YouVersion Logo
Search Icon

Iindumiso Iindumiso 62

Iindumiso 62
Nguye kwaphela iliwa lam, umsindisi wam
1EkaYedutun umhobe kaDavide. Ewe, umphefumlo wam ulindele kuThixo, usindiso lwam luvela kuye.
2Nguye yedwa iliwa lam, umsindisi wam; ulihlathi lam; Andizushukuma kakhulu.
3Kunini na niceba ububi emntwini? niya kubulawa nonke; njengodonga olugotywayo, nanjengothango oludilikayo.
4Babhunga ke ngokumphosa phezulu; banandipha ubuxoki; basikelela ngomlomo, kanti embilinini bayatshabhisa. Sela.
5Thozamela kuThixo yedwa, mphefumlo wam; ngokuba ithemba lam livela kuye.
6Nguye yedwa iliwa lam, umsindisi wam; ulihlathi lam; Andiyi kushukuma.
7KuThixo usindiso lwam nozuko lwam;
8Kholosani ngaye ngamaxesha onke; Phalazani intliziyo yenu phambi kwakhe, zintlanga; Sela.
9Okwenene, abantu abaphantsi bangamampunge, nabaphakamileyo bangamanga;
10Musani ukukholosa ngokucudisa, ningalambathi nento ephangiweyo; yakwanda ubutyebi, musa ukuyibekela ntliziyo yona.
11uThixo wathetha kwakanye; Ndaliva kabini; la mandla ngakaThixo.
12Nenceba yeyakho, Nkosi; ngokuba uyababuyekeza elowo ngokomsebenzi wakhe.

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in