Chapa ya Youversion
Ikoni ya Utafutaji

I‐Kesodusi 6

6
1Waza uyehova wati ku‐Mosesi: Kaloku uya kubona oko ndiya kukwenza ku‐Faro; ngokuba ngesandla esinamandla eya kubandulula, nangesandla esinamandla eya kubagxota elizweni lake.
2WABUYA wateta utixo ku‐Mosesi, wati kuye: Mna ndi nguyehova. 3Ndabonakala ku‐Abrahame, ku‐Yisake, naku‐Yakobi, ngokuba ngutixo onamandla onke; kodwa ngegama lam eli nguyehova, bendingazeki kubo. 4Kanjalo ndilumisile ucebano lwam nabo, lwokuba ndibape ilizwe le‐Kanane, ilizwe lokupambukela kwabo, elo babengabasemzini kulo. 5Nakanjalo ndikuvile ukugula kwosapo luka‐Sirayeli, olukonzisiweyo ngama‐Jipete; nocebano lwam ndilukumbule. 6Yiti ke ngoko elusatsheni luka‐Sirayeli: Mna ndi nguyehova; ndonipumisa kwa pantsi kwemitwalo yama‐Jipete, ndinihlangule nasebukonzini bawo; ndandiya kunikulula ngengalo eyolulweyo, nangemigwebo emikulu; 7ndoti kanjalo ndinitabate nibe ngabantu kum, ndize mna ndibe ngutixo kuni; naniya kukwazi ukuba ndi nguyehova, utixo wenu, onipumisayo kwa pantsi kwemitwalo yama‐Jipete. 8Ndandiya kunizisa kwelozwe, endandipakamisa isandla sam ukuba ndilinike ku‐Abrahame, ku‐Yisake, naku‐Yakobi; lona ndolinika kuni libe lilifa: mna ndi nguyehova.
9Waza u‐Mosesi wateta ngokunjalo elusatsheni luka‐Sirayeli; kuloko belungampulapuli u‐Mosesi, ngenxa yokucapuka kwomoya, nangenxa yenkonzo elukuni.
10Wabuya wateta uyehova ku‐Mosesi, esiti: 11Yiya utete ku‐Faro ukumkani we‐Jipete, ukuba andulule usapo luka‐Sirayeli ezweni lake. 12Koko u‐Mosesi wateta ebusweni bukayehova, esiti: Bona ke, usapo luka‐Sirayeli alundipulapulanga; woti nina ngoko ukundipulapula u‐Faro, ndingomlomo ungalukanga nje? 13Waza wateta uyehova ku‐Mosesi, naku‐Arone, wabayalezela elusatsheni uka‐Sirayeli, naku‐Faro ukumkani we‐Jipete, ukuba makupunyiswe usapo luka‐Sirayeli ezweni le‐Jipete.
14KEKALOKU aba ngabazintloko zendlu zoyise zalo: onyana baka‐Rubene, owamazibulo ka‐Sirayeli; u‐Hanoki no‐Palu, u‐Hetserone no‐Kami: zizo ezi izizalwane zika‐Rubene. 15Nonyana baka‐Simone; u‐Jemuweli, no‐Yamine, no‐Ohadi, no‐Yakine, no‐Tsohare, no‐Saule unyana wom‐Kananekazi: zizo ezi izizalwane zika‐Simone.
16Ngawo la amagama onyana baka‐Levi ngezizukulwana zabo; u‐Gereshone, no‐Kohati, no‐Merari: iminyaka yokuhlala kuka‐Levi ibiyiminyaka elikulu linamashumi matatu anesixe̔nxe. 17Onyana baka‐Gereshone; u‐Libeni no‐Shimehi, ngezizalwane zabo. 18Nonyana baka‐Kohati; u‐Hamerame, no‐Yitsare, no‐Hebrone, no‐Huziyeli: iminyaka yokuhlala kuka‐Kohati ibiyiminyaka elikulu linamashumi matatu anesitatu. 19Nonyana baka‐Merari; u‐Mahali no‐Mushi. Ezi zizizalwane zika‐Levi ngezizukulwana zazo.
20Waye u‐Hamerame wazeka u‐Yokebedi, udade woyise, abe ngumfazi wake; owamzalela u‐Mosesi no‐Arone: iminyaka yokuhlala kuka‐Hamerame ibiyiminyaka elikulu linamashumi matatu anesixe̔nxe. 21Nonyana baka‐Yitsare; u‐Kora, no‐Nefege, no‐Zikeri. 22Nonyana baka‐Huziyeli; u‐Mishayeli, no‐Elitsafane, no‐Siteri. 23Waye u‐Arone wazeka u‐Elisheba, intombi ka‐Haminadabi, udade ka‐Nahashone, abe ngumfazi wake; owamzalela u‐Nadabi, no‐Abihu, no‐Elezari, no‐Yitamare. 24Nonyana baka‐Kora; u‐Asire, no‐Lekana, no‐Abiyasafa: zizo ezi izizalwane zama‐Kora. 25Waye u‐Elezari, unyana ka‐Arone, wazeka enye ezintombini zika‐Putiyeli ibe ngumfazi wake; eyamzalela u‐Finehasi. Aba ngabazintloko zendlu zoyise zaba‐Levi ngezizalwane zabo.
26Nguló u‐Arone no‐Mosesi wabesiti kubo uyehova: Pumisani usapo luka‐Sirayeli elizweni le‐Jipete ngemikosi yalo. 27Ngaba bona ababeteta ku‐Faro, ukumkani we‐Jipete, ukuba makupunyiswe usapo luka‐Sirayeli e‐Jipete: nguló u‐Mosesi no‐Arone.
28KWAYE kute, emhleni wateta uyehova no‐Mosesi ezweni le‐Jipete, 29wandula wateta uyehova ku‐Mosesi, esiti: Mna ndi nguyehova; teta ku‐Faro, ukumkani we‐Jipete, konke endikuteta kuwe. 30Koko u‐Mosesi wati ebusweni bukayehova: Bona ke, ndingomlomo ungalukanga nje, woti nina ukundipulapula u‐Faro?

Iliyochaguliwa sasa

I‐Kesodusi 6: XHO1902A

Kuonyesha

Shirikisha

Nakili

None

Je, ungependa vivutio vyako vihifadhiwe kwenye vifaa vyako vyote? Jisajili au ingia