iZenzo iZenzo 3
iZenzo 3
1Ke kaloku, uPetros, noYohane babenyuka bendawonye, besiya etempileni ngexesha lomthandazo, ililixa lesithoba. 2Kwaye ke kuthwelwe ndoda ithile, ibisisiqhwala kwasekuzalweni kwayo, ababeyibeka imihla ngemihla emnyango wetempile, lowo kuthiwa Mhle, ukuba icele amalizo kwabangenayo etempileni; 3eyathi, yakubona uPetros noYohane beza kungena etempileni, yacela ukuba bayilize. 4Uthe ke uPetros, enoYohane, eqwalasele kuyo wathi, Khangela kuthi apha. 5Wabagqala ke, elindele ukwamkela into kubo. 6Uthe ke uPetros, Isilivere negolide andinayo; kodwa endinako ndikunika kona: Egameni likaYesu Kristu umNazarete, vuka uhambe. 7Wayibamba ngesandla sokunene, wayiphakamisa; zomelezeka kwaoko iinyawo zayo namaqatha ayo. 8Yesuka umtsi, yema, yahambahamba, yangena nabo etempileni, ihambahamba itsiba, imdumisa uThixo. 9Baza bonke abantu bayibona ihambahamba, idumisa uThixo; 10Babeqonda kakuhle, ukuba ingulowa ubehlalela amalizo ngasemnyango oMhle wetempile, bathi qhiphu umbilini, bathi nqa yiloo nto ihlileyo kuye. 11Ke kaloku, sakubon’ ukuba isisiqhwala sibambe ooPetros noYohane, abantu babalekela kubo evarandeni ekuthiwa yekaSolomon, bemangalisiwe kakhulu. 12Akukubona ke oko uPetros, waphendula wathi kubo abantu, Madoda, maSirayeli, yini na ukuba nimangaliswe yile nto? Kanjalo yini na ukuba nisijonge, ngathi senze ukuba lo mntu ahambe ngawethu amandla, nangobungcwele bethu? 13uThixo ka-Abraham, kaIsake, kaYakobi, uThixo woobawo bethu, umzukisile uYesu uNyana wakhe; enamnikelayo, namkhanyela phambi koPilato, ekubeni yena ugqibe kwelokuba amkhulule. 14Ke nina namkhanyela oyiNgcwele, oliLungisa, nacela ukuba ninikwe indoda engumbulali. 15Ke yona iMbangi yobomi nayibulala, awayivusayo uThixo kwabafileyo; esingamangqina ako oko. 16Nangenxa yokukholwa kwigama layo, lo nimbonayo, nimaziyo, limomelezile igama layo; lwathi ukholo olungayo lwamnika oku kuphila kupheleleyo phambi kwenu nonke. 17Nangoku, bazalwana, ndiyazi ukuba nenze ngokungazi, njengabo nabo abaphathi benu. 18Ke zona izinto uThixo, awazixelayo ngenxa engaphambili ngomlomo wabo bonke abaprofeti bakhe, ukuba uKristu wayeza kuva ubunzima, wenjenjalo ukuzalisekisa oko. 19Guqukani ke ngoko, nijike, ukuze zicinywe izono zenu; 20ithume uYesu Kristu, owavakaliswayo kuni ngenxa engaphambili; 21elimelwe kukumamkela izulu, kude kufike amaxesha okubuyiswa kweento zonke, awawathethayo uThixo ngomlomo wabo bonke abaprofeti bakhe abangcwele, kususela kunaphakade. 22Kaloku uMosis wathi koobawo: “iNkosi uThixo wenu iya kunivelisela umprofeti kubazalwana benu onjengam nje; ize nimve yena kuzo zonke izinto asukuba eya kuzithetha kuni. 23Yothi ke yonke imiphefumlo engathanga imve loo mprofeti, itshatyalaliswe, ingabikho phakathi kwabantu. 24Nabo bonke abaprofeti, ukususela kuSamuweli nabalandelayo, bonke abo bathethayo, baprofeta ngokunjalo ngale mihla. 25Nina ningoonyana babo abaprofeti, nabomnqophiso awanqophisana ngawo noobawo bethu uThixo, esithi kuAbraham, Yaye ke iya kusikeleleka embewini yakho yonke imizalwane yehlabathi. 26uThixo ke, akuba emvusile uNyana wakhe uYesu, wamthuma kuni kuqala, ukuba anisikelele ngokuniguqula nonke ngabanye kwiinkohlakalo zenu.
Currently Selected:
iZenzo iZenzo 3: CXB24
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.

: