1
uYohane uYohane 8:12
Contemporary Xhosa Bible 2024
Wabuya ngoko uYesu wathetha kubo, esithi, Ndim ukhanyiselo lwehlabathi; lowo undilandelayo akasayi kuhamba ebumnyameni; yena uya kuba nalo ukhanyiso lobomi.
Харьцуулах
uYohane uYohane 8:12 г судлах
2
uYohane uYohane 8:32
Naniya kuyazi inyaniso, yaye inyaniso iya kunikhulula.
uYohane uYohane 8:32 г судлах
3
uYohane uYohane 8:31
Uthe ngoko uYesu kuloo maYuda akholiweyo kuye, Ukuba nina nithe nahlala elizwini lam, noba ningabafundi bam, inyaniso.
uYohane uYohane 8:31 г судлах
4
uYohane uYohane 8:36
Ngoko ukuba uNyana uthe wanikhulula, noba nikhululekile inene.
uYohane uYohane 8:36 г судлах
5
uYohane uYohane 8:7
Uthe ke bakumana bembuza, waphakama, wathi kubo, Ongenasono kuni makaqale amgibisele ngelitye.
uYohane uYohane 8:7 г судлах
6
uYohane uYohane 8:34
Wawaphendula uYesu wathi, Inene, inene, ndithi kuni, Bonke abenza isono bangamakhoboka esono.
uYohane uYohane 8:34 г судлах
7
uYohane uYohane 8:10-11
Ephakamile ke uYesu, akabona mntu kwakuphela ngumfazi lowo; wathi kuye, Mfazindini, baphi na abo bamangaleli bakho? Akukho ukugwebileyo na? Wathi ke yena, Noko amnye, Nkosi. Wathi ke uYesu kuyo, Nam andikugwebi; hamba, ungabi sona.
uYohane uYohane 8:10-11 г судлах
Нүүр хуудас
Библи
Тѳлѳвлѳгѳѳ
Видео