KwabaseKorinte 1 KwabaseKorinte 1 – 11
KwabaseKorinte 1 – 11
1Yibani ngabaxelisa mna, njengokuba nam ndixelisa uKristu. 2Ke kaloku ndiyanidumisa, bazalwana, kuba nindikhumbula ngeendawo zonke, nizibambile izithethe, njengoko ndaninikelayo. 3Kodwa ndithanda ukuba nazi, ukuba intloko yomntu wonke oyindoda nguKristu; intloko yomfazi yindoda; intloko ke kaKristu nguThixo. 4Umntu wonke oyindoda, ethandaza, mhlawumbi eprofeta, enento entloko, uya intloko yakhe. 5Umntu wonke ke ongumfazi, ethandaza, mhlawumbi eprofeta, engenasigqubuthelo entloko, uyayihlaza eyakhe intloko; kuba oko kunto-nye nokuba uchetyiwe. 6Kuba umfazi, ukuba akagqubuthele, makaselenquthulwa nokunquthulwa. Ke ukuba kulihlazo kumfazi ukuba anquthulwe, mhlawumbi achetywe, makabe nesigqubuthelo. 7Kuba indoda okunene ayifanele ukuba nesigqubuthelo entloko, ekubeni ingumfanekiselo nozuko lukaThixo; ke yena umfazi luzuko lwendoda. 8Kuba indoda ayiphume emfazini; ngumfazi oyindoda; 9kuba indoda ayidalwanga ngenxa yomfazi; umfazi ke ngendoda. 10Ngenxa yoko umfazi ufanele ukuba abe nomqondiso wegunya phezu kwentloko, ngenxa yezithunywa zezulu. 11Kodwa eNkosini apha indoda ayingaphandle komfazi, nomfazi akangaphandle kwendoda; 12kuba, njengokuba umfazi ephume kwindoda, ngokunjalo nayo indoda ingaye umfazi; kodwa zonke izinto zikaThixo. 13Zigwebeleni ngokwenu. Kumfanele na ukuba umfazi athandaze kuThixo, engagqubuthele? 14Kananjalo imvelo ngokwayo ayinifundisi na, ukuba indoda okunene ethi ibe neenwele ezinde, kulihlazo oko kuyo? 15Ke yena umfazi, ukuba uthi abe neenwele ezinde, kuluzuko oko kuye; ngokuba wazinikwa iinwele ezinde endaweni yesigqubuthelo. 16Ke ukuba ubani ubonakala ethanda ukuphika, thina asinasiko linjalo, kwanawo amabandla kaThixo. 17Ke kaloku, ndinithethela le ndawo nje, andinincomi, ukuba ukuhlangana kwenu ndawonye akusingisi kokhona kulungileyo; 18Kuba kuqalake, nakuhlangana ebandleni, ndiyeva ukuba kubakho izahlukahlukano phakathi kwenu; nam ke ndiyakholwa yiyo. 19Kuba kumele ukuba kubekho nezahlukano phakathi kwenu, ukuze abacikidekileyo babonakale phakathi kwenu. 20Xenikweni ngoko nithe nahlangana ndawonye, asikuko ukuba nidle isidlo seNkosi; 21Kaloku xa batyayo elowo udla owakhe isidlo, aze omnye alambe, omnye anxile. 22Yintoni na? Aninazindlu zokudlela nokusela na? Okanye nidela ibandla likaThixo na, nibadanisa nje abangenanto? Ndithini na kuwe? Ndinidumise na kule nto? andikuncomi; 23Kuba mna ndakwamkela eNkosini oko ndikunikeleyo nokukunikela kuni: Okokuba iNkosi uYesu, ngobusuku eyanikelwa ngabo, yathabatha isonka; 24yaza yakuba ibulele, yasiqhekeza, yathi, Thabathani, nidle, ngumzimba wam lo, owaphulelwa nina; oku kwenzeleni ukundikhumbula. 25Kwangokunjalo yathabatha nayo indebe, emva kokuba kudliwe, isithi, Le ndebe ingumnqophiso omtsha osegazini lam; ngamaxesha onke enisukuba niyisela, oku kwenzeleni ukundikhumbula. 26Kuba ngamaxesha onke enisukuba nisidla eso sonka, niyisele loo ndebe, niyakwazisa ukufa kweNkosi, ide ifike. 27Ngoko ke, osukuba esidla eso sonka, ayisele indebe yeNkosi, ngokungafanelekileyo, woba netyala lomzimba negazi leNkosi. 28Makazicikide ke ngokwakhe umntu, aze ngokunjalo adle kwisonka eso, ayisele nendebe leyo; 29kuba lowo udlayo, uselayo, ngokungafanelekileyo, uzidlela aziselele ukugwetywa, engawucaluli nje umzimba weNkosi. 30Ngenxa yoku baninzi phakathi kwenu abaswele amandla, nabayimilwelwe, banele nabalele ukufa. 31Kuba xa besizicalula, ngesiba asigwetywa. 32Sigwetywa nje ke, siyaqeqeshwa yiNkosi, ukuze singasingelwa phantsi ndawonye nehlabathi. 33Ngoko ke, bazalwana bam, xa nihlangene ndawonye ukuba nidle, lindanani. 34Ukuba ubani ulambile, makatye ekhaya; ukuze ningahlangani ndawonye ukuze nigwetywe. Eziseleyo ke iindawo ndozilungisa ndakufika.
Currently Selected:
KwabaseKorinte 1 KwabaseKorinte 1 – 11: CXB24
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.