Logo YouVersion
Ikona vyhledávání

uLuka uLuka 20

uLuka 20
1Kwathi ngenye imini, akubon’ ukuba uyabafundisa abantu etempileni, eshumayela iindaba ezilungileyo, wafikelwa ngababingeleli abakhulu nababhali, namadoda amakhulu. 2Bathetha kuye besithi, Sixelele; uzenza ngagunya lini na ezi zinto? Ngubani na ke okunike eli gunya? 3Waphendula ke wathi kubo, Nam ndiya kubuza kuni zwi-nye; kwaye undiphendule: 4Ubhaptizo lukaYohane lwaluphuma emazulwini, lwaluphuma ebantwini, sini na? 5Bacamanga ke bona bodwa, besithi, Ukuba sithe, Lwaluphuma emazulwini; Wothi, Ibiyini na phofu ukuba ningakholwa nguye? 6Ukuba ke sithe, Lwaphuma ebantwini; bonke abantu bosigibisela ngamatye; kuba beyisekile ukuba uYohane ubengumprofeti. 7Baphendula ngokuthi, abazi ukuba luvela phi na. 8Wathi ke uYesu kubo, Nam ke andinixeleli ukuba ndizenza ngagunya lini na ezi zinto. 9Waza waqala wathetha ebantwini lo mzekeliso; Ubani watyala isidiliya, waqeshisa ngaso kubalimi, wahambela kwelinye ilizwe umzuzu owaneleyo. 10Wathi ngelo xesha, wathuma umkhonzi kubalimi, ukuba bamnike esiqhameni sesidiliya; ke bona abalimi bamtyabula, bamndulula elambatha. 11Wabuya wathuma omnye umkhonzi. Bamtyabula ke nalowo, bamhlazisa, bamndulula elambatha. 12Waphinda wathuma nowesithathu; naye lowo bamngxwelerha, bamkhuphela ngaphandle. 13Uthe ke umninisidiliya, Ndiya kuthini na? Ndiya kuthuma unyana wam oyintanda; mhlawumbi bomhlonela yena. 14Bathe ke bakumbona abalimi, bacamanga bodwa, besithi, Yindlalifa le; yizani, siyibulale, ukuze ilifa libe lelethu. 15Bamkhuphela ngaphandle kwesidiliya, bambulala. Uya kuthini na ke ngoko kubo umninisidiliya? 16Uya kufika abatshabalalise abo balimi, asinikele bambi isidiliya eso. Bakuva ke bona, bathi, Makube lee! 17Wondela ke kubo, wathi, Yintoni na phofu le ibhaliweyo: Ilitye abalicekisayo abakhi, Lelona laba yintloko yembombo? 18Bonke abathe bawa phezu kweli litye, botyumka; ke lowo lithe lamwela liya kumcola. 19Baza ababingeleli abakhulu nababhali bafuna ukumsa izandla ngelo lixa; basuka boyika abantu, kuba baqonda ukuba uwuthethe ngabo lo mzekeliso. 20Bamcupha ke, bathuma iintlola ezizenza amalungisa, ukuze zimbambise ngokuthetha, ukuze bamnikele kurhuluneli nakwigunya lerhuluneli. 21Zambuza ke zisithi, Mfundisi, siyazi ukuba uthetha ufundise ngobulungisa, ungakhethi buso bamntu, usuka ufundise indlela kaThixo ngenyaniso. 22Kuvumelekile na ukuba simnike irhafu uKesare, akuvumelekile, sini na? 23Ebuqondile kakuhle ubuqhetseba bazo, wathi kuzo, Nindilingelani na? 24Ndiboniseni idenariyo. Inomfanekiso nombhalo kabani na? Baphendula bathi, NgokaKesare. 25Uthe ke kubo, Nikelani kaloku izinto zikaKesare kuKesare, nezinto zikaThixo kuThixo. 26Ababa nako ukumbamba amazwi akhe phambi kwabantu; bamangaliswa yimpendulo yakhe; bathi cwaka. 27Kwafika ke kuye abathile bakubaSadusi, bona abo bakuphikayo ukuba kukho uvuko; bambuza, 28besithi, Mfundisi, uMoses wasibhalela wathi, Ukuba ozalana nothile uthe wafa enomfazi, wafa ke lowo engenabantwana, maze ozalana naye amzeke umfazi lowo, amvelisele imbewu umzalwana wakhe. 29Ke bekukho abantu abasixhenxe bezalana; waza owokuqala wazeka umfazi, wafa engenabantwana. 30Nowesibini wamzeka umfazi lowo, wafa naye engenabantwana. 31Nowesithathu wamzeka; Benjenjalo ke bosixhenxe, bafa bengashiyanga bantwana. 32Emveni ke kwabo bonke, wafa naye umfazi. 33Eluvukweni ngoko, ungumfazi wawuphi na kubo? kuba abasixhenxe bebenaye engumfazi. 34Waphendula ke uYesu wathi kubo, Abeli phakade bayazeka, bayendiswa; 35ke bona abo kuthiwe bafanele ukufika kwelo phakade, nakukuvuka kwabafileyo, abazeki, abendiswa; 36abasenakubuya bafe; kuba bengangezithunywa zezulu; bangoonyana bakaThixo, bengabovuko njalo. 37Ke kaloku, le ndawo yokuba abafileyo bayavuka, noMoses wayithi thupha kwindawo ethetha ngetyholo, xenikweni athi, iNkosi inguThixo ka-Abraham, inguThixo kaIsake, inguThixo kaYakobi. 38AkaThixo ke wabafileyo, ungowabaphilileyo; kuba bonke baphile ngaye. 39Baphendula ke abathile bakubabhali, bathi, Mfundisi, utyaphile ukutsho. 40Baye ke bengasenabuganga bakumbuza nento le. 41Wayesithi kubo, Batsho ngani na ukuthi, uKristu ngunyana kaDavide? 42Uthi noDavide encwadini yeeNdumiso, Yathi iNkosi eNkosini yam, Hlala ngasekunene kwam; 43Ndide iintshaba zakho ndizenze isihlalo seenyawo zakho. 44uDavide ngoko umbiza ngokuthi, Nkosi, ungunyana wakhe ngani na? 45Ke kaloku, bakubon’ ukuba bayava abantu bonke, wathi kubafundi bakhe. 46Balumkeleni ababhali, abathanda ukuhamba ngezambatho ezinde, nemibuliso ezindaweni zembutho, nezihlalo eziphambili ezindlwini zesikhungu, neendawo eziphambili ezidlweni; 47abadla izindlu zabahlolokazi, baze ngokunyhwalaza bathandaze uzungu; abo baya kwamkela ugwebo olugqithiseleyo.

Právě zvoleno:

uLuka uLuka 20: CXB24

Zvýraznění

Sdílet

Kopírovat

None

Chceš mít své zvýrazněné verše uložené na všech zařízeních? Zaregistruj se nebo se přihlas