KwabaseKorinte 2 KwabaseKorinte 2 – 2
KwabaseKorinte 2 – 2
1Mna ke okwam, ndagqiba kweli lokuba ndingabuyi ndize kuni ndibuhlungu. 2Kuba mna ukuba ndinenza buhlungu, kusekho bani na ke ondenza ndibe nemihlali, ongenguye lowo wenziwe wabuhlungu kwandim? 3Ndanibhalela ke oku, ukuze ndakufika ndingabi buhlungu ngabo bendimelwe kukuvuya ngabo; ndikholose ngani nonke, ukuba uvuyo lwam ikwalolwenu nonke. 4Kuba ndanibhalela ekubandezelekeni nasekuxinezelekeni okukhulu kwentliziyo yam, ndineenyembezi ezininzi; ndingenzeli ukuze nenziwe buhlungu, ndisenzela ukuze nilwazi uthando endinithanda ngalo ngokugqithiseleyo. 5Ke ukuba ubani wenze kwabuhlungu, akenze kwabuhlungu mna, wenze ngenxenye nina nonke; 6Kumanele lowo unjalo oko kumkhalimela kwabaninzi; 7Ngoko ke senithi kanye senimxolela, nimthuthuzele, hleze lowo unjalo aselesuka edliwa kukuba buhlungu ngokugqithiseleyo. 8Kungoko ndiyaniyala ukuba niluqinisekise uthando lwenu kuye. 9Kuba ndabhalela kona oku, ukuze ndikwazi ukucikideka kwenu, ukuba ningábevayo na ezintweni zonke. 10Enimxolelayo ke into, ndiyamxolela nam; 11hleze asidleke uSathana, kuba amaqhinga akhe siyawazi. 12Ke kaloku, ndakuba ndifikile eTrowa, ndishumayela iindaba ezilungileyo zikaKristu, ndakuba ndivulelwe nomnyango weNkosi; 13Andibanga nakonwaba emoyeni wam, ngokungamfumani uTito, umzalwana wam; ndesuka ndababulisa, ndemka ndaya kwelaseMakedoni. 14Makubulelwe ke kuThixo, ohlala esiphuphuma uqhayiso ngoKristu, elibonakalalisa ngathi ivumba lokwaziwa kwakhe ezindaweni zonke. 15Kuba kuye uThixo silivumba elimnandi likaKristu, phakathi kwabasindiswayo naphakathi kwabatshabalalayo. 16Kwabanye silivumba lokufa elisa ekufeni; kwabanye ilivumba lobomi elisa ebomini. Ngubani na ke ozilingeneyo ezo zinto? 17Kaloku asithi, njengabaninzi abo, silingxengelele ilizwi likaThixo; sisuka ngokwabokungcwengeka, sisuka ngokwabakwaThixo, sithethe phambi kwamehlo kaThixo, sikuKristu.
Currently Selected:
KwabaseKorinte 2 KwabaseKorinte 2 – 2: CXB24
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.

: