Chapa ya Youversion
Ikoni ya Utafutaji

I‐Kesodusi 10

10
1WANDULA uyehova wati ku‐Mosesi: Yiya ku‐Faro; ngokuba ndiyenze nzima intliziyo yake, nentliziyo yezicaka zake, ukuze ndibeke lemiqondiso yam pakati kwabo; 2nokuze ubalise ezindlebeni zonyana wako, nezonyana wonyana wako, oko ndikwenzileyo e‐Jipete, nemiqondiso endiyimisileyo pakati kwabo; nize nazi nkuba ndi nguyehova.
3Baya u‐Mosesi no‐Arone ku‐Faro, bati kuye: Utsho uyehova, utixo wama‐Hebere, ukuti: Uya kwala kude kube ninina ukuzigoba ebusweni bam? bandulule abantu bam ukuba bandikonze. 4Ngokuba xeshekweni usala ukundulula abantu bam, bona ke, ndiya kuzisa ngomso inkumbi emideni yako; 5eziya kugubungela ubuso bomhlaba, kude kukohlwe ukubona umhlaba; zaziya kutya iliva lokusindileyo, oko nisaliselwe kona zizicoto; nayo yonke imiti enimilelayo ezindle ziya kuyidla: 6kanjalo zozalisa izindlu zako, nezindlu zazo zonke izicaka zako, nezindlu zawo onke ama‐Jipete; abangazanga bazibone ezinjalo oyihlo bako, noyise boyihlo bako, kwa semhleni babeko pezu kwomhlaba kwada kwanamhla nje. Wayejika ke, wapuma ku‐Faro.
7Zaza izicaka zika‐Faro zati kuye: Kwoba kade kangakananina lo engumgibe kuti? Zundulule amadoda lawo, aye kukonza uyehova, utixo wawo: akukazi na, ukuba i‐Jipete seitshabalele? 8Kwaza kwabuyiswa u‐Mosesi no‐Arone ukuza ku‐Faro, owati kubo: Hambani, konzani uyehova, utixo wenu! kodwa ngubanina nobanina abaya kuhamba? 9Wayesiti u‐Mosesi: Sohamba sinabatsha betu nabadala betu; sohamba sinonyana betu nentombi zetu, sinegusha zetu nenkomo zetu; ngokuba sinawo umtendeleko kayehova. 10Waza wati kubo: Makabe njalo uyehova ukuba nani, njengokuba ndiya kunindulula nina nabantwana benu! lumkani, ngokuba ububi bupambi kwenu. 11Kungabi njalo! hambani ke nina ningamadoda, niye kukonza uyehova; ngokuba oko nibe nikufuna. Baza bagxotwa ebusweni buka‐Faro.
12Wandula uyehova wati ku‐Mosesi: Yolula isandla sako pezu kwelizwe le‐Jipete ngenxa yenkumbi, zize zinyukele pezu kwelizwe le‐Jipete, zidle yonke imifuno yelizwe elo, kwa konke okusalisiwe zizicoto. 13Wasuka u‐Mosesi wolula intonga yake pezu kwelizwe le‐Jipete, waza uyehova wazisa umoya wasempumalanga pezu kwelozwe, yonke leyomini nabo bonke obobusuku; kwati kwakusa, umoya wasempumalanga wazisa inkumbi. 14Zaza inkumbi zenyuka pezu kwalo lonke ilizwe le‐Jipete, zapumla kuyo yonke imida yase‐Jipete, into enzima kunene; ngapambili kuzo bekungeko nkumbi ezingako zinjengazo ezo, nasemva kwazo akusayi kubako ezinjalo. 15Ngokuba zibe zigubungela ubuso balo lonke ilizwe, lada lenziwa mnyama elozwe; zaza zatya yonke imifuno yomhlaba, nazo zonke iziqa̔mo zemiti ezazishiyiwe zizicoto; kwada akwasala nanye into eluhlaza emitini, nasemifunweni yasendle, kulo lonke ilizwe le‐Jipete.
16Wandula wanxama u‐Faro ukubiza u‐Mosesi no‐Arone; waza wati: Ndonile ngakuye uyehova, utixo wenu, nangakuni. 17Uze uti ke ngoko undixolele isono sam kube kaloku kodwa; kanjalo tandazani kuyehova, utixo wenu, ukuba asuse kum okukufa kupela. 18Wapuma ke ku‐Faro, waya watandaza kuyehova. 19Waza uyehova wajika umoya wentshonalanga onamandla kakulu, owafunqula inkumbi, waziwisa elwandle olubomvu; akwasala nanye inkumbi kuyo yonke imida yase‐Jipete. 20Kodwa uyehova wagwenxisa intliziyoka‐Faro, waza akandulula usapo luka‐Sirayeli.
21Wandula wati uyehova ku‐Mosesi: Yolula isandla sako ngasezulwini, kuze kubeko ubumnyama pezu kwelizwe le‐Jipete, kude kuveke ubumnyama. 22Wasuka u‐Mosesi wolula isandla sake ngasezulwini; kwaza kwabako ubumnyama obubungqingqwa kulo lonke ilizwe le‐Jipete imihla yamitatu: 23ababonana, kanjako akasuka mntu endaweni yake, ngaleyomihla mitatu: kanti kulo lonke usapo luka‐Sirayeli bekuko ukukanya emakayeni alo.
24Waza u‐Faro wabiza u‐Mosesi, wati: Hambani, konzani uyehova; kupela igusha zenu nenkomo zenu mazisaliswe; kwa nabantwana benu mabahambe nani. 25Koko wati u‐Mosesi: Uya kunika kanjalo ezandleni zetu imibingo namadini okutshiswa, ukuba sinikele kuyehova, utixo wetu. 26Nakanjako inkomo zetu ziya kuhamba nati; akuyi kusala nopupu lunye: ngokuba siya kucapula kuzo ukukonza uyehova, utixo wetu; kodwa asiyazi tina into esiya kukonza uyehova ngayo, side sifike kona.
27Kodwa uyehova wagwenxisa intliziyo ka‐Faro, waza akavuma ukubandulula. 28Waza wati u‐Faro kuye: Suka kum, uzilumkele, ungapindi ukubona ubuso bam; ngokuba mhlana ubonayo ubuso bam, uya kufa. 29Wayesiti u‐Mosesi: Unyanisile ukutsho; andisayi kupinda ukubona ubuso bako.

Iliyochaguliwa sasa

I‐Kesodusi 10: XHO1902A

Kuonyesha

Shirikisha

Nakili

None

Je, ungependa vivutio vyako vihifadhiwe kwenye vifaa vyako vyote? Jisajili au ingia