Chapa ya Youversion
Ikoni ya Utafutaji

I‐Kesodusi 14

14
1Wandula wateta uyehova ku‐Mosesi, esiti: 2Teta nosapo luka‐Sirayeli, ukuba lujike luti waca pambi kwe‐Pihahirote, pakati kwe‐Migidole nolwandle, malungana ne‐Bali‐tsefone: pambi kwayo niya kuti waca ngaselwandle. 3Waeya kuti u‐Faro ngalo usapo luka‐Sirayeli: Luxakekile elizweni; intlango iluvalele. 4Ndize ndigwenxise intliziyo ka‐Faro, ukuba woluputuma: ndandiya kubekwa ngaye u‐Faro, nangayo yonke impi yake, ukuze akwazi ama‐Jipete ukuba mna ndi nguyehova. Lwenje njalo ke.
5Kwati kwakuxelwa kukumkani we‐Jipete ukuba abantu besabile, yandula yaguqulwa intliziyo ka‐Faro, neyezicaka zake, ngakubo abantu, bati: Kunganina ukuba siyenze lento, yokokuba sibandulule o‐Sirayeli ekusikonzeni? 6Waza waselebopa inqwelo yake yokulwa, watabata naye abantu bake. 7Watabata zazimakulu matandatu inqwelo zokulwa ezinyuliweyo, nazo zonke inqwelo zokulwa zase‐Jipete, nenjengele pezu kwazo zonke ngazinye. 8Ngokuba uyehova ebegwenxisile intliziyo ka‐Faro, yokumkani we‐Jipete, waza waputuma usapo luka‐Sirayeli; kodwa usapo luka‐Sirayeli beluse lupumile ngesandla esipakamileyo. 9Asuka ama‐Jipete aluputuma, alufumana lute waca ngaselwandle; (onke amahashe nenqwelo zokulwa zika‐Faro, nabakweli bake bamahashe, nempi yake;) kufupi ne‐Pihahirote, ngapambi kwe‐Bali‐tsefone.
10Kwati akusondela u‐Faro, lwandula usapo luka‐Sirayeli lwapakamisa amehlo alo, kekaloku nangaya ama‐Jipete ehamba emva kwalo; lwoyika kakulu ke; lwaza usapo luka‐Sirayeli lwakala kuyehova. 11Lwaye lusiti ku‐Mosesi: Kungokuba kube kungeko mancw̔aba e‐Jipete na, lento usifudusileyo sifele entlango? kunganina ukuba wenje njalo kuti, ukuba usikupile e‐Jipete? 12Asi lilo na ilizwi esalitetayo kuwe e‐Jipete, sisiti: Siyeke, size siwakonze ama‐Jipete? Ngokuba kunge kusilungele okokuba sikonze ama‐Jipete, ngapezu kwokokuba sifele entlango.
13Koko wati u‐Mosesi ebantwini: Ningoyiki, yimani, nibone usindiso lukayehova, aya kunenzela namhla nje; ngokuba ama‐Jipete eniwabonileyo namhla nje, ningasayi kupinda ukuwabona kude kube ngunapakade. 14Uyehova uya kunilwela, noba niti tu nina.
15Waza wati uyehova ku‐Mosesi: Yinina ukuba ukale kum? Teta nosapo luka‐Sirayeli, ukuba lunduluke: 16uze wena upakamise intonga yako, usolule isandla sako ngapezu kwolwandle, ulucande: lwoti usapo luka‐Sirayeli luye pakati kwolwandle pezu kwowomileyo umhlaba. 17Nam, bona ke, ndozigwenxisa intliziyo zama‐Jipete, aeya kuza emva kwalo; ndandiya kubekwa ugaye u‐Faro nangayo yonke impi yake, ngazo inqwelo zake zokulwa nangabo abakweli bake bamahashe. 18Aeya kukwazi ama‐Jipete ukuba mna ndi nguyehova, ndakubekwa ngo‐Faro, nangenqwelo zake zokulwa, nangabakweli bake bamahashe.
19Yaza ingelosi katixo, ebihamba pambi kwomkosi wama‐Sirayeli, yesuka yaya ngasemva kwawo; yati nentsika yelifu yesuka ebusweni bawo, yema ngasemva kwawo. 20Yeza pakati kwomkosi wama‐Jipete nomkosi wama‐Sirayeli; laye liba lilifu lobumnyama kwabaya, kanti labukanyisa ubusuku kwaba; waza omnye umkosi awasondela komnye bonke ubusuku obo.
21Waye u‐Mosesi wolula isandla sake ngapezu kwolwandle; wandula uyehova wemkisa ulwandle ngomoya onamandla wasempumalanga bonke ubusuku obo, walwenza ulwandle lube ngumhlaba owomileyo, ati amanzi acandeka. 22Lwaza usapo luka‐Sirayeli lwaya pakati kwolwandle pezu kwowomileyo umhlaba; aza amanzi aba ludonga kulo ngesokunene salo nangesokohlo salo.
23Aputuma ke ama‐Jipete, angena emva kwalo, onke amahashe ka‐Faro, inqwelo zake zokulwa, nabakweli bake bamahashe, kwa pakati kwolwandle. 24Kwaza kwati ngelokusa ivaṙasho, wakangela uyehova ngasemkosini wama‐Jipete ngayo intsika yomlilo nelifu, wapitizelisa umkosi wama‐Jipete; 25wahlangula nevili zenqwelo zawo zokulwa, wazihambisa ngokunzima; ada ati ama‐Jipete: Masisabe ebusweni bama‐Sirayeli, ngokuba uyehova elwela wona ngakuwo ama‐Jipete. 26Waza uyehova wati ku‐Mosesi: Yolula isandla sako ngapezu kwolwandle, aze amanzi abuyele pezu kwama‐Jipete, pezu kwenqwelo zawo zokulwa, napezu kwabakweli bawo bamahashe. 27Wasuka u‐Mosesi wolula isandla sake ngapezu kwolwandle; lwandula ulwandle lwabuyela ekweleni kwalo okufuti, kwakuza kusa; ati ama‐Jipete esaba ngakulo; waza uyehova wavutulula ama‐Jipete pakati kwolwandle. 28Ngokuba ebebuya amanzi lawo, aselela inqwelo zokulwa, nabakweli bamahashe, kunye nayo yonke impi ka‐Faro ebingene emva kwawo elwandle; akwasala kubo kwa namnye. 29Kodwa usapo luka‐Sirayeli lwahamba pezu kwowomileyo umhlaba pakati kwolwandle; ati amanzi aba ludonga kulo ngesokunene salo nangesokohlo salo.
30Kwa njalo ke uyehova wasindisa o‐Sirayeli ngalomhla esandleni sama‐Jipete; baza o‐Sirayeli babona ama‐Jipete efile ngaselunxwemeni lwolwandle. 31Kanjalo babona o‐Sirayeli lowomsebenzi umkulu, owayewenzile uyehova pezu kwama‐Jipete; baye abantu besoyika uyehova, bakolwa nguyehova nokukolwa, nangu‐Mosesi isicaka sake.

Iliyochaguliwa sasa

I‐Kesodusi 14: XHO1902A

Kuonyesha

Shirikisha

Nakili

None

Je, ungependa vivutio vyako vihifadhiwe kwenye vifaa vyako vyote? Jisajili au ingia