Chapa ya Youversion
Ikoni ya Utafutaji

I‐Kesodusi 11

11
1(Ngokuba ebete uyehova ku‐Mosesi: Kuseko isibeto sinye endiya kusizisa pezu kwo‐Faro napezu kwe‐Jipete; woti emveni kwoko anindulule kulendawo: kekaloku akunindulula, uya kugqibela ukunigxota apa. 2Teta kaloku ezindlebeni zabantu, ukuba onke amadoda abize kubamelwane bawo, nabo bonke abafazi babize kubamelwanekazi babo, impahla zesilivere, nempahla zegolide. 3Waye uyehova wanika abantu ufefe emehlweni ama‐Jipete. Kanjako indoda engu‐Mosesi ibinkulu kakulu ezweni le‐Jipete, emehlweni ezicaka zika‐Faro, nasemehlweni abantu.)
4Walekela u‐Mosesi wati: Utshilo uyehova ukuti: Ngapakati kwobusuku ndopuma ndiye pakati kwe‐Jipete; 5aeya kufa onke amazibulo asezweni le‐Jipete, kwa sezibulweni lika‐Faro ohleli eteroneni yake kude kube sezibulweni lesicakakazi esisemva kwelitye lokusila, kwa nawo onke amazibulo ezilo. 6Kwakuya kubako isikalo esikulu kulo lonke ilizwe le‐Jipete, ekungazanga kubeko esinjalo, nekungayi kubuya kubeko esinjalo. 7Kodwa ngakulo usapo luka‐Sirayeli akuyi kubako nenja eya kubaza ulwimi lwayo, nangakuye umntu nangakuso isilo; ukuze nikwazi okokuba uyehova uyenza isahlulo pakati kwama‐Jipete nama‐Sirayeli. 8Ziya kwandula zihle zonke ezizicaka zako zize kum, zizitobe pambi kwam, zisiti: Puma wena, nabo bonke abantu abasezinyaweni zako; ndoti emveni kwoko ndipume ke. Waza wapuma ebusweni buka‐Faro ngobushushu bengqumbo.
9Kekaloku wabete uyehova ku‐Mosesi: Akayi kunipulapula u‐Faro, ize yenziwe mininzi imimangaliso yam ezweni le‐Jipete.
10Bati u‐Mosesi no‐Arone benza yonke lemimangaliso ebusweni buka‐Faro; waye uyehova wagwenxisa intliziyo ka‐Faro, waza akandulula usapo luka‐Sirayeli elizweni lake.

Iliyochaguliwa sasa

I‐Kesodusi 11: XHO1902A

Kuonyesha

Shirikisha

Nakili

None

Je, ungependa vivutio vyako vihifadhiwe kwenye vifaa vyako vyote? Jisajili au ingia