KumaGalati KumaGalati 4
KumaGalati 4
1Ndithi ke, indlalifa, ngexesha lonke engumntwana, ayahluke nganto kumkhonzi, nakuba iyinkosi yeento zonke; 2iphantsi kwabagcini namagosa, kude kufike ixesha elimiswe ngaphambili nguyise. 3Ngokunjalo nathi, xenikweni besingabantwana, besingamakhoboka aphantsi kweziqalelo zehlabathi. 4Lithe ke lakuzaliseka ixesha, uThixo wamkhupha weza uNyana wakhe, othe wazalwa ngumntu oyinkazana; 5ukuze abakhulule ngokubathenga abaphantsi komthetho, ukuze sikuzuze ukwenziwa oonyana. 6Ngokuba ke ningoonyana, uThixo wamkhupha uMoya woNyana wakhe, weza ezintliziyweni zenu, edanduluka esithi, Abha, Bawo. 7Ngoko ke akusengumkhonzi, ungunyana; ukuba ke ungunyana, ukwayindlalifa kaThixo ngoKristu. 8Kaloku, naningamazi uThixo, nanikhonza kwabo ngemvelo bangethixo. 9Ngoku ke, nakuba nimazile uThixo, hayi kanye mandithi, nakuba naziwe nguThixo, nenza ntoni na ukubuya niguqukele kwiziqalelo ezingenamandla, ezingenaluncedo, enithanda ukubuya nikhonze zona ngokutsha? 10Nimana nigcina imihla, neenyanga, namaxesha, neminyaka. 11Ndiyanoyikela, hleze ndibe ndifumane ndabulaleka ngenxa yenu. 12Ndiyanikhunga, bazalwana, yibani njengam; ngokuba ndinjengani; anindenzanga nto konke konke. 13Niyazi ke ukuba bekungenxa yokuswela amandla kwenyama yam, ukunishumayeza kwam iindaba ezilungileyo ngokokuqala. 14Ukulingwa kwam okwakusenyameni yam, anikwenzanga into engento, anikucekisanga nina nokukucekisa; nesuka nandamkela njengesithunywa sikaThixo, njengoKristu Yesu ngokwakhe. 15Luphi na ngoko ubabalo enanithetha ngalo? Kuba ndiyaningqinela, ukuba bekunokwenzeka, ninge nawakrukrayo amehlo enu, nandinika. 16Ndisuke ndaba lutshaba lwenu na ke, ngokuthetha inyaniso kuni? 17Bayanizondelela, ingekuko okulungileyo; ewe, bathanda ukunivalela ngaphandle, ukuze nibachaphazele bona. 18Kuhle ke ukuba kuncekelelwe ngamaxesha onke entweni entle, kunganeli ukuba njalo ndakuba ndikho kuni. 19Bantwanana bam, endibuye ndanenimba ngabo, ade uKristu amiliswe ngaphakathi kwenu; 20bendithanda ke ukubakho kuni ngoku, ndilenze libe lilimbi ilizwi lam; kuba ndiyathandabuza ngani. 21Ndixeleleni, nina nithanda ukuba phantsi komthetho, aniwuva na umthetho? 22Kuba kubhaliwe kwathiwa, uAbraham wayenoonyana ababini: omnye engowekhobokazana, omnye engowomfazi okhululekileyo. 23Kodwa lowo wekhobokazana wayezelwe ngokwenyama; kodwa lowo womfazi okhululekileyo wayephume ngalo idinga. 24Eziyintsonkotha ezo zinto; kuba aba bayiyo iminqophiso emibini; Omnye uvela entabeni yeSinayi, uzalela ebukhobokeni, onguHagare ke wona lowo. 25Kuba loo nto inguHagare yiSinayi, intaba ekwelama-Arabhi, elungelelene neYerusalem yakalokunje, esebukhobokeni ke nabantwana bayo. 26Ke yona ephezulu iYerusalem ikhululekile, enguma wethu leyo. 27Kuba kubhaliwe kwathiwa, Yiba nemihlali, ludlolo lungazaliyo; Gqabhuka umemelele, wena ungenanimba; ngokuba baninzi abantwana besishiywa, ngaphezu kwabonendoda. 28Thina ke, bazalwana, ngokokukaIsake, singabantwana bedinga. 29Kusuke, kwanjengokuba wayesithi oko owazalwa ngokwenyama amtshutshise owazalwa ngokoMoya, kwaba njalo nakaloku. 30Sithini na ke sona isibhalo? Likhuphele phandle ikhobokazana nonyana walo; kuba unyana wekhobokazana akasayi kuba ndlalifa kunye nonyana wokhululekileyo. 31Ngoko ke, bazalwana, asingabantwana bekhobokazana thina; singabowokhululekileyo.
Currently Selected:
KumaGalati KumaGalati 4: CXB24
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.