YouVersion Logo
Search Icon

KwabaseRoma KwabaseRoma 2

KwabaseRoma 2
1Kungoko ndithi, Akunakuziphendulela, mntundini ugwebayo, nokuba ungubani; kuba ngokugweba omnye, uzigweba kwawena; kuba wena ugwebayo wenza kwaezo zinto. 2Siyazi ke ukuba isigwebo sikaThixo siwa ngokwenyaniso phezu kwabo bazenzayo izinto ezinjalo. 3Ucinga na ke, mntundini ugweba abo bazenzayo izinto ezinjalo, ube usenza kwazona nawe, ukuthi, uya kusisaba na wena isigwebo sikaThixo? 4Okanye uyabudela na ubutyebi bobubele bakhe, nonyamezelo, nokuzeka kade umsindo; ungazi ukuba ububele bukaThixo bukusa enguqukweni? 5Ke uthi, ngokuba lukhuni kwakho, nentliziyo yakho engenakuguquka, uziqwebele ingqumbo, ngemini yengqumbo nokutyhilwa komgwebo onobulungisa kaThixo; 6eya kubuyekeza elowo ngokwemisebenzi yakhe; 7Abo bathi ngomonde ekwenzeni okulungileyo bafune uzuko nembeko nokungonakali ubomi obungunaphakade; 8Ke bona abaneenkani, bengayilulameli inyaniso, balulamela intswela-bulungisa, nengqumbo, nengqumbo; 9imbandezelo noxinaniso emphefumlweni wabantu bonke abasebenza okubi, kowomYuda ukuqala, kwanakowomGrike; 10kubekho uzuko ke, nembeko, noxolo, kubantu bonke abasebenza okulungileyo, kumYuda ukuqala, kwanakumGrike. 11Kuba kuThixo akukho kukhetha buso. 12Kuba bonke abonileyo bengenamthetho, baya kutshabalala ngokunjalo bengenamthetho; nabo bonke abonileyo benomthetho, baya kugwetywa ngomthetho; 13Ngokuba angabevayo umthetho asingabo abangamalungisa phambi koThixo; kodwa abenzi bomthetho abaya kugwetyelwa. 14Kuba xa abeentlanga abangenamthetho, besenza ngemvelo izinto ezisemthethweni, abo bengenawo umthetho, bangumthetho kubo ngokwabo: 15abawubonakalalisa umsebenzi womthetho obhalwe ezintliziyweni zabo, singqinela isazela sabo, singqinelane nesazela sabo, neecamango zabo ziyamangalelana, nokuba ziyabagweba; 16Kuya kuba njalo mhlenikweni uThixo aya kuzigweba izinto ezifihlakeleyo zabantu ngoYesu Kristu, ngokweendaba zam ezilungileyo. 17Uyabona, wena unegama lokuba ungumYuda, wayame ngomthetho, uqhayisa ngoThixo; 18uyakwazi ukuthanda kwakhe; uzicikida izinto eziyiyo, uwutyelwe umthetho; 19kwaye ukholose nje, ukuba wena ungumkhokeli weemfama, ukhanyiselo lwabasebumnyameni; 20umluleki wabaswele ukuqonda, umfundisi weentsana, onesimilo sokwazi nesenyaniso emthethweni. 21Ndithi, wena ke umfundisayo omnye, akuzifundisi? wena ushumayela ukuba makubekho, uyeba na? 22Wena ke, uthi mawungakrexezi, uyakrexeza na? Wena ukruqukileyo zizithixo, uhlambela na? 23Wena ke uqhayisa ngomthetho, uyamhlazisa uThixo ngokugqitha umthetho? 24Kaloku igama likaThixo linyeliswa ngenxa yenu phakathi kweentlanga, njengoko kubhaliweyo. 25Ulwaluko luyanceda okunene, ukuba uyawenza umthetho; kodwa ukuba ungumgqithi womthetho, ulwaluko lwakho lusuke lwaba kukungaluki. 26Ngoko ke, ukuba ongalukileyo uthi azigcine izimiselo zomthetho, akuyi kuthi na ukungaluki kwakhe kubalelwe ekuthini kukwaluka? 27Kuthi ukungaluki, oko kwasemvelweni, ngokuwuzalisa umthetho, kukugwebe wena ungumgqithi-mthetho, noko unesibhalo nolwaluko? 28Kuba umYuda asingulowo unguye ngokwangaphandle; Nolwaluko asilulo olo lwangaphandle enyameni; 29umYuda ngulowo wasemfihlekweni; Ulwaluko lolwentliziyo ngomoya, kungengantetho; lowo ukudunyiswa kwakhe kungaphumi bantwini, kuphuma kuThixo.

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

Video for KwabaseRoma KwabaseRoma 2