iZenzo iZenzo 2
iZenzo 2
1Ke kaloku, ekuzalisekeni kwawo umhla wepentekoste, baye bonke bemxhelo mnye ndaweni-nye. 2Kwaza ngequbuliso kwaphuma ezulwini isandi esinjengesomoya ovuthuza ngamandla, sayizalisa yonke indlu ababehleli kuyo. 3Kwabonakala kubo iilwimi ezabekayo, ngathi zezomlilo, lwaolo lwaolo lwahlala phezu kwabo bonke ngabanye. 4Bazaliswa bonke nguMoya oyiNgcwele, baqala ukuthetha ngalwimi zimbi, njengoko uMoya wayebanika ukuba bathethe baphimisele. 5Ke kaloku kwakumi eYerusalem apho amaYuda, amadoda awoyika uThixo, evela kuzo zonke iintlanga eziphantsi kwezulu. 6Sithe ke sakubakho esi sandi, yabuthelana inkitha, yadubadubeka, ngokuba bonke ngabanye babebeva bona bethetha ngezakomawabo iintetho. 7Bathi nqa ke bonke, bamangaliswa, wathi omnye komnye, Kanene aba bonke bathethayo asingamaGalili na? 8Kwenzeka njani ukuba sibeve sonke ngabanye bethetha ngezakomawethu iintetho, esazalelwa kuzo? 9amaPati, namaMedi, namaElam, nabemi baseMesopotami, nakwelakwaYuda, nakwelaKapadoki, kwelasePonto, nelaseAsiya; 10elaseFrigi, nelasePamfili, kwelaseJiputa, nakwelaseLibhiya, malunga neKirene, nabasemzini abaseRoma, abangamaYuda nabangeni ebuYudeni; 11AmaKrete nama-Arabhi, siyabeva bethetha ngeelwimi zethu imisebenzi ebalulekileyo kaThixo. 12Bathi nqa ke bonke, bakhohlwa, omnye esithi komnye, Azi, ingaba ifuna ukuba yintoni na le nto? 13Baye abanye bebagculela, besithi, Aba bazele yiwayini entsha; 14Ke kaloku uPetros, esuke wema nabalishumi elinamnye, waliphakamisa izwi lakhe, wathi kubo, Madoda, maYuda, nani nonke nimiyo eYerusalem, makwazeke oku kuni, niwabekele indlebe amazwi am. 15Aba abanxilile, njengoko nina niba kunjalo, kuba kuselilixa lesithathu lemini. 16Kodwa oku koko kwathethwayo ngomprofeti uYoweli. 17Kuya kuthi ngemihla yokugqibela, utsho uThixo, ndithulule uMoya wam phezu kwenyama yonke, baprofete oonyana benu neentombi zenu, amadodana enu abone imibono, namadoda enu amakhulu aphuphe amaphupha; 18Naphezu kwabakhonzi bam, naphezu kwabakhonzazana bam, ngaloo mihla ndiya kumthulula uMoya wam; kwaye baya kuprofeta. 19Ndiya kwenza izimanga ezulwini phezulu, nemiqondiso emhlabeni phantsi; igazi, nomlilo, nentshinyela yomsi; 20Ilanga liya kujikwa libe mnyama, nenyanga ibe ligazi, phambi kokuba ifike imini yeNkosi enkulu. 21Baya kuthi bonke abasukuba belinqula igama leNkosi basindiswe. 22Madoda, maSirayeli, waveni la mazwi; uYesu waseNazarete, indoda eqondakalisiweyo nguThixo kuni, ngemisebenzi yamandla, nangezimanga, nangemiqondiso, awayenzayo uThixo ngayo phakathi kwenu, njengokuba nisazi nani ngokwenu: 23yena lowo, ekhutshwe ngecebo elimisiweyo likaThixo nangokwazi kwakhe kwenxa engaphambili uThixo, namthabatha, nambethelela emnqamlezweni, namsika ngezandla zabangendawo; 24athe uThixo wamvusa, eyikhulule inimba yokufa, kuba ebengenako ukubanjwa kuko. 25Kuba uDavide uthi, esingisele kuye, Ndahlala ndiyibona iNkosi phambi kwamehlo am, Ngokuba ingasekunene kwam, ukuze ndingashukunyiswa. 26Ngenxa yoko yaba nemihlali intliziyo yam, lwagcoba ulwimi lwam; Ngaphezu koko ke nenyama yam iya kuphumla inethemba; 27Ngokuba akuyi kuwushiya umphefumlo wam kwelabafileyo, Kananjalo akuyi kumyekela oyiNgcwele wakho ukuba abone ukubola. 28Wandazisa iindlela zobomi; Uya kundizalisa ngemihlali ngokubona ubuso bakho. 29Madoda, bazalwana, mandivunyelwe ndithethe kuni ngokuphandle ngomawokhulu uDavide, ukuba wafa wangcwatywa; nengcwaba lakhe likho kuthi unanamhla. 30Ngoko, ekubeni engumprofeti, esazi nokuba uThixo wamfungela isifungo esithi, esiqhameni sesinqe sakhe ngokwenyama, uya kuvelisa uKristu, ukuba ahlale etroneni yakhe; 31Ebonile ngenxa engaphambili, wathetha ngako ukuvuka kukaKristu, ukuba umphefumlo wakhe ungashiywanga kwelabafileyo nenyama yakhe ingabonanga kubola. 32Lo Yesu uThixo wamvusa, esingamangqina ako oko thina sonke. 33Ephakanyiselwe phezulu nje ngasekunene kukaThixo, elamkele kuye uYise idinga loMoya oyiNgcwele, uthulule le nto niyibonayo, niyivayo ngoku. 34Kuba uDavide, enganyukanga waya emazulwini, ke uthi ngokwakhe, Yathi iNkosi eNkosini yam, Hlala ngasekunene kwam; 35Ndide iintshaba zakho ndizenze isihlalo seenyawo zakho. 36Ngoko mayazi ngokuqinisekileyo yonke indlu kaSirayeli, ukuba uThixo wamenza iNkosi noKristu, kwayena lo Yesu nambethelelayo emnqamlezweni nina. 37Ke kaloku bathe, bakukuva oko, bahlabeka entliziyweni, bathi kuPetros nakwabanye abapostile, Madoda, bazalwana, sithini na? 38Wathi uPetros kubo, Guqukani, nibhaptizwe nonke ngabanye egameni likaYesu Kristu, ukuze kuxolelwe izono, namkele isipho soMoya oyiNgcwele. 39Kaloku idinga likuni, nakubantwana benu, nakubo bonke abakude, esukuba iNkosi uThixo wethu iya kubabiza. 40Ngamanye amazwi amaninzi wayeqononondisa, ebavuselela esithi, Zisindiseni kwesi sizukulwana sigwenxa. 41Bathe ke ngoko, abalamkele ilizwi lakhe ngovuyo, babhaptizwa; kongezelelwa kwangaloo mini imiphefumlo engathi imawaka mathathu. 42Bazingisa ukuzingisa emfundisweni yabapostile, nasebudlelaneni, nasekuqhekezeni isonka, nasemithandazweni. 43Ke kaloku kwabakho ukoyika kwimiphefumlo yonke; kwenzeka izimanga ezininzi kwanemiqondiso ngabapostile. 44Ke kaloku bonke ababekholwa babendawonye, benobudlelane ngeento zonke. 45Baye bethengisa nangemihlaba nangemihlaba yabo, babele bonke abantu njengoko ebesukuba eswele ngako. 46Babezingisa ukuhlala bemxhelo mnye etempileni imihla ngemihla, beqhekeza isonka kwizindlu ngezindlu, besidla ukudla benemigcobo, benolungelelwano lwentliziyo, 47bemdumisa uThixo, benonelelwe ngabantu bonke. Yaye iNkosi isongeza ebandleni imihla ngemihla abasindiswayo.
Currently Selected:
iZenzo iZenzo 2: CXB24
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.