hai gxebe: Intlokoma yabo yapumela kuwo wonke umhlaba, namazwi abo kwa sezipelweni zelizwe. 19Koko ndisiti: Abazi na o‐Sirayeli? Ukuqala u‐Mosesi uti: Ndonivusela ikwele pezu kwolungelulo uhlanga; pezu kwohlanga olungenakuqonda ndoniqumbisa. 20Kodwa u‐Yisaya uyakalipa kakulu ati: Ndafunyanwa ngabo babengandifuni; ndabonakaliswa kwabo babengandibuzi. 21Kodwa ngo‐Sirayeli uti: Yonke imini ndazitwabulula izandla zam ngasebantwini abangevayo nabapikayo.
Currently Selected:
Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Roma 10: XHO1902A
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.