YouVersion Logo
Search Icon

uMateyu uMateyu 14

uMateyu 14
1Ngelo xesha uHerode, umphathi wesahlulo sesine selizwe, waluva udaba lukaYesu, 2wathi kubakhonzi bakhe, Lo nguYohane umbhaptizi; uvukile kwabafileyo; kungoko kubonakala kuye imisebenzi yamandla. 3Kuba uHerode wambamba uYohane, wambopha, wamfaka entolongweni, ngenxa kaHerodiya, umfazi kaFilipu, umninawa wakhe. 4Kuba wayethe uYohane kuye, Akuvumelekile ukuba ube naye. 5Uthe ke eza kumbulala, woyika abantu, ngokuba babesithi ungumprofeti. 6Kwakubon’ ukuba kwenziwa isikhumbuzo sokuzalwa kukaHerode, yathi intombi kaHerodiya yangqungqa, yamkholisa uHerode. 7Ekubeni wayithembisa ngesifungo ukuba woyinika oko ingakucelayo. 8Ke yona, iqhutywe ngunina, yathi, Ndinike apha ngesitya intloko kaYohane umbhaptizi. 9Waba buhlungu ukumkani, kodwa, ngenxa yesifungo, nangenxa yabo babehleli naye esithebeni, wathi mayinikwe. 10Wasusa umntu, wamnqumla uYohane intloko entolongweni apho. 11Yaziswa intloko yakhe ngesitya, yanikwa intombazana leyo, yathi yona yayisa kunina. 12Beza abafundi bakhe, basithabatha isidumbu, basingcwaba; baya babikela uYesu. 13Evile ke uYesu, wemka apho ngomkhombe, waya endaweni eyintlango eyedwa. 14Ephumile ke uYesu, wabona into eninzi yabantu, wasikwa yimfesane ngabo, wayiphilisa imilwelwe yabo. 15Kuthe ke kwakuhlwa, beza kuye abafundi bakhe, besithi, Le ndawo iyintlango, kanjalo ilixa lise lidlule; zindulule izihlwele, ziye emizaneni, zizithengele ukudla. 16Wathi kubo uYesu, Akufuneki ukuba zimke; zipheni nina zitye. 17Bathi ke bona kuye, Asinanto apha, ingezizo izonka ezihlanu neentlanzi ezimbini. 18Wathi ke yena, Ziziseni kum apha. 19Wathi izihlwele mazingqengqe phantsi engceni, wazithabatha izonka zozihlanu neentlanzi zombini, wathi, ekhangele ezulwini, wasikelela; waziqhekeza ke izonka ezo, wazinika abafundi bakhe, abafundi ke banika izihlwele. 20Badla ke bonke bahlutha, kwaza kwaqokelelwa iingobozi ezilishumi elinambini zokutya okuseleyo. 21Ke kaloku abo babesidla babengamadoda akumawaka amahlanu, ngaphandle kwabafazi nabantwana. 22Waza uYesu wabanyanzela kwaoko abafundi bakhe ukuba bangene emkhombeni, bamandulele baye phesheya, lo gama azindululayo izihlwele yena. 23Ezindulule ke izihlwele, wenyuka intaba ngasese, ukuba athandaze. Kwahlwa ke ekhona apho yedwa. 24Ke kaloku umkhombe wawuselunxwemeni lolwandle, uqhutywa ngamaza, kuba umoya ubuvela ngaphambili. 25Kuthe ke ngowesine umlindo wobusuku, wesuka waya kubo uYesu, ehamba phezu kolwandle. 26Bakumbona ke abafundi bakhe ehamba phezu kolwandle, bankwantya, besithi: “Ngumhlola; bakhala kukoyika. 27Wathetha ke kwaoko uYesu kubo, esithi, Yomelelani; ndim; musani ukoyika. 28uPetros wamphendula ke wathi, Nkosi, ukuba nguwe, yitsho ndize kuwe ndihamba phezu kwamanzi. 29Wathi, Yiza. Wehla ke uPetros emkhombeni, wahamba phezu kwamanzi, esiya kuYesu. 30Kodwa, ebona umoya unamandla, woyika; wathi eqala ukutshona, wakhala, esithi, Nkosi, ndisindise. 31Wasolula kwaoko ke isandla uYesu, wambamba, wathi kuye, Ehla wena ulukholo luncinane, uthandabuzelani na? 32Bakuba bengenile emkhombeni, wadamba umoya. 33Bazile ke abo basemkhombeni, baqubuda kuye, besithi, Inyaniso, unguNyana kaThixo. 34Bewelile, bafika emhlabeni waseGenesarete. 35Emazile amadoda aloo ndawo, athumela kuwo wonke loo mmandla, azisa kuye bonke ababesifa. 36Baza bambongoza uYesu ukuba bachukumise nje kodwa intshinga yengubo yakhe; baza bonke abayichukumisayo baphiliswa kanye.

Currently Selected:

uMateyu uMateyu 14: CXB24

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in