YouVersion Logo
Search Icon

Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Roma 16

16
1NDIYAMAZISA kuni u‐Fibi udade wetu, ongumkonzikazi waseṙementeni ese‐Kenkriya: 2ukuze nimamkele enkosini ngokufanele abangcwele, nokuba nimncede emcimbini asukuba efuna ukunceda kwenu kuwo: ngokuba yena naye ebengumsizi wabaninzi, nowam kanjalo.
3Bulisani u‐Pirisila no‐Akwila, abasebenzisi bam ku‐Kristu Yesu: 4abati ngenxa yobomi bam bazibeka pantsi ezabo intamo: ekungendim ndedwa obulelayo kubo, zizo zonke iṙemente zabaheyideni nazo. 5Kanjako bulisani iṙemente esendlwini yabo. Bulisani u‐Epenetusi umtandwa wam, osisandulelo sase‐Akaiya kuye u‐Kristu. 6Bulisani u‐Mariya, owasisebenzela kakulu. 7Bulisani u‐Andronike no‐Juniyasi, izalamane zam, namabanjwa kunye nam, abadumileyo pakati kwabapostile, aba?-?beku‐Kristu pambili kum kanjalo. 8Bulisani u‐Ampiliya umtandwa wam enkosini. 9Bulisani u‐Uribane umsebenzisi wetu ku‐Kristu, no‐Sitaku umtandwa wam. 10Bulisani u‐Apelesi, obukiweyo ku‐Kristu. Bulisani abakwa‐Aristobulo. 11Bulisani u‐Herodiyone isalamane sam. Bulisani abakwa‐Narakiso aba senkosini. 12Bulisani u‐Tirifena no‐Tirifosa, abasebenzayo enkosini. Bulisani u‐Perisi otandiweyo, owasebenzayo kakulu enkosini. 13Bulisani u‐Rufusi oqashiweyo enkosini, nalowo ungunina wake nowam. 14Bulisani u‐Sinkirito, u‐Filegoni, u‐Heremasi, u‐Pateroba, u‐Heremisi, nabazalwana abanabo. 15Bulisani u‐Filologe no‐Juliya, u‐Nereyusi nodade wake, no‐Limpasi, nabo bonke abangcwele abanabo. 16Bulisanani ngokwanga okungcwele. Iṙemente zika‐Kristu ziyanibulisa.
17Kekaloku ndiyanikunga, bazalwana! ukuba nigqale abo bazenzayo imbambaniso nezixakaniso, ngokungalungelene nofundiso enilufundileyo; nize nibapepe. 18Ngokuba abanjalo bengakonzi inkosi yetu u‐Yesu Kristu, koko bekonza isisu sabo; bati kanjalo ngamazwi amnandi nangeziteto ezibongayo bazilukuhle intliziyo zabangenamamenemene. 19Ngokuba ukuva kwenu kuvakele kubo bonke abantu. Ndiyavuya ngoko pezu kwenu: kodwa ndinga ningaba ngabalumkileyo ngakuko okulungileyo, nabangenamaqokolo ngakuko okukohlakeleyo. 20Waeya kuti utixo woxolo ahle atyumze u‐Satane ngapantsi kwenyawo zenu. Ufefe lwenkosi yetu u‐Yesu Kristu malube nani. Amene.
21U‐Timote umsebenzisi wam, no‐Lukusi, no‐Yasone, no‐Sosipatere, izalamane zam, bayanibulisa. 22Mna Teretusi, owaba̔la lencwadi, ndiyanibulisa enkosini. 23U‐Gayusi, umbuki wam noweṙemente yonke, uyanibulisa. U‐Erastusi igosa lesixeko uyanibulisa, no‐Kwarito umzalwana wetu.
24Ufefe lwenkosi yetu u‐Yesu Kristu malube nani nonke. Amene.
25Kekaloku kulowo unamandla okuniqinisa njengokwevangeli yam nokushunyayelwa kuka‐Yesu Kristu, njengokwokutyilwa kwemfihlakalo, ebitiwe cwaka emaxesheni akudala, 26ete kodwa yabonakaliswa kaloku nje, yaziswa ngazo iziba̔lo zabaprofite, njengokwomyolelo wake utixo ongunapakade, kuzo zonke intlanga kube kukuva kwokolo: 27kutixo okupela kwolumkileyo, ngaye u‐Yesu Kristu, okuye makubeko ubungcwalisa kude kube ngunapakade. Amene.

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in