KumaHebhere KumaHebhere 3
KumaHebhere 3
1Ngoko ke, bazalwana bangcwele, mabelana ngobizo lwasemazulwini, mondeleni uMpostile, uMbingeleli oMkhulu wovumo lwethu, uKristu Yesu; 2ethembekile kulowo wamenzayo, kwanjengoMoses endlwini yakhe iphela. 3Kuba lo ubalelwe ekuthini ufanelwe luzuko olungaphezu kolukaMoses; ngangokuba lowo wayakhayo indlu, enembeko engaphezu kwayo indlu. 4Kuba yonke into eyindlu inoyakhayo; ke lowo wazakhayo zonke izinto nguThixo. 5Ke yena uMosis wayethembekile endlwini yakhe iphela ngokomkhonzi, ukuze bube bubungqina obo bezinto eziya kuthethwa. 6Ke yena uKristu uthembeke ngokonyana phezu kwendlu yakhe; esiyindlu yakhe ke thina, ukuba sithe sakubamba ngokuthe nkqi ukungafihlisi kwethu, neqhayiya lethemba lethu, sada sesa ekupheleni. 7Ngoko ke, njengoko atshoyo uMoya oyiNgcwele, ukuthi, Namhla, ukuba nithe naliva ilizwi lakhe, 8Musani ukuzenza lukhuni iintliziyo zenu, njengasengcaphukisweni, ngomhla wokuhendwa entlango; 9Oko bandilingayo ooyihlo, bandilinga, Bayibona imisebenzi yam iminyaka emashumi mane. 10Kungoko ndaba buhlungu ngenxa yeso sizukulwana, ndathi, Bahlala belahleka ezintliziyweni zabo; abazazi iindlela zam. 11Ngoko ndafunga ndinomsindo, ndathi, Abayi kungena ekuphumleni kwam. 12Lumkani, bazalwana, hleze kubekho kubani wenu intliziyo engendawo, engakholwayo, enokumka kuThixo ophilileyo; 13manivuselelane imihla ngemihla, xa kusathiwa kunamhla; ukuze kungabikho mntu kuni wenziwa lukhuni kukulukuhla kwesono. 14Kaloku siba ngamabelana ngoKristu, ukuba sithe ingqalo yokukholosa kwethu sayibamba ngokuthe nkqi, sada sesa ekupheleni; 15ekubeni kusithiwa, Namhla, ukuba nithe naliva ilizwi lakhe, Musani ukuzenza lukhuni iintliziyo zenu, njengasengcaphukisweni. 16Kuba abathile, bevile, bacaphukisa, phofu ingengabo bonke abo baphumayo eYiputa ngoMoses. 17Ngoobani ke owakruquka ngabo iminyaka emashumi mane? Yayingengabo na abo bonayo, bazidumbu zawayo entlango? 18Wafungela oobani na ke, ukuba abayi kungena ekuphumleni kwakhe, ingengabo abo bangevanga? 19Siyabona ke, ukuba babengenakungena, ngenxa yokungakholwa.
Currently Selected:
KumaHebhere KumaHebhere 3: CXB24
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.

: