1
uYohane uYohane 6:35
Contemporary Xhosa Bible 2024
Wathi ke uYesu kubo, Isonka sobomi esi ndim; lowo uzayo kum, akasayi kulamba; lowo ukholwayo kum, akasayi kunxanwa naphakade.
Харьцуулах
uYohane uYohane 6:35 г судлах
2
uYohane uYohane 6:63
Ngumoya odlisa ubomi; inyama yona ayincedi lutho. Amazwi la ndiwathethayo kuni mna angumoya, abubomi.
uYohane uYohane 6:63 г судлах
3
uYohane uYohane 6:27
Musani ukusebenzela ukudla okutshabalalayo; sebenzelani ukudla okuhlala kuse ebomini obungunaphakade, aya kunipha kona uNyana woMntu; kuba uYise uThixo utywine waqinisela yena lowo.
uYohane uYohane 6:27 г судлах
4
uYohane uYohane 6:40
Kuko ke oku ukuthanda kowandithumayo, ukuthi babe nobomi obungunaphakade bonke abambonayo uNyana, bakholwe kuye; ndaye mna ndiya kumvusa ngomhla wokugqibela.
uYohane uYohane 6:40 г судлах
5
uYohane uYohane 6:29
Waphendula uYesu, wathi kubo, Umsebenzi kaThixo nguwo lo, ukuba nikholwe kuye othunyiweyo nguye.
uYohane uYohane 6:29 г судлах
6
uYohane uYohane 6:37
Konke andinikayo uBawo, kuya kuza kum; nozayo kum, andisayi kukha ndimlahlele phandle
uYohane uYohane 6:37 г судлах
7
uYohane uYohane 6:68
Wamphendula ngoko uSimon Petros wathi, Nkosi, sosuka siye kubani na? Nguwe onamazwi obomi obungunaphakade.
uYohane uYohane 6:68 г судлах
8
uYohane uYohane 6:51
Ndim isonka esiphilileyo, esi sehlayo emazulwini. Ukuba ubani uthe wasidla esi sonka, wodla ubomi ngonaphakade; ke isonka endiya kusinika mna siyinyama yam, endiya kuyinikela ubomi behlabathi.
uYohane uYohane 6:51 г судлах
9
uYohane uYohane 6:44
Akukho namnye unako ukuza kum, engathanga uBawo owandithumayo amtsale; ndaye mna ndiya kumvusa ngomhla wokugqibela.
uYohane uYohane 6:44 г судлах
10
uYohane uYohane 6:33
Kuba isonka sikaThixo ngulowo uhla ephuma ezulwini, alinike ubomi ihlabathi.
uYohane uYohane 6:33 г судлах
11
uYohane uYohane 6:48
Ndim isonka sobomi.
uYohane uYohane 6:48 г судлах
12
uYohane uYohane 6:11-12
Wazithabatha ke izonka uYesu; wathi akubulela wababela abafundi, bathi ke abafundi babela abo babehleli phantsi, kwaba kwanjalo nakwiintlanzi, ngangokuthanda kwabo. Bakuhlutha ke, wathi kubafundi bakhe, Buthani amaqhekeza aseleyo, ukuze kungonakali.
uYohane uYohane 6:11-12 г судлах
13
uYohane uYohane 6:19-20
Bakuba ngoko begweqile izitadiya ezingathi zimashumi mabini anantlanu, nokuba zimashumi mathathu, bambona uYesu ehamba phezu kolwandle, esondela ngasemkhombeni; Athi ke yena kubo, Ndim; musani ukoyika.
uYohane uYohane 6:19-20 г судлах
Нүүр хуудас
Библи
Тѳлѳвлѳгѳѳ
Видео