Chapa ya Youversion
Ikoni ya Utafutaji

I‐Kesodusi 13

13
1Wandula wateta uyehova ku‐Mosesi, esiti: 2Wenze ngcwele kum onke amazibulo, kwa konke kuzityulwa ngako pakati kwosapo luka‐Sirayeli, okwabantu nokwezilo; kukokwam oko.
3Waye u‐Mosesi wati ebantwini: Wukumbuleni lomhla, enipumile ngawo e‐Jipete, endlwini yobukoboka; ngokuba ngokwomelela kwesandla uyehova wanikupa kulendawo: ngako akuyi kutyiwa okunegwele. 4Namhla nje napuma ke, ngenyanga engu‐Abibe. 5Kwakuya kuti, xeshekweni uyehova akuzisile elizweni laba‐Kanane, nama‐Hete, naba‐Amori, nama‐Hivi, nama‐Yebusi, elo wabafungela oyihlo bako ukuba akupe lona, ilizwe elela ubisi nobusi, wandule uyenze lenkonzo ngalenyanga. 6Intsuku zoba sixe̔nxe uya kuzidla izonka ezingenagwele ngazo, nangolwesixe̔nxe usuku kwobako umtendeleko kuyehova. 7Izonka ezingenagwele zotyiwa intsuku ezo zosixe̔nxe: akuyi kubonwa ngakuwe okubiliswayo; kanjalo aliyi kubonwa ngakuwe igwele kuyo yonke imida yako. 8Wauya kushumayela kunyana wako ngomhla lowo, usiti: Oku kwenziwe ngenxa yoko uyehova wandenzelayo, ndakupuma e‐Jipete. 9Kanjalo kwoba ngumqondiso kuwe pezu kwesandla sako, nenkumbuzo pakati kwamehlo ako, uze umteto kayehova ube semlonyeni wako: ngokuba ngesandla esomeleleyo uyehova wakukupa e‐Jipete. 10Ngako uya kugcina lommiselwa ngexesha lawo, kwiminyaka ngeminyaka.
11Kwakuya kuti, xeshekweni uyehova aya kukuzisa ezweni laba‐Kanane, njengokuba ebefunga kuwe nakoyihlo bako, akupe lona; 12uya kwandula wahlukanisele uyehova konke kuzityulwa ngako, nawo onke amazibulo avela kwizilo onazo; amaduna oba nga kayehova. 13Kodwa onke amazibulo eqwaṙashe uya kukulula wona ngexwana; ukuba kanti akuyi kuwakulula, wowapula intamo; kanjalo onke amazibulo abantu pakati kwonyana bako uya kuwakulula.
14Kwakuya kuti, xeshekweni unyana wako aya kukubuza ngexesha elizayo, esiti: Iyinina lento? wandule ukuti kuye: Ngokwomelela kwesandla wabesikupa uyehova e‐Jipete, endlwini yobukoboka: 15ngokuba bekute, nxa u‐Faro wakwenza umgushanxa ukusindulula, wandula uyehova wabulala onke amazibulo ezweni le‐Jipete, kwa namazibulo abantu, namazibulo ezilo: kukona ndibingela uyehova konke kuzityulwa ngako, okuzinkunzi; kodwa onke amazibulo onyana bam ndiyawakulula. 16Kwakuya kuba ngumqondiso pezu kwesandla sako, nembasa pakati kwamehlo ako: ngokuba ngokwomelela kwesandla wabesikupa uyehova e‐Jipete.
17KWAYE kute, xeshekweni u‐Faro ebendulule abantu, waza utixo akabakapa ngendlela yasezweni lama‐Filistiya, nakuba leyo ibifutshane; ngokuba ebesiti utixo: Hleze abantu babe nosizi bakubona imfazwe, baze babuyele e‐Jipete. 18Kodwa utixo wabazekelelisa abantu ngendlela yasentlango yolwandle olubomvu. Lwati usapo luka‐Sirayeli lwenyuka ezweni le‐Jipete luxo̔bile.
19Waye u‐Mosesi watabata naye amatambo ka‐Josefe; ngokuba yena ebekolisile ukulufungisa usapo luka‐Sirayeli, esiti: Utixo wonikumbula ngenyaniso; naniya kunyusa amatambo am kulendawo kunye nani.
20Baye benduluka e‐Sukote, baya bati waca e‐Etame, ngasesipelweni sentlango. 21Waza uyehova wahamba pambi kwabo, emini entsikeni yelifu, ukuba abakokele endleleni, nasebusuku entsikeni yomlilo, ukuba abakanyisele, kuze kuhanjwe emini nasebusuku. 22Ayemka intsika yelifu emini, kwa nentsika yomlilo ebusuku, ebusweni babantu.

Iliyochaguliwa sasa

I‐Kesodusi 13: XHO1902A

Kuonyesha

Shirikisha

Nakili

None

Je, ungependa vivutio vyako vihifadhiwe kwenye vifaa vyako vyote? Jisajili au ingia