1
EYEZIQALO 24:12
IBHAYIBHILE
Wathandaza loo mfo wathi: “Ndikhoyo, Thixo wenkosi yam uAbraham, khawundincede namhlanje usikhumbule isithembiso owasenza kuAbraham.
Compare
Explore EYEZIQALO 24:12
2
EYEZIQALO 24:14
Maze kuthi ke xa ndithi kuzo mazindikhelele amanzi ndisele, ithi leyo ithe yandipha yaza yathi iza kupha neenkamela zam zisele, ndiqonde ngaloo nto ke ukuba yile uyikhethele ukuba yendele kuIsake isicaka sakho. Ndokwazi kananjalo ukuba usigcinile isithembiso owasenza enkosini yam uAbraham.”
Explore EYEZIQALO 24:14
3
EYEZIQALO 24:67
UIsake umngenise uRabheka kulaa ntente yayiyekanina uSara, wamenza umkakhe. UIsake wayemthanda kakhulu uRabheka, kangangokuba savaleka nesikroba esabangwa kukusweleka kukanina uSara.
Explore EYEZIQALO 24:67
4
EYEZIQALO 24:60
Bamndulula ngentsikelelo, besithi: “Hamba ke, ntombi! Unga ungazala waphule uluthi, ube nenyambalala yabantwana. Banga bangazoyis' iintshaba zabo, baziphange nemihlaba yazo.”
Explore EYEZIQALO 24:60
5
EYEZIQALO 24:3-4
Ndifuna ufunge phambi kukaNdikhoyo uThixo wezulu nomhlaba ukuba akusayi kumfunela umfazi unyana wam apha kwezi ntombi zaseKanana. Kufuneka uye kwilizwe lakowethu, apho ikhoyo inkaba yam. Kulapho uya kumfunela khona umfazi uIsake, phakathi kwezizalwane zam.”
Explore EYEZIQALO 24:3-4
Home
Bible
Plans
Videos