KuTito KuTito 2
KuTito 2
1Ke wena, thetha izinto eziyifaneleyo imfundiso ephilileyo; 2ukuba amadoda amakhulu abe ziingcathu, andileke, abe nesidima, aphile elukholweni, eluthandweni, ekunyamezeleni; 3kwangokunjalo abafazi abakhulu mababe nesimilo esibafaneleyo, bangabi ngabatyholi; bangazilahleli kwiwayini eninzi; 4ukuze bafundise abafazana ukuba babe nesidima, bawathande amadoda abo, babathande abantwana babo; 5babe nesidima, babe nyulu, bagcine ezindlwini zabo, babe nokulunga, bawathobele awabo amadoda, ukuze ilizwi likaThixo linganyeliswa. 6Kwangokunjalo amadoda amatsha wayale ukuba abe nesidima. 7Ezintweni zonke uze uzibonakalise ungumzekelo wemisebenzi emihle: emfundisweni ubonakala ekungonakali, ukundileka, nokunyaniseka, 8Ilizwi eliphilileyo, elingenakugwetywa; ukuze ochasayo abe neentloni, engenanto imbi yakuthetha ngani. 9Amakhoboka wathethele ukuba azithobele iinkosi zawo, abe ngakholekileyo kakuhle ezintweni zonke, engaphenduli kwakhona; 10ingabi ngeentlondi, isuke ibonakalalise konke ukuthembeka okulungileyo; ukuze bayivathise imfundiso yoMsindisi wethu uThixo ezintweni zonke. 11Kuba lubonakele kubantu bonke ubabalo lukaThixo, lulolusindisayo; 12lusiqeqesha ukuze sithi, sikuncama ukungahloneli Thixo nokukhanuka okukokwehlabathi, sihlale ngokunesidima, nangokubulungisa, nangokuhlonela uThixo, kweli phakade langoku; 13silinde ithemba elinoyolo, nembonakalo yobuqaqawuli boThixo omkhulu, uMsindisi wethu uYesu Kristu; 14owazinikelayo ngenxa yethu, ukuze asikhulule kubo bonke ubugwenxa, asihlambululele abantu abayinqobo kuye, abazondelela imisebenzi emihle. 15Ezi zinto zithethe, uvuselele, wohlwaye ngawo wonke ummiselo. Makungabikho namnye ukudelayo;
Currently Selected:
KuTito KuTito 2: CXB24
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.