Chapa ya Youversion
Ikoni ya Utafutaji

I‐Kesodusi 1

1
ISAHLUKO I.
1KEKALOKU ngawo la amagama abo onyana baka‐Sirayeli, abezayo e‐Jipete no‐Yakobi; abanye ngabanye beza nabendlu zabo: 2u‐Rubene, u‐Simone, u‐Levi, no‐Juda; 3u‐Yisakare, u‐Zebulone, no‐Benjamine; 4u‐Dane no‐Nefatali, u‐Gadi no‐Ashere. 5Yonke imipefumlo eyabipumile esinqeni sika‐Yakobi ibiyimipefumlo imashumi asixe̔nxe: kodwa u‐Josefe ebesel’ eko e‐Jipete.
6Wada wafa u‐Josefe, kwa nabo bonke abazalwana bake, naso sonke isizukulwana eso. 7Lwandula lwacuma usapo luka‐Sirayeli, lwakolisa ukwanda, lwaba luninzi, lwazuza amandla ngento enkulu kakulu; laza ilizwe lazaliswa lulo.
8Kwada kwavuka ukumkani omtsha pezu kwe‐Jipete, obengamazanga u‐Josefe. 9Wati yena ebantwini bake: Bona ke, abantu abalusapo luka‐Sirayeli basigqitile ngokuba baninzi nangokuba namandla. 10Yizani kesenze ngobuqinga kubo; hlezibe babe nokwanda, kude kuti, nxa sukuba isihla imfazwe, batelele kwintshaba zetu nabo, balwe nati, benyuke elizweni. 11Ngako bamisa pezu kwabo abapati benkonzo, ukuze bababandezele ngemitwalo yabo. Baye besakela u‐Faro izixeko zokubekela, i‐Pitome ne‐Ramesese. 12Kodwa njengoko bababandezelayo, kwa ngokunjalo baba baninzi, nangokunjalo babesanda; baba boyika kakulu ngenxa yosapo luka‐Sirayeli. 13Aza ama‐Jipete akonzisa usapo luka‐Sirayeli ngobulukuni: 14nobomi balo abenza buṙaṙa ngenkonzo elukuni, eludongweni, naseziteneni, nakuzo zonke inkonzo zasendle: yonke inkonzo yalo, abelukonzisa ngayo, ibingobulukuni.
15Waye ukumkani we‐Jipete eteta kubo abazalisikazi bama‐Heberekazi, elalibe igama lomnye lingu‐Shifera, negama lomnye lingu‐Puha; 16wati: Ekuzaliseni kwenu ama‐Heberekazi, niya kwandula nikangele nipezu kwezitulo; ukuba ngunyana, niya kumbulala; ukuba kodwa yintombi, yona iya kudla ubomi. 17Koko abazalisikazi bamoyika utixo; ngako abenza njengokutetiweyo kubo ngukumkani we‐Jipete, kodwa balondoloza amakwenkwe ebomini. 18Waza ukumkani we‐Jipete wabiza abazalisikazi, wati kubo: Niyenzele nina lento, yokuba nilondolozile amakwenkwe ebomini? 19Bati abazalisikazi ku‐Faro: Ngokuba ama‐Heberekazi engenjengabafazi abangama‐Jipetekazi: ngokuba omelele wona; kwa engekangeni kuwo umzalisikazi, asel’ ezele. 20Ngako utixo wenzela abazalisikazi okulungileyo; bati abantu abo baba baninzi, bazuza amandla ngento enkulu. 21Kwaye kute, ngokokuba abazalisikazi bamoyika utixo, waza wabenzela izindlu. 22Wandula u‐Faro wayalela bonke abantu bake, esiti: Bonke onyana abazelweyo niya kubaposa emlanjeni, kodwa zonke intombi niya kuzilondoloza ebomini.

Iliyochaguliwa sasa

I‐Kesodusi 1: XHO1902A

Kuonyesha

Shirikisha

Nakili

None

Je, ungependa vivutio vyako vihifadhiwe kwenye vifaa vyako vyote? Jisajili au ingia