Ivangeli ka‐Luke 19
19
1Waza wangena wahamba ecanda e‐Jeriko. 2Kwaye kuko, bona ke, indoda ibizwa ngegama elingu‐Zakeyu, ebiyinkosi yababuti beminikelo, ebisisityebi kanjalo. 3Yabifuna ukubona u‐Yesu, ukuba unjanina; yabikohlwa ke ngenxa yesihlwele, ngokokuba ibincinane ubude bayo. 4Yaza yagidimela pambili, yakwela emtini wesikamore, ukuze imbone: ngokuba ebeza kudlula ngalondlela. 5Wati akufika kulondawo, wabeka pezulu u‐Yesu, wayibona, wati kuyo: Zakeyu! nxama uhle; ngokuba namhla ndifanele ukuhlala endlwini yako. 6Yaza yanxama yehla, yamamkela ivuya. 7Baza bonke bakubona oku bakalaza, besiti: Uye kulalisa endlwini yendoda engumoni. 8Wema ke u‐Zakeyu, wati kwinkosi: Bona ke, isiqingata sempahla yam, Nkosi! ndiyasipa amahlwempu; nokuba kuko ondimhlutileyo into ngokulumkisa, ndiyabuyekeza ngento epindiweyo kane. 9Wayesiti u‐Yesu kuye: Namhla usindiso lufikile kulendlu, ngokokuba naye ungunyana ka‐Abrahame. 10Ngokuba unyana wesintu weza ukufuna nokusindisa okulahlekileyo.
11Kekaloku nxa bebesiva ezizinto, walekela wateta umzekeliso, ngenxa yokuba ebekufupi ne‐Yerusaleme, nokuba bebeba ubukumkani bukatixo buza kubonakala kamsinya. 12Wati ngoko: Itshawe elitile lahambela ezweni elikude, ukuya kuzamkelela ubukumkani, nokubuya. 13Lati libizile izicaka zalo zilishumi, lazinika ishumi lemina, lati kuzo: Yananani, ndide ndize. 14Kodwa abesixeko salo babelitiya, batuma izitunywa emva kwalo, besiti: Asivumi ukuba lomntu abe ngukumkani pezu kwetu. 15Kwaza kwati lakuba libuyele kona, libamkele ubukumkani nje, landula laxela ukuba kubizelwe kulo izicaka ezi, elati lazinika imali leyo, ukuze lazi ukuba zizuzile nto nina ngezinye ngokwanana. 16Sati ke esokuqala sasondela, sisiti: Nkosi! imina yako izuzile imina ezilishumi. 17Laza lati kuso: Ukolisile, sicaka esilungileyo! ngokokuba ubunyanisekile kokuncinane kakulu, yiba unegunya pezu kwezixeko zibe lishumi. 18Saza seza esesibini, sisiti: Nkosi! imina yako yenzile imina ezintlanu. 19Laye lisiti nakuso esi: Nawe yiba pezu kwezixeko zibe zihlanu. 20Seza nesinye, sisiti: Nkosi! nantsi imina yako, ebendinayo ibekelwe eqiyeni: 21ngokuba bendikwoyika wena, kuba ungumntu olukuni: uyacola oko ungakubekanga pantsi, uyavuna oko ungakuhlwayelanga. 22Lati ke kuso: Ngokupumayo emlonyeni wako ndokugweba, sicaka esikohlakeleyo! ubusazi nje ukuba ndingumntu olukuni mna, ndicola oko ndingakubekanga pantsi, ndivuna oko ndingakuhlwayelanga: 23ibiyinina pofu ukuba akwabeka imali yam ebankeni? ndaye ndinga ndite mna, ndakufika, ndabanga yona kunye nokwanda kwayo. 24Laza lati kwabo babemi kufupi: Mhluteni imina yake, niyinike kulowo unemina ezilishumi. 25Baza bati kulo: Nkosi! unemina ezilishumi. 26Ngokuba ndisiti kuni: Bonke abanako baya kupiwa: kanti ongenako, uya kuhlutwa kwa oko anako. 27Kodwa intshaba zam ezo, ezibe zingavumi ukuba ndibe ngukumkani pezu kwazo, ziziseni apa, nizibulale pambi kwam.
28Waza wati akuba ebetshilo, wahamba pambili, enyukela e‐Yerusaleme.
29KWAZA kwati, nxa wasondelayo e‐Betefage nase‐Betaniya ngasentabeni ebizwayo ngokuti yeyeminquma, watuma ababini bakubadisipile bake, 30esiti: Hambani niye emzini omalungana nani; eniya kuti kuwo nakungena, nifumane iqwaṙashana libotshelelwe, ekungazanga kuhlale namnye umntu pezu kwalo: likululeni nilizise. 31Nokuba umntu uyanibuza ngokuti: Kunganina ukuba nilikulule? notsho kuye ukuti: Inkosi iyalifuna. 32Bemka abo babetunyiwe, baya bafumana njengokuba ebetshilo kubo. 33Kekaloku nxa bebelikulula iqwaṙashana, bati abaninilo kubo: Yinina ukuba nilikulule iqwaṙashana? 34Bati bona: Inkosi iyalifuna. 35Baza balizisa ku‐Yesu, baposa ingubo zabo pezu kweqwaṙashana, bamkwelisa u‐Yesu. 36Kanjako ekuhambeni kwake, bebesandlala ingubo zabo ngapantsi endleleni. 37Kwati nxa ebesel’ esondela ngasetambekeni lentaba yeminquma, saqala sonke isihlwele sabadisipile ukuvuya, nokudumisa utixo ngelizwi elikulu, ngenxa yazo zonke izenzo zamandla ababezibonile, 38besiti: Makatanyusanqeliswe ukumkani ozayo egameni likayehova! Uxolo lube sezulwini, nobungcwalisa enyangweni yapezulu!
39Baza inxenye yabafarisi basesihlweleni bati kuye: Mfundisi! tetisa abadisipile bako. 40Waza wapendula wati kubo: Nditi kuni: Ukuba aba bati tu, amatye aya kudanduluka.
41Wati nxa ebesondele, wabona isixeko, wasililela, 42esiti: Akwaba ubute kwa wena, ewe kwa kuwo umhla wako lo, wazazi izinto eziyelela uxolo lwako! kodwa kaloku nje ziwafihlelwe amehlo ako. 43Ngokuba imihla iya kuza pezu kwako, nxa ziya kuti intshaba zako zibeke udonga ngento ekungqongayo, zikuṙaule, zikuvingcele ngamacala onke, 44zikuci̔tele emhlabeni, nosapo lwako pakati kwako; zaye zingayi kushiya pakati kwako elinye ilitye pezu kwelinye; ngenxa yokuba ubungalazanga ixesha lokunonelelwa kwako.
45Waza wangena etempileni, waqala ukugxota abo babetengisa kuyo, nababetenga, 46esiti kubo: Kuba̔liwe ngokuti: Indlu yam iyindlu yokutandaza; kanti nina niyenzile umqolomba wamabada.
47Waye efundisa imihla ngemihla etempileni. Kodwa abaperisite abakulu nababa̔li bebefuna ukumbubisa, kwa nabakulu basebantwini; 48kanti bebengafumani into abangayenzayo; ngokuba abantu bonke bebesiti nama kuye ukupulapula.
Selectat acum:
Ivangeli ka‐Luke 19: XHO1902A
Evidențiere
Partajează
Copiază
Dorești să ai evidențierile salvate pe toate dispozitivele? Înscrie-te sau conectează-te
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: