YouVersion Logo
Search Icon

iZenzo iZenzo 4

iZenzo 4
1Ke kaloku, bakubon’ ukuba bayathetha kubo abantu, bafika ababingeleli, nomphathi wetempile, nabaSadusi; 2bebindekile ngenxa yokuba befundisa abantu, bekuxela ukuvuka kubo abafileyo ngoku kukaYesu ukuvuka. 3Babasa izandla, babafaka entolongweni, kwada kwaba ngengomso; kuba bekuse kuhlwile. 4Ke into eninzi yabo babelivile ilizwi, yakholwa; lathi inani lamadoda lingathi kumawaka amahlanu. 5Ke kaloku kwathi ngengomso, abaphathi babo, namadoda amakhulu, nababhali, bathi, 6Kwahlanganisana eYerusalem uAnas umbingeleli omkhulu, noKayafa, noYohane, noAlesandire, kwanabanye bemizalwane yombingeleli omkhulu; 7Bakuba bebamise phakathi, bababuza besithi, Le nto nina niyenze ngamandla mani na, nangagama lini na? 8Wathi ke uPetros, ezele nguMoya oyiNgcwele, wathi kubo, Nina baphathi babantu, nani madoda makhulu akwaSirayeli, 9ukuba thina namhlanje siyacikideka ngomsebenzi omhle owenziweyo lowo ungenamandla, ukuba ungáphiliswa njani na; 10Makwazeke kuni nonke, nakubo bonke abantu bakwaSirayeli, ukuba kusegameni likaYesu Kristu waseNazarete, enambethelelayo emnqamlezweni nina, athe uThixo wamvusa kwabafileyo; kungaye lowo, ukuba lo mntu eme apha phambi kwenu ephilile. 11Lo ngulo ilitye elenziwa into engento nini bakhi, elisuke laba yintloko yembombo. 12Kananjalo usindiso alukho kuwumbi; kuba akukho gama limbi phantsi kwezulu, linikiweyo phakathi kwabantu, esimele ukusindiswa ngalo. 13Ke kaloku, bakubona ukungafihlisikuthetha koPetros noYohane, beqiqa nokuba ngabantu abangenamfundo, abangenakwazi, bamangaliswa; babaqonda ukuba babenaye uYesu. 14Bakumbona ke umntu emi nabo, yena lowo uphilisiweyo, ababanga nandawo yakuphika. 15Bakuba bethe mabaphume entlanganisweni yamatyala, bacebisana bodwa, 16besithi, Siya kubathini na aba bantu? Kuba okunene, ukuba kuhle ngabo umqondiso owazekayo, oyinto ebonakalayo kubo bonke abemi eYerusalem, kwaye asinakuyikhanyela loo nto. 17Ukuze ke loo nto ingahlakazeki ngakumbi ebantwini, masise sibasongela ngelokuba bangabi sathetha mntwini ngeli gama. 18Bebabizile, babathethela ngelithi, mabangabi sakhankanya nakanye, bangafundisi nokufundisa ngegama likaYesu. 19Ke kaloku uPetros noYohane baphendula, bathi kubo, Yahlulani nina, ukuba bubulungisa na emehlweni kaThixo ukuva nina, kunokuva uThixo; 20Kaloku thina asinakuyeka ukuthetha ngezinto esizibonileyo nesizivileyo. 21Bathe ke bona, beqokele ngokubasongela, babandulula, bengafumani sizathu bangababetha ngaso, ngenxa yabantu; ngokuba bonke babemzukisa uThixo ngoko kwakuhlile. 22Kuba umntu owathi waphiliswa phezu kwakhe lo mqondiso wokuphiliswa wayeneminyaka engaphezu kwamashumi amane. 23Bakuba ke bekhululwe, baya kowabo, bababikela zonke izinto ababezithethile kubo ababingeleli abakhulu namadoda amakhulu. 24Bona ke, bakukuva oko, baphakamisa izwi kuThixo ngamxhelo mnye, bathi, Nkosi, wena unguThixo owalenzayo izulu nomhlaba nolwandle, neento zonke ezikwezo nto; 25owatshoyo ngomlomo kaDavide umkhonzi wakho, ukuthi, Yini na ukuba iintlanga zenze imbuthumbuthu, nabantu bacamange into engeyakonto? 26Bazimisa ookumkani behlabathi, Nabaphathi bahlanganisana ndawonye Ngokuyichasa iNkosi, naye uKristu wayo. 27Kuba okunene uHerode, kwanoPontiyo Pilato, ndawonye neentlanga nabantu bakwaSirayeli, babuthelana ndawonye nxamnye noNyana wakho ongcwele uYesu, owamthambisayo, 28ukuba benze izinto zonke ezamiswayo ngenxa engaphambili sisandla sakho nalicebo lakho, ukuba zibekho. 29Ngoku ke, Nkosi, zikhangele izisongelo zabo, ubanike abakhonzi bakho ukuba balithethe ilizwi lakho ngako konke ukungafihlisi. 30Ngokusolula isandla sakho uphilise; nokuba kwenzeke imiqondiso nezimanga ngegama loMkhonzi wakho ongcwele, uYesu. 31Bakubon’ ukuba bakhungile, yazanyazanyiswa indawo ababehlanganisene kuyo; Bazaliswa bonke nguMoya oyiNgcwele, balithetha ilizwi likaThixo ngokungafihlisiyo. 32Ke kaloku inkitha yababekholiwe yayintliziyo-nye, imphefumlo mnye; kwaye kungekho namnye ubesithi kukho nto iyeyakhe empahleni yakhe; baye badlelana zonke izinto. 33Baye abapostile bekungqinela ngamandla amakhulu ukuvuka kweNkosi uYesu; kwaye kukho ukubabalwa okukhulu kubo bonke. 34Kwakungekho namnye phakathi kwabo, wayeswele; kuba bonke ababenemihlaba, nokuba zizindlu, babethengisa ngazo, baze bazise amaxabiso ezinto ezithengisiweyo, 35bawabeke ezinyaweni zabapostile; waye ke elowo esabelwa njengoko ebesukuba eswele ngako. 36noYose, owathiywa ngabapostile ukuba nguBharnabhas, (oko kukuthi ngentetho evakalayo, unyana wentuthuzelo), umLevi waseSipro, 37Enomhlaba, wathengisa ngawo, wayizisa imali leyo, wayibeka ezinyaweni zabapostile.

Currently Selected:

iZenzo iZenzo 4: CXB24

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in