Chapa ya Youversion
Ikoni ya Utafutaji

I‐Genesise 12

12
1KEKALOKU uyehova ebetshilo ku‐Abrame ukuti: Hamba, umke elizweni lakowenu, nasesalamaneni sako, nasendlwini kayihlo, uye elizweni endiya kukubonisa lona. 2Ndaye ndiya kukwenza ube sisizwe esikulu, ndikutamsanqele, ndilenze likulu igama lako; uze ube litamsanqa ke. 3Ndandiya kutamsanqela abo abatamsanqela wena, nalowo okuqalekisayo ndiya kuqalekisa yena; kanjalo ziya kutanyusanqelwa ngawe zonke izizalwane zomhlaba.
4Waza wemka u‐Abrame, njengokuba ebetetile kuye uyehova; wahamba naye no‐Lote: waeyiminyaka engamashumi asixe̔nxe anamihlanu u‐Abrame ubudala bake, akupuma e‐Karane. 5Waye u‐Abrame watabata u‐Sarai umfazi wake, no‐Lote unyana womkuluwe wake, nayo yonke impahla yabo ababeqwebe yona, nemipefumlo ababeyizuzile e‐Karane; baza bapuma ukuya elizweni le‐Kanane; bada batika elizweni le‐Kanane.
6Waye u‐Abrame wacanda kwelozwe kwada kwakuyo indawo ye‐Shekeme, kuyo iyeke ka‐More. Babeko aba‐Kanane oko elizweni elo. 7Waza uyehova wabonakala ku‐Abrame, wati: Kwinzalo yako ndiya kunika elilizwe. Wandu ukwakela kona isibingelo kuyehova, obebonakele kuye.
8Wafuduka kona waya entabeni engasempumalanga ye‐Betele, wamisa intente yake, i‐Betele ingasentshonalanga, ne‐Hahai ingasempumalanga: wayesaka nakona isibingelo kuyehova, wabiza egameni likayehova. 9Wasuka u‐Abrame wahamba, esahambela ngasesuyide.
10Kwaye bekuko indlala kwelozwe: waza wehla u‐Abrame ukuya e‐Jipete, aze ahlale mzuzu kona; ngokuba indlala ibinzima kwelozwe. 11Kwabekute, xeshekweni asondela ukungena e‐Jipete, wandula wati ku‐Sarai umfazi wake: Kekaloku bona ke, ndiyazi ukuba ungumfazi okubonakala kuhle. 12Kwoti ke ngoko, akuba ekubona ama‐Jipete, aya kuti: Ngumfazi wake lo; aze andibulale mna, kodwa wena akulondoloze uhleli. 13Yiti ke ngoko, ungudade wam; ukuze kulunge kum ngenxa yako, uti umpefumlo wam udle ubomi ngetuba lako.
14Kwaza kwati, akuba efikile u‐Abrame e‐Jipete, abona ama‐Jipete lomfazi ukuba ugqitisile ngokuba mhle. 15Zaye zimbona nenkosana zika‐Faro, zamncoma ebusweni buka‐Faro; waza wasiwa umfazi lowo endlwini ka‐Faro. 16Owenza ngokulungileyo ku‐Abrame ngenxa yake; ude wanazo izimvu, nenkabi, namaqwaṙashe, nezicaka, nezicakakazi, namaqwaṙashekazi, nenkamela. 17Kanti uyehova wabeta u‐Faro ngezibeto ezikulu, kwa nendlu yake, ngendawo ka‐Sarai umfazi ka‐Abrame. 18Waza u‐Faro wambiza u‐Abrame, wati: Yinina lento uyenzileyo kum? kunganina ukuba ubungandixeleli okokuba ungumfazi wako? 19Wautsholo nina ukuti: Ungudade wam? bendingaba ndimzekile nje abe ngumfazi wam: kodwa kaloku, nanku umfazi wako; mtabate, uhambe ke. 20Waye u‐Faro wayalela amadoda ake ngaye, aza amndulula yena, nomfazi wake, nako konke abenako.

Iliyochaguliwa sasa

I‐Genesise 12: XHO1902A

Kuonyesha

Shirikisha

Nakili

None

Je, ungependa vivutio vyako vihifadhiwe kwenye vifaa vyako vyote? Jisajili au ingia