Chapa ya Youversion
Ikoni ya Utafutaji

I‐Genesise 14

14
1KWAYE kute emihleni ka‐Amrafele ukumkani we‐Shinare, no‐Ariyoke ukumkani we‐Elasare, no‐Fedorelahomere ukumkani we‐Helami, no‐Tidali ukumkani wezizwe; 2benza imfazwe bona ngakuye u‐Bera ukumkani we‐Sodome, nangakuye u‐Biresha ukumkani we‐Gomora, no‐Shinabe ukumkani we‐Adema, no‐Shemebere ukumkani we‐Tseboyime, nokumkani we‐Bela, ekwa yiyo i‐Tsohare. 3Bonke aba bahlanganisana emhlanjeni we‐Sidime, olulo ulwandle olutyuwa. 4Babekonzile ku‐Kedorelahomere iminyaka yalishumi linamibini; kodwa ngoweshumi linesitatu umnyaka bavukela ngakuye. 5Kwaza kwati, ngomnyaka weshumi elinesine, weza u‐Kedorelahomere, kwa nokumkani ababenaye, babeta ama‐Rafa e‐Hashetarote‐kanayime, nama‐Zuzi e‐Hame, nama‐Eyime e‐Shave‐kiriyatayime, 6nama‐Hori entabeni yawo ye‐Sehire, kwada kwase‐Eliparane, engasentlango. 7Bandula babuya, beza kutika e‐Hene‐mishepati, ekwa yiyo i‐Kadeshe, babeta lonke ilizwe lama‐Amaleki, kwa naba‐Amori, abo bahlala e‐Hatsetsone‐tamare.
8Kwaza kwapuma ukumkani we‐Sodome, nokumkani we‐Gomora, nokumkani we‐Adema, nokumkani we‐Tseboyime, nokumkani we‐Bela, ekwa yiyo i‐Tsohare: baye belungisa ukulwa nabo emhlanjeni we‐Sidime; 9kwa naye u‐Kedorelahomere ukumkani we‐Helami, no‐Tidali ukumkani wezizwe, no‐Amrafele ukumkani we‐Shinare, no‐Ariyoke ukumkani we‐Elasare; okumkani abahlanu besilwa nabane. 10Kekaloku umhlambo we‐Sidime ubuneminxuma ngeminxuma yodaka: kwesaba ukumkani we‐Sodome nowe‐Gomora, benzakala kona: bati abaseleyo besabela entabeni. 11Baza basusa yonke impahla yase‐Sodome ne‐Gomora, nako konke ukutya kwabo, bemka ke. 12Bamsusa no‐Lote, unyana womkuluwe ka‐Abrame, nempahla yake, baza bemka: ngokuba ebehlala yena e‐Sodome.
13Waza wafika osindileyo, washumayela ku‐Abrame um‐Hebere; ngokuba ebemi yena ngasesiyekeni sika‐Mamre um‐Amori, umkuluwe ka‐Shekole, nomkuluwe ka‐Hanere; aba bebengabatelelani baka‐Abrame. 14Wati akuba evile u‐Abrame okokuba umzalwana wake utinjiwe, wapuma nezicaka zake eziqelisiweyo, zizelwe endlwini yake, zingamakulu matatu aneshumi linesibozo, wabaputuma kude kwase‐Dane. 15Waza wahlukahluka ngakubo ngobusuku, yena nezicaka zake, wababeta; waye ebaputuma kwada kwase‐Hoba, engasekohlo kwe‐Damakusi. 16Wabuyisa yonke impahla, no‐Lote umzalwana wake wambuyisa naye, nempahla yake, kwa nabafazi, nabantu.
17Wandula wapuma ukumkani we‐Sodome ukuya kumkaulela, emveni kwokubuya kwake ekubetweni kuka‐Kedorelahomere, nokwokumkani ababenaye, emhlanjeni we‐Shave, okwa nguwo umhlambo wokumkani. 18Wati no‐Makizedeki, ukumkani we‐Saleme, wapuma nesonka neveyine; waye yena ebengumperisite katixo opezu konke. 19Waza wamtamsanqela, wati: Makatanyusanqelwe u‐Abrame ngutixo opezu konke, ofuya izulu nomhlaba! 20Makabongwe notixo opezu konke, oyekelele intshaba zako esandleni sako! Waza wamnika isishumi sako konke.
21Wayesiti ukumkani we‐Sodome kuye u‐Abrame: Ndinike mna iziqu, uze wena uzitabatele impahla. 22Wati kodwa u‐Abrame kukumkani we‐Sodome: Isandla sam ndisipakamisele kuyehova, kutixo opezu konke, ofuya izulu nomhlaba, 23okokuba andiyi kutabata kwa kulo usinga kude kube liṙwintsela lesihlangu, nokuba andiyi kutabata nanye into eyeyako, ukuze ungatsho ukuti: Ndim owamtyebisayo u‐Abrame. 24Okwam, makube koko bakutyileyo abafana kupela, nesahlulelwa salamadoda abehamba nam, u‐Hanere, u‐Shekole, no‐Mamre; mabatabate bona isahlulelwa sabo.

Iliyochaguliwa sasa

I‐Genesise 14: XHO1902A

Kuonyesha

Shirikisha

Nakili

None

Je, ungependa vivutio vyako vihifadhiwe kwenye vifaa vyako vyote? Jisajili au ingia