uYohane uYohane 12
uYohane 12
1uYesu ngoko, kwiintsuku ezintandathu eziphambi kwayo ipasika, weza eBhetani, apho ebekhona uLazaro owayefile, awamvusayo kwabafileyo. 2Bamenzela isidlo khona; uLazaro ke ebengomnye wabo babehleli naye etafileni. 3Wathabatha ke uMariya iponti yamafutha aqholiweyo enadusi engangxengelelweyo, exabiso likhulu; wathambisa iinyawo zikaYesu, wazisula iinyawo zakhe ngeenwele zakhe; yazala ke indlu livumba lamafutha lawo aqholiweyo. 4Uthe ngoko omnye wakubafundi bakhe, uYuda Sikariyoti, okaSimon, lowo umngcatshayo. 5Bekungani na ukuba la mafutha aqholiweyo angathengiswanga ngeedenariyo ezimakhulu mathathu, kuphiwe amahlwempu? 6Watsho ke, kungengakuba ebekhathalele mahlwempu; kodwa ngenxa yokuba ebelisela, inaye ingxowa, ziphatha oko zifakwa kuyo. 7Wathi ngoko uYesu, Myeke; uwagcinele imini yokungcwatywa kwam. 8Kuba amahlwempu nihleli ninawo; ke mna anihleli ninam. 9Yathi ngoko indimbane enkulu yakumaYuda yakwazi ukuba ulapho; yeza kungengenxa kaYesu yedwa, yeza ukuze ibone noLazaro, lowo wamvusayo kwabafileyo. 10Kodwa ababingeleli abakhulu babhunga ukuze bambulale noLazaro; 11ngokuba ngenxa yakhe abaninzi bamaYuda bemka, bakholwa kuye uYesu. 12Ngengomso indimbane eyabe ize emthendelekweni, yakuva ukuba uYesu uyeza eYerusalem, 13Yathabatha amasebe esundu, yaphuma yaya kumkhawulela, yadanduluka, yathi, Hosana! Makabongwe uKumkani wakwaSirayeli, uzayo egameni leNkosi. 14Uthe ke uYesu, elifumene iesile, wahlala phezu kwalo; njengoko kubhaliwe kwathiwa, 15Musa ukoyika, ntombi inguZiyon; yabona, uKumkani wakho uza, ekhwele etholeni le-esile. 16Ezo zinto ke abaziqondanga abafundi bakhe ukuqala; bathi kodwa akuba ezukisiwe uYesu, bandula ukukhumbula ukuba ezi zinto zibhaliwe ngaye, nokuba bayazenza ezi zinto kuye. 17Ibe ingqina ngoko indimbane leyo, ibe inaye oko wambizayo uLazaro ukuba aphume engcwabeni, wamvusa kwabafileyo. 18Ngenxa yoko indimbane yamhlangabeza; ngokuba yayivile ukuba uwenzile lo mqondiso. 19Bathe ngoko abaFarisi phakathi kwabo, Niyabona na kodwa ukuba anincedi lutho? nalo ihlabathi lilandela yena. 20Ke kaloku, kwakukho amaGrike athile kwababenyukile, beze kunqula emthendelekweni. 21Wona ngoko eza kuFilipu waseBhetesayida yelaseGalili, acela kuye, esithi, Nkosi, singa singabona uYesu. 22Ufika uFilipu axelele uAndreya; bathi kanjalo ooAndreya noFilipu baxelele uYesu. 23Wabaphendula ke uYesu esithi, Lifikile ilixa lokuba uNyana woMntu azukiswe. 24Inene, inene, ndithi kuni, Ukuba ukhozo lwengqolowa oluwe emhlabeni aluthanga lufe, lona lona luhlala lungabi nto; ke ukuba luthe lwafa, luthwala isiqhamo esininzi. 25Lowo uwuthandayo umphefumlo wakhe, wolahlekelwa nguwo; lowo uwuthiyayo umphefumlo wakhe kweli hlabathi, wowulondolozela ubomi obungunaphakade. 26Ukuba ubani uthi andikhonze, makandilandele; apho ndikhona mna, woba lapho nomkhonzi wam; ukuba ubani uthi andikhonze, wombeka uBawo. 27Ngoku umphefumlo wam ukhathazekile; ndithini na? Bawo, ndisindise kweli lixa; kungokunje ndizele leli lixa. 28Bawo, lizukise igama lakho. Kweza ngoko izwi liphuma ezulwini, lisithi, Ndilizukisile, ndiya kubuya ndilizukise. 29Baye ngoko abantu ababemi khona, bekuva oko, bathi kuyaduduma. Abanye bathi, Kuthethe isithunywa sezulu kuye. 30Waphendula uYesu wathi, Eli lizwi alibangakho ngenxa yam; libekho ngenxa yenu. 31Kungoku ukugwetywa kwalo eli hlabathi; kungoku umphathi walo eli hlabathi aya kukhutshelwa phandle. 32Mna ke, ukuba ndithe ndaphakanyiswa emhlabeni, ndiya kubatsalela bonke kum. 33Wakutsho ke oku, eqondisa ukuba kukufa kuni na abeza kufa ngako. 34Samphendula isihlwele sathi, Thina sivile emthethweni, ukuba uKristu yena uhlala ngonaphakade; utsho ngani na wena ukuthi, uNyana woMntu umelwe kukuthi aphakanyiswe? Ungubani na lo Nyana woMntu? 35Uthe ngoko uYesu kubo, Liselilifutshane ixesha lokuba ukhanyiso lube nani. Hambani nisenokhanyiso, hleze ubumnyama bunifikele; kuba lowo uhamba ebumnyameni akakwazi apho aya khona. 36Xa nisenokhanyiso, kholwani kulo ukhanyiso, ukuze nibe ngabantwana bokukhanya. Ezi zinto wazithetha uYesu, wemka, wazimela. 37Ke kaloku, nakuba wayenze imiqondiso engaka phambi kwabo, abakholwanga kuye; 38ukuze ilizwi likaIsaya umprofeti lizaliseke, awalithethayo esithi, Nkosi, ngubani na okholiweyo ludaba lwethu? Nengalo yeNkosi ityhileke kubani na? 39Ababa nako ukukholwa ngoko, ngokuba uIsaya ubuya athi, 40Uwamfamekisile amehlo abo, Uyiqaqadekisile intliziyo yabo; ukuze bangaboni ngamehlo, baqonde ngentliziyo, bajike, ndibaphilise. 41Ezi zinto wazithetha uIsaya, oko wabubonayo ubuqaqawuli bakhe, wathetha ngaye. 42Noko ke nakubo abaphathi into eninzi yakholwa kuye; kodwa ngenxa yabaFarisi babengamvumanga, ukuze bangagxothwa esikhungwini; 43kuba babethanda uzuko oluvela ebantwini, ngaphezu kozuko oluvela kuThixo. 44Wadanduluka ke uYesu, wathi, Lowo ukholwayo kum, akakholwa kum, ukholwa kulowo wandithumayo. 45Lowo undibonayo ubona owandithumayo. 46Mna, lukhanyiso, ndifikile ehlabathini, ukuze bonke abakholwayo kum bangahlali ebumnyameni. 47Nokuba umntu uthe weva amazwi la am, akakholwa, mna andimgwebi; kuba andize kuligweba ihlabathi, ndize kulisindisa ihlabathi. 48Lowo undigibayo, angawamkeli amazwi am, unaye omgwebayo; ilizwi endilithethileyo, lilo eliya kumgweba ngomhla wokugqibela. 49Ngokuba mna andithethanga okuphuma kum; owandithumayo, uBawo ngokwakhe, nguye owandiwisela umthetho wokuba ndithini na, nokuba ndithethe ntoni na. 50Ndiyazi nokwazi ukuba umthetho wakhe lowo bubomi obungunaphakade. Ngoko ke izinto endizithethayo mna, njengoko uBawo andixeleleyo, ndenjenjalo ukuzithetha.
Currently Selected:
uYohane uYohane 12: CXB24
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.

: