Chapa ya Youversion
Ikoni ya Utafutaji

I‐Kesodusi 22

22
1Xeshekweni umntu eba̔yo inkabi, umhlaumbi igusha, aze ayixe̔le, umhlaumbi atengise ngayo, uya kubuyekeza inkomo zibe ntlanu ngenxa yenkabi nye, negusha zibe ne ngenxa yegusha nye.
2Ukuba isela liyafunyanwa ekugqobozeni, lize libetwe lide life, akayi kuba natyala legazi obelibeta. 3Ukuba lipumile ilanga pezu kwalo, woba netyala legazi olibetayo; logqibela ukubuyekeza; ukuba alinanto, kwotengiswa ngalo ngenxa yokuba̔ kwalo. 4Ukuba iyafunyanwa ngenyaniso esandleni salo into ebi̔weyo ipilile, nokuba yinkabi, nokuba liqwaṙashe, nokuba yigusha, lobuyekeza ngokupindiweyo.
5Xeshekweni umntu aya kwenza intsimi idliwe, umhlaumbi sisitiya semiti yeveyine, aqu̔bele kona inkomo zake, zize zidle entsimini yomnye umntu; uya kubuyekeza kwa ngokulungileyo kweyake intsimi, nangokulungileyo kwesake isitiya semiti yeveyine.
6Xeshekweni upuma umlilo, ufumane ameva, kuze kugqityelwe izita zenqolowa, umhlaumbi yileyo isemiyo, umhlaumbi yintsimi; lowo upembileyo umlilo wobuyekeza ngenyaniso.
7Xeshekweni umntu anikela kummelwane wake imali, umhlaumbi impahla, ukuba igcinwe, ize ibi̔we endlwini yalomntu; ukuba liyafunyanwa isela, liya kubuyekeza ngokupindiweyo. 8Ukuba alifunyanwa isela, umnini walondlu uya kusondezwa kubagwebi, abuzwe ukuba akolulanga isandla sake ngakuyo impahla yommelwane wake kusinina. 9Pezu kwendawo zonke zokwona, pezu kwenkabi, pezu kweqwaṙashe, pezu kwegusha, pezu kwengubo, pezu kwako konke okulahlekileyo, atshoyo omnye ngako ukuba kokwake, indawo yabo bobabini yoza pambi kwabagwebi; ati lowo abagwebi baya kumgweba, abuyekeze ngokupindiweyo kummelwane wake.
10Xeshekweni umntu anikela kummelwane wake iqwaṙashe, umhlaumbi inkabi, umhlaumbi igusha, umhlaumbi esinye isilo, ukuba sigcinwe, size sife, umhlaumbi sapulwe, umhlaumbi sitinjwe, kungeko obonayo; 11isifungo sikayehova soba pakati kwabo bobabini, sokuba akolulanga isandla sake ngakuyo impahla yommelwane wake; andule umniniso asamkele, angabuyekezi. 12Kanti ukuba sibi̔we kanye kuye, wobuyekeza kumniniso. 13Ukuba siqwengiwe kanye, makasizise sibe linqi̔na: akayi kubuyekezela okuqwengiweyo.
14Kanjalo xeshekweni umntu aboleka into kummelwane wake, ize yapulwe, umhlaumbi ife, umniniyo engeko nayo, wobuyekeza ngenyaniso. 15Ukuba umniniyo uko nayo, akayi kubuyekeza: ukuba iyinto eqeshiweyo, yeza ngenxa yomvuzo wayo.
16Nxa indoda ihendayo intombi engaxanyiweyo, ide ilale nayo, yosel’ iyilobolela ukuba ibe ngumfazi wayo. 17Ukuba uyise uyala kanye ukuyinika kuyo, yor̔ola imali njengekazi lentombi.
18Akuyi kuvuma isanusekazi sipile.
19Osukuba elala nesilo uya kufiswa ngenyaniso.
20Obingela otixo bambi, ngapandle kwake uyehova yedwa, wolahlelwa ekutshabalaleni.
21Akuyi kumkataza owasemzini, akuyi kumucinezela kanjako; ngokuba nibe ningabasemzini ezweni le‐Jipete.
22Aniyi kubandezela namnye umhlolokazi nenkedama. 23Ukuba uka ubabandezele, nokuba baka bakale kum, ndiya kukuva ngenyaniso ukukala kwabo; 24yandule ivute ingqumbo yam, ndize ndinibulale nina ngesiṙele; bati abafazi benu babe ngabahlolokazi, nabantwana benu babe zinkedama.
25Ukuba uyaboleka omnye wabantu bam olihlwempu ngakuwe imali, akuyi kuba kuye njengomboleki obang’ inzuzo; akuyi kubeka pezu kwake inzuzo enkulu. 26Ukuba uka utabate ingubo yommelwane wako ibe ngumbambiso, woyibuyisela kuye lingekatshoni ilanga: 27ngokuba yona isisigubungelo sake yodwa; iyingubo yake pezu kwentlonze yake: ebeya kulala nganto nina? kwakuya kuti, nxa akala kum, ndandule ukuva: ngokuba ndinofefe mna.
28 Utixo akuyi kumtuka, nenkosi pezu kwabantu bako akuyi kuyiqalekisa.
29Ulibo lwenqolowa yako nolweveyine yako ungalibali ukunikela ngalo: owamazibulo konyana bako uya kumnika kum. 30Uya kwenje njalo ngenkomo zako nangegusha zako; zoba nonina imihla ibe sixe̔nxe; ngomhla wesibozo uya kuzinika kum.
31Naniya kuba ngabantu abangcwele kum: kanjako inyama eqwengiweyo ezindle aniyi kuyidla; yona niya kuyiposa ezinjeni.

Iliyochaguliwa sasa

I‐Kesodusi 22: XHO1902A

Kuonyesha

Shirikisha

Nakili

None

Je, ungependa vivutio vyako vihifadhiwe kwenye vifaa vyako vyote? Jisajili au ingia