uMateyu uMateyu 23
uMateyu 23
1Waza uYesu wathetha kwindimbane nakubafundi bakhe, 2besithi, Ababhali nabaFarisi bahleli esihlalweni sikaMoses; 3Konke ngoko abasukuba besithi kuni kugcineni, ze nikugcine nikwenze; kodwa ze ningenzi ngokwemisebenzi yabo; kuba bayathetha baze bangenzi. 4Kuba babopha imithwalo enzima, esindayo, bayibeke emagxeni abantu; kodwa bona abafuni kuzishukumisa nangomnwe lo wabo. 5Yonke imisebenzi yabo ke bayenza ukuze babonwe ngabantu; bawenza banzi amafilakteriyu abo, bayandise imiqukumbelo yeengubo zabo. 6Bathanda izihlalo eziphambili esidlweni, nezihlalo eziphambili ezindlwini zesikhungu, 7nemibuliso ezindaweni zembutho, nokubizwa kwabantu ngokuthi, Rabhi, Rabhi. 8Ke nina maningabizwa kuthiwe Rabhi, kuba mnye uMkhokeli wenu, uKristu; nina ke nonke ningabazalwana. 9Ningabizi mntu ngokuba nguyihlo emhlabeni apha; kuba mnye uYihlo wenu, lowo usemazulwini. 10Kananjalo maningabizwa ngokuba ningabakhokeli; kuba mnye uMkhokeli wenu, uKristu. 11Omkhulu ke kuni makabe ngumlungiseleli wenu. 12Osukuba ke eziphakamisa uya kuthotywa; nozithobayo uya kuphakanyiswa. 13Yeha nina, babhali nabaFarisi, bahanahanisindini! Kuba nibuvala ubukumkani bamazulu phambi kwabantu; kuba aningeni nina, nabangenayo anibavumeli ukuba bangene. 14Yeha nina, babhali nabaFarisi, bahanahanisindini! ngokuba nizidla izindlu zabahlolokazi, nize ngokunyhwalaza nithandaze uzungu; 15Yeha nina, babhali nabaFarisi, bahanahanisindini! Ngokuba nijikajika ulwandle nomhlaba ukuze nenze abe mnye ongena ebuYudeni; nithi ke, nakuba nibe, nimenze abe ngumntwana wesihogo ngokuphindiweyo kunani. 16Yeha, nina bakhokelindini baziimfama! Nina nithi, Othe wafunga itempile, akunto oko; ke othe wafunga igolide yetempile, unetyala. 17Ziyatha, zimfama, kanene yiyiphi na enkulu? Yigolide, yitempile eyingcwalisayo igolide, kusini na? 18Kanjalo nothi, Othe wafunga isibingelelo, akunto; ke othe wafunga umnikelo ophezu kwawo, unetyala. 19Ziyatha, zimfama, kanene yiyiphi na enkulu? Ngumnikelo, sisibingelelo esiwungcwalisayo umnikelo, kusini na? 20Lowo usifungayo ngoko isibingelelo ufunga sona neento zonke eziphezu kwaso. 21Nalowo uyifungayo itempile, ufunga yona nomiyo kuyo. 22Nalowo usifungayo izulu, ufunga itrone kaThixo nohleli phezu kwayo. 23Yeha nina, babhali nabaFarisi, bahanahanisindini! Kuba ninikela izishumi zetyeleba nedile nekumin, kanti nizishiyile ezona ndawo zinzima zomthetho, umgwebo nenceba nokholo; ezi benimelwe kukuba nizenze, nithi neziya ningazishiyi. 24Bakhokelindini baziimfama, abahluza imbuzane, niginye inkamela. 25Yeha nina, babhali nabaFarisi, bahanahanisindini! Kuba nihlambulula umphandle wendebe nesitya, kanti ngaphakathi zizele kukuphanga nokugqithisela. 26mFarisindini, imfama, hlambulula kuqala okungaphakathi kwendebe nesitya, ukuze nomvandedwa ube ube nyulu. 27Yeha nina, babhali nabaFarisi, bahanahanisindini! ngokuba nifana namangcwaba aqatywe mhlophe, abonakala emahle ngaphandle, kanti ngaphakathi azele ngamathambo abafileyo nako konke ukungcola. 28Ngokukwanjalo nani ngaphandle nibonakala ebantwini ukuba ningamalungisa, kanti ngaphakathi nizele luhanahaniso nokuchasa umthetho. 29Yeha nina, babhali nabaFarisi, bahanahanisindini! ngokuba niwakha amangcwaba abaprofeti, nivathise amangcwaba amalungisa; 30Kwaye nithi, Ukuba sasikho thina kwimihla yoobawo, singe singabanga nabudlelane nabo ngegazi labaprofeti. 31Ngoko niyangqina kwanina, ukuba ningoonyana babo babulala abaprofeti. 32Wuzaliseni ngoko umlinganiso wooyihlo. 33Zinyokandini, nzalandini yamarhamba, ningáthini na ukuwusaba umgwebo wesihogo? 34Ngenxa yoko, niyabona, mna ndinithumela abaprofeti nezilumko nababhali; nithi ke inxenye kubo niyibulale, niyibethelele eminqamlezweni; nithi inxenye kubo niyityakatye ezindlwini zenu zesikhungu, niyitshutshise kwimizi ngemizi; 35ukuze linifikele lonke igazi elinobulungisa, elaphalazwayo emhlabeni, lithabathela egazini lika-Abheli ilungisa, lizise egazini likaZekariya, unyana kaBharakiya, enambulalayo phakathi kwetempile nesibingelelo. 36Inene, ndithi kuni, Zonke ezo zinto ziya kusihlela esi sizukulwana. 37Yerusalem, Yerusalem, wena ubabulalayo abaprofeti, ubagibisele ngamatye abo bathunywe kuwe, kufuthi kangakanani na ndithande ukubabuthela ndawonye abantwana bakho, ngohlobo esithi isikhukukazi siwabuthele ndawonye amathole aso ngaphantsi kwamaphiko, anavuma! 38Yabonani, indlu yenu ishiywa nani ize. 39Kuba ndithi kuni, Aniyi kuba sandibona emveni koku, nide nithi, Makabongwe lowo uzayo egameni leNkosi.
Currently Selected:
uMateyu uMateyu 23: CXB24
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.