uYohane uYohane 13
uYohane 13
1Ke kaloku, phambi komthendeleko wepasika, esazi uYesu ukuba lifikile ilixa lokuba anduluke kweli hlabathi, aye kuYise, ebathandile abakhe abasehlabathini, wabathanda kwada kwasekupheleni. 2Kwathi, sakuba isidlo sangokuhlwa, eselifakile umtyholi entliziyweni kaYuda Sikariyoti, okaSimon, ukuba amngcatshe. 3uYesu wayesazi ukuba uYise uzinikele ezandleni zakhe zonke izinto, nokuba waphuma kuThixo, waya kuThixo: 4usuka esidlweni, azibeke phantsi iingubo zakhe; wathabatha itawuli, wabhinqa. 5Emva koko wagalela amanzi esityeni sokuhlambela, waqala ukuzihlamba iinyawo zabafundi, nokuzisula ngetawuli abeyibhinqile. 6Uza ke kuSimon Petros; athi kuye uPetros, Nkosi, zihlanjwe nguwe na iinyawo zam? 7Waphendula uYesu, wathi kuye, Endikwenzayo mna akukwazi wena okwangoku; wokwazi kamva. 8Athi uPetros kuye, Akusayi kuzihlamba iinyawo zam, naphakade. Umphendule uYesu, wathi, Ukuba andithanga ndikuhlambe, akunasabelo nam. 9Athi uSimon Petros kuye, Nkosi, mazingabi ziinyawo zam zodwa, mazibe zizandla nentloko. 10Uthi uYesu kuye, Kulowo uhlanjiweyo akusafuneki nto, selikukuhlanjwa kweenyawo zodwa; uhlambulukile kwaphela; nani ke nihlambulukile, kodwa aninjalo nonke. 11Kuba ebemazi lowo umngcatshayo; Wathi ngenxa yoko, Anihlambulukile nonke. 12Ngoko, xeshikweni ebezihlambile iinyawo zabo, wazithabatha iingubo zakhe, wabuya wahlala phantsi, wathi kubo, Niyayazi na into endiyenzileyo kuni? 13Nina ukundibiza nithi ndinguMfundisi, nithi ndiyiNkosi; kuba ndinjalo. 14Ngoko ke, ukuba ndizihlambile iinyawo zenu mna, ndiyiNkosi noMfundisi; nani nifanele ukuhlambana iinyawo. 15Kuba ndininike umzekelo, ukuze nani nenze, njengoko ndenze ngako mna kuni. 16Inene, inene, ndithi kuni, Akukho mkhonzi umkhulu kunenkosi yakhe; nalowo uthunyiweyo mkhulu kunalowo umthumileyo. 17Ukuba niyazazi ezi zinto, ninoyolo ukuba nithi nizenze. 18Andithethi ngani, nonke; ndiyabazi abo mna ndibanyulileyo; oko kwenzeke ukuze isibhalo sizaliseke, esithi, Lowo udla isonka nam, undiphakamisele isithende sakhe. 19Ndiqala kwangoku ukunixelela kungekehli, ukuze, xa kuthe kwehla, nikholwe ukuba ndinguye. 20Inene, inene, ndithi kuni, Lowo wamkela endithe ndamthuma, wamkela mna; nalowo wamkela mna, wamkela owandithumayo. 21Akuba ezithethile uYesu ezi zinto, wakhathazeka emoyeni wakhe, wangqina wathi, Inene, inene, ndithi kuni, omnye kuni aba uya kundingcatsha. 22Baye ngoko abafundi bekhangelana, bethingaza ukuba uthetha bani na. 23Ke kaloku, bekwayame esifubeni sikaYesu omnye umfundi wakhe, obethandwa nguYesu. 24Unqwala ngoko uSimon Petros kulowo, ukuba abuze ukuba angaba uthetha bani na. 25Eyame esifubeni sikaYesu, uthi kuye, Nkosi, ngubani na? 26Waphendula uYesu wathi, Ngulowo ndiya kumnika iqhekeza lesonka, xa ndithe ndalithi nkxu. Elithi nkxu iqhekeza, walinika uYuda Sikariyoti, okaSimon. 27Waza emveni kweqhekeza elo, wangena uSathana kuye lowo. Wathi ngoko uYesu kuye, Okwenzayo, kwenze kamsinya. 28Ke kaloku, bekungekho namnye, kwababehleli naye esithebeni, ubesazi ukuba utsho ngani na kuye. 29Kuba abathile, ekubeni ingxowa ibikuYuda, bebeba uYesu uthi kuye, Thenga ezo zinto sizifunela umthendeleko; nokuba makabanike into amahlwempu. 30Elithabathile ngoko yena iqhekeza, waphuma kwaoko; 31Xeshikweni ngoko aphumileyo, uthi uYesu, Kukalokunje, uNyana woMntu uzukisiwe, naye uThixo uzukisiwe kuye. 32Ukuba ke uThixo uzukisiwe kuye, noThixo uya kumzukisa kuye ngokwakhe, waye eya kumzukisa kwangoku. 33Bantwana bam, liselilifutshane ixesha lokuba ndibe nani. Niya kundifuna; njengoko sendithe kumaYuda, Apho ndiya khona mna, aninako ukufika nina; ngoko ke ndithi kuni. 34Ndiniwisela umthetho omtsha, wokuba nithandane; Njengoko ndinithandileyo mna, ukuba nani nithandane. 35Ngayo le nto baya kwazi bonke, ukuba ningabafundi bam, ukuba nithe nathandana. 36Wathi uSimon Petros kuye, Nkosi, uya ngaphi na? Umphendule uYesu, wathi, Apho ndiya khona, aninako ukundilandela ngoku; wondilandela emveni koko. 37Wathi uPetros kuye, Nkosi, kungani na ukuba ndingabi nako ukukulandela ngoku? Ndiya kuwuncamela wena umphefumlo wam. 38Wamphendula uYesu wathi, Wowuncamela mna na umphefumlo wakho? Inene, inene, ndithi kuwe, Ayisayi kulila inkuku, ungathanga undikhanyele kathathu.
Currently Selected:
uYohane uYohane 13: CXB24
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.

: