KwabaseKorinte 2 KwabaseKorinte 2 – 3
KwabaseKorinte 2 – 3
1Xa sitshoyo, singaba siyawaqala siziyaleze na? Okanye sifuna, njengabathile, kusini na, iincwadi zokuyalezwa kuni, nokuba zezokuyalezwa nini? 2Incwadi yethu thina, ebhalwe ezintliziyweni zethu, nini; iyaziwa, ileswa ngabantu bonke; 3Nibonakalalisiwe nje ukuba niyincwadi kaKristu, eyalungiselelwa sithi, engabhalwanga ngainki, ebhalwe ngoMoya kaThixo ophilileyo; kungekhona kumacwecwe amatye, kusemacwecweni angawenyama entliziyo. 4Sinenkoloseko enjalo ke kuThixo ngaye uKristu. 5Kungekuko ukuba silingene ngokwethu ukucamanga nto engathi iphuma kuthi ngokwethu; ukukulingana kwethu oko kuphuma kuThixo; 6osenze nokusenza sakulingana ukuba ngabalungiseleli bomnqophiso omtsha; asingowombhalo lo, singawomoya; kuba ubhalo luyabulala, umoya ke udlisa ubomi. 7Ke ukuba ulungiselelo lokufa, lukrolwe ematyeni ngokrolo, lwaba nobuqaqawuli, ngokokude oonyana bakaSirayeli bangabi nakuqwalasela ebusweni bukaMoses, ngenxa yobuqaqawuli bobuso bakhe; uzuko olo lwaluza kubhangiswa. 8Luthini na ulungiselelo lwakhe uMoya, ukungabi nobuqaqawuli ngokugqithiseleyo? 9Kuba, ukuba ulungiselelo olugwebayo lunobuqaqawuli, kokukhona luya kugqithisela ngobuqaqawuli ulungiselelo lobulungisa. 10Kaloku kwanoko kwenziwe kwaba nobuqaqawuli, akwenziwanga kwaba nobuqaqawuli ngale ndawo, ngenxa ke yobuqaqawuli obu bona bubalaselayo. 11Kuba xa oko bekuza kubhanga kunobuqaqawuli, kokukhona oku kuhleliyo kunobuqaqawuli. 12Sinethemba elinjalo nje ke ngoko, kokukhona singafihlisiyo ukuthetha; 13singabi njengoMoses, wabeka isigqubuthelo ebusweni bakhe, ukuze oonyana bakaSirayeli bangaqwalaseli esiphelweni soko bekuza kubhanga. 14Zesuka noko zaqaqadekiswa iingqiqo zabo, kuba nanamhla sisahleli kwaeso sigqubuthelo ekulesweni kwawo umnqophiso omdala, singabhenqwanga, isigqubuthelo eso sibhangiswa kuKristu. 15Kude kube namhla, xa kufundwa uMoses, kusuke kubekho isigqubuthelo entliziyweni yabo. 16Ke xenikweni ithe ke yona yabuyela eNkosini sosuswa kuphele isigqubuthelo eso. 17iNkosi ke inguye uMoya; apho ke akhoyo uMoya weNkosi, kubakho inkululeko. 18Ke thina sonke, sinobuso nje obubhenqwe isigqubuthelo, sibukhangela njengokwasesipilini ubuqaqawuli beNkosi, senziwa similise okwaloo mfanekiselo, sivela ebuqaqawulini sisinge ebuqaqawulini, kwanjengokuvela eNkosini enguMoya.
Currently Selected:
KwabaseKorinte 2 KwabaseKorinte 2 – 3: CXB24
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.

: