1
uYohane uYohane 10:10
Contemporary Xhosa Bible 2024
Isela alizi lingazele ukuze libe, lixhele, litshabalalise. Mna ndizele ukuze babe nobomi, babe nabo ke ngokugqithiseleyo.
Харьцуулах
uYohane uYohane 10:10 г судлах
2
uYohane uYohane 10:11
Ndim umalusi olungileyo; umalusi olungileyo ubuncamela izimvu ubomi bakhe.
uYohane uYohane 10:11 г судлах
3
uYohane uYohane 10:27
Ezam izimvu ziyaliva ilizwi lam, ndibe nam ndizazi, zindilandela
uYohane uYohane 10:27 г судлах
4
uYohane uYohane 10:28
mna ndizinika ubomi obungunaphakade; azisayi kutshabalala naphakade; akukho namnye uya kuzihlutha esandleni sam.
uYohane uYohane 10:28 г судлах
5
uYohane uYohane 10:9
Ndim isango; ukuba umntu uthe wangena ngam, wosindiswa; uya kungena ephuma, afumane utyani.
uYohane uYohane 10:9 г судлах
6
uYohane uYohane 10:14
Ndim umalusi olungileyo, ndiyazazi ezam, ndiyaziwa zezam.
uYohane uYohane 10:14 г судлах
7
uYohane uYohane 10:29-30
uBawo ondinike zona ungaphezu kwabo bonke; akukho namnye unako ukuzihlutha esandleni sikaBawo. Mna noBawo sibanye.
uYohane uYohane 10:29-30 г судлах
8
uYohane uYohane 10:15
Njengoko endazi uBawo, nam ndiyamazi uBawo, nobomi bam ndibuncamela izimvu.
uYohane uYohane 10:15 г судлах
9
uYohane uYohane 10:18
Akukho namnye ubuhluthayo kum, ndiyabuncama ngokwam; ndinegunya lokubuncama, ndinegunya lokubuya ndibuthabathe; lo mthetho ndawamkela kuBawo.
uYohane uYohane 10:18 г судлах
10
uYohane uYohane 10:7
Waphinda ngoko uYesu wathi kubo, Inene, inene, ndithi kuni, Ndim isango lezimvu.
uYohane uYohane 10:7 г судлах
11
uYohane uYohane 10:12
Ungumqeshwa, engenguye umalusi, o izimvu ezingezizo ezakhe, uthi akubona ingcuka isiza, azishiye izimvu, asabe
uYohane uYohane 10:12 г судлах
12
uYohane uYohane 10:1
Inene, inene, ndithi kuni, Ongangeniyo ngalo isango ebuhlantini bezimvu, osuka akhwele ngandawo yimbi, lowo ulisela nesihange.
uYohane uYohane 10:1 г судлах
Нүүр хуудас
Библи
Тѳлѳвлѳгѳѳ
Видео